Isaiah (18/66)  

1. Yeha ke, ilizwe lenzwinini yamaphiko, eliphesheya kwemilambo yakwaKushi:
2. elithuma izigidimi ngolwandle ngemikhombe yemikhanzi phezu kwamanzi! Ndithi, Hambani, bathunywa banamendu, niye kuhlanga olude, olugudileyo, kubantu aboyikekayo ngapha nangapha, kuhlanga olumithetho inzima, olugqushayo, olulizwe licandwacandwe yimilambo!
3. Nonke bemi belimiweyo, nani bahleli ehlabathini, xa kuthe kwenyuka ibhanile ezintabeni, khangelani; xa kuthe kwavuthelwa isigodlo, yivani.
4. Ngokuba utshilo uYehova kum ukuthi, Ndiya kuzola, ndibonele ndisendaweni yam; kufudumele, lisile, likho ilanga, kukho ilifu lombethe ekufudumaleni ngexa lokuvuna.
5. Kuba phambi kokuvuna, akugqibela ukuphuma amathupha, intyantyambo yakuba yidiliya emuncu: uya kuwanqumla amasebe ngesitshetshe, awasuse awavikive anabayo.
6. Onke aya kushiywa abe ngawamaxhalanga eentaba, abe ngawamarhamncwa elizwe; amaxhalanga adlulise ihlobo phezu kwawo, onke amarhamncwa elizwe adlulise ubusika phezu kwawo.
7. Ngelo xesha kuya kusiwa kuYehova wemikhosi isithabathaba, esingabantu abade, abagudileyo, bephuma kubantu aboyikekayo abangapha nangapha; kuhlanga olumithetho inzima, olugqushayo, olulizwe licandwacandwe yimilambo; sisiwe endaweni yegama likaYehova wemikhosi, entabeni yaseZiyon.

  Isaiah (18/66)