← Isaiah (21/66) → |
1. | Isihlabo esisingisele kwintlango yaselwandle. Njengezaqhwithi zasezantsi zikhukula, kuphuma into entlango, ezweni eloyikekayo. |
2. | Ndiboniswe umbono olukhuni: inginingini linginiza, umbhuqi ebhuqa. Nyuka, Elam; ngqinga, Madayi; ukuncwina kwabo konke ndiya kuphelisa. |
3. | Ngenxa yoko azele amanqe am kukuzibhijabhija, inimba indifikele njengenimba yozalayo; ndiyapenapena, andiva; ndikhwankqile, andiboni. |
4. | Intliziyo yam iyadinga, ukududuzela kundidandathekisile; ungcwalazi, into endiyilangazelelayo, ulwenze into endigubhisayo. |
5. | Kulungiswa isithebe, kuboniselwa umboniselo, kuyadliwa, kuyaselwavukani, bathetheli, thambisani iingweletshetshe. |
6. | Ngokuba itsho kum iNkosi, ukuthi, Yiya umise umboniseli, athi akubona into aze kuyixela. |
7. | Wabona umkhoko wabakhweli, abamahashe bengababini, nabakhweli bamaesile, nabakhweli beenkamela; wabaza iindlebe, wazibaza kakhulu kunene. |
8. | Wadanduluka ngelengonyama, esithi, Nkosi, kususela koko ndimi emboniselweni emini, ndizimisile esigxineni sam ubusuku ngobusuku. |
9. | Ke, yabona, kweza umkhoko wamadoda, abamahashe bengababini. Wasusela wathi, Iwile, iwile iBhabheli; yonke imifanekiso eqingqiweyo yoothixo bayo uyaphulele emhlabeni. |
10. | Wena, nto yam ibhuliweyo, ngqolowa yesanda sam, endikuvileyo kuYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ndikuxelile kuni. |
11. | Isihlabo esisingisele kothe cwaka. Omemeza kum ekwelakwaSehire, uthi, Mlindi, kuxa liphi na ebusuku? mlindi, kuxa liphi na ebusuku? |
12. | Uthi umlindi, Kuyeza ukusa, kwanobusuku. Ukuba niyabuza, buzani; buyani, yizani. |
13. | Isihlabo esisingisele kwelaseArabhi. KwelaseArabhi niya kulalisa emxawukeni, nina mikhoko yamaDedan. |
14. | Baziseleni amanzi abanxaniweyo; nina, bemi bakwaTema, nibakhawulele ngesonka abaphalaphalayo. |
15. | Ngokuba baphalaphaliswa ngamakrele, amakrele athiwe kruthu, nasisaphetha esityhidiweyo, nayimfazwe enzima. |
16. | Ngokuba iNkosi itshilo kum ukuthi, Kwakulo mnyaka, njengeminyaka yomqeshwa, buya kuphela ubuqaqawuli bonke bakwaKedare; |
17. | abe mbalwa amasalela enani lezaphetha zamagorha, oonyana bakaKedare; ngokuba uYehova uThixo kaSirayeli uthethile. |
← Isaiah (21/66) → |