← Isaiah (18/66) → |
1. | Yeha ke, ilizwe lenzwinini yamaphiko, eliphesheya kwemilambo yakwaKushi: |
2. | elithuma izigidimi ngolwandle ngemikhombe yemikhanzi phezu kwamanzi! Ndithi, Hambani, bathunywa banamendu, niye kuhlanga olude, olugudileyo, kubantu aboyikekayo ngapha nangapha, kuhlanga olumithetho inzima, olugqushayo, olulizwe licandwacandwe yimilambo! |
3. | Nonke bemi belimiweyo, nani bahleli ehlabathini, xa kuthe kwenyuka ibhanile ezintabeni, khangelani; xa kuthe kwavuthelwa isigodlo, yivani. |
4. | Ngokuba utshilo uYehova kum ukuthi, Ndiya kuzola, ndibonele ndisendaweni yam; kufudumele, lisile, likho ilanga, kukho ilifu lombethe ekufudumaleni ngexa lokuvuna. |
5. | Kuba phambi kokuvuna, akugqibela ukuphuma amathupha, intyantyambo yakuba yidiliya emuncu: uya kuwanqumla amasebe ngesitshetshe, awasuse awavikive anabayo. |
6. | Onke aya kushiywa abe ngawamaxhalanga eentaba, abe ngawamarhamncwa elizwe; amaxhalanga adlulise ihlobo phezu kwawo, onke amarhamncwa elizwe adlulise ubusika phezu kwawo. |
7. | Ngelo xesha kuya kusiwa kuYehova wemikhosi isithabathaba, esingabantu abade, abagudileyo, bephuma kubantu aboyikekayo abangapha nangapha; kuhlanga olumithetho inzima, olugqushayo, olulizwe licandwacandwe yimilambo; sisiwe endaweni yegama likaYehova wemikhosi, entabeni yaseZiyon. |
← Isaiah (18/66) → |