| ← Isaiah (23/66) → |
| 1. | Isihlabo esisingisele kwiTire. Bhombolozani, nina zinqanawa zaseTarshishe, ngokuba ibhuqiwe, akwabakho ndlu, akwabakho kungena. |
| 2. | Bakutyhilelwe ezweni lamaKiti. Yithini cwaka, bemi bonxweme; wena uzaliswe ngabarhwebi baseTsidon, abawela ulwandle. |
| 3. | Yayisemanzini amakhulu imbewu yaseSihore, ukuvuna koMnayile kwaba lungeniselo kuyo; yaba yindawo yokurhweba kweentlanga. |
| 4. | Dana, Tsidon; kuba luthethile ulwandle, inqaba yolwandle, lwathi, Andizibhijabhijanga, andizalanga, andikhulisanga mlisela, andondlanga mthinjana. |
| 5. | Lothi lwakuthi ukuthi ukufika olu daba eYiputa, basuke bazibhijabhije ngodaba olungeTire. |
| 6. | Welelani niye eTarshishe; bhombolozani, bemi bonxwene. |
| 7. | Kunje na kuwe, wena mvuyeleli, ukuvela kwakho kukho kwasemihleni yamandulo, iinyawo zakho zakusa kude, ukuba uye kuthi vu? |
| 8. | Ngubani na lo ucebe le nto ngeTire, ngomzi othwesa ngezithsaba, obarhwebi bawo bangabathetheli, obathengeli bawo bangabazukileyo behlabathi? |
| 9. | Icetywe nguYehova wemikhosi, ukuba angcolise ubungangamsha bamakhazikhazi onke, ukuba acukuceze bonke abazukileyo behlabathi. |
| 10. | Canda kulo ilizwe lakowenu njengoMnayile, ntombi inguTarshishe; akusekho luqhwemesha lukuxinileyo. |
| 11. | Isandla sakhe usolulele phezu kolwandle, ugungqise izikumkani. UYehova uwise umthetho ngelakwaKanan wokutshabalalisa iinqaba zalo. |
| 12. | Wathi, Akuyi kuba sabuya udlamke, nkazana idlwengulweyo, ntombi inguTsidon. SukĀ ume, welela kumaKiti; nalapho akuyi kuba nakuphumla. |
| 13. | Yabona, ilizwe lamaKaledi, ngabantu ababengekho; ama-Asiriya abamisela ukuba babe ngabomqwebedu; bamisa iimboniselo zabo, bezinqika iingxande zalo ezinde, bezenza umwewe. |
| 14. | Bhombolozani, zinqanawa zaseTarshishe, ngokuba ibhuqiwe inqaba yenu. |
| 15. | Kuya kuthi ngaloo mini, ilityalwe iTire iminyaka engamashumi asixhenxe, njengemihla yokumkani omnye. Ekupheleni kweminyaka engamashumi asixhenxe kuya kwenzeka kwiTire ngokwengoma yehenyukazi, ethi, |
| 16. | Thabatha uhadi uwujikajike umzi, henyukazi lilityelweyo; betha kamnandi; vuma iingoma ezininzi, ukuze ukhunjulwe. |
| 17. | Kuya kuthi ekupheleni kweminyaka emashumi asixhenxe, ayivelele iTire uYehova, ibuyele elutsheqweni lwayo, ihenyuzane nezikumkani zonke zehlabathi eziphezu komhlaba; |
| 18. | lube ngcwele kuYehova urhwebo lwayo notsheqo lwayo; aluyi kubekwa, aluyi kuqwetywa; kuba urhwebo lwayo luya kuba lolwabahleli phambi koYehova, ukuze badle bahluthe, nokuze bambathe ngokobunene. |
| ← Isaiah (23/66) → |