Isaiah (17/66)  

1. Isihlabo esisingisele kwiDamasko. Yabona, iDamasko iya kususwa ekubeni ngumzi, ibe ngumwewe owileyo.
2. Ishiyiwe imizi yaseArohere; iya kuba yeyemihlambi, ibuthe khona, kungabikho uyothusayo;
3. ipheliswe inqaba kwaEfrayim nobukumkani kwiDamasko, amasalela ama-Aram abe njengobuqaqawuli boonyana bakaSirayeli; utsho uYehova wemikhosi.
4. Kuya kuthi ngaloo mini, busweleke ubuqaqawuli bukaYakobi, ingcumbeke inyama yakhe etyebileyo.
5. Kuya kuba njengomvuni ehlanganisa ingqolowa emiyo, ingalo yakhe isika izikhwebu, kube njengokubhikica izikhwebu esihlanjeni samaRafa;
6. kusale okubhikicwayo khona, njengasekuvuthululweni komnquma; amabhumbulu abe mabini namathathu emancamini phezulu, abe mane namahlanu ezimbaxeni zawo umthi oneziqhamo; utsho uYehova, uThixo kaSirayeli.
7. Ngaloo mini umntu uya kondela kuMenzi wakhe, amehlo akhe akhangele koyiNgcwele kaSirayeli;
8. anganoneleli izibingelelo, izenzo zezandla zakhe, angayikhangeli into eyenziwa yiminwe yakhe, noAshera, nezithixo zelanga.
9. Ngaloo mini imizi yakhe enqabileyo iya kuba ngamanxuwa asezintshinyeleni zehlathi, nawasezincotsheni zeentaba, abawashiyayo phambi koonyana bakaSirayeli; koba senkangala.
10. Ngokokuba umlibele uThixo, umsindisi wakho, akwalikhumbula neliwa lokunqaba kwakho; ngenxa yoko watyala izityalo ezimnandi, wamilisela kuzo iintswazi zomdiliya wasemzini.
11. Ngemini yokutyala kwakho wawubiyela, kusasa wayityatyambisa imbewu yakho—sisitha sokwindla eso ngemini yesifo, nomvandedwa obulalayo.
12. Yeha, ukuguguma kwezizwe ezininzi, ziguguma njengokuguguma kweelwandle! Yeha, ukungxola kwezizwe, zingxola njengokungxola kwamanzi anamandla!
13. Izizwe zingxola njengokungxola kwamanzi amaninzi; ke uThixo wozikhalimela, zisabe ziye kude, zisukelwe njengomququ weentaba phambi komoya, njengefukufuku lothuli phambi kwesaqhwithi.
14. Ngexa langokuhlwa, nanko zikhwankqile; kungekasi, azikho. Siso eso isahlulo sabasidywidayo, nelifa labasiphangayo.

  Isaiah (17/66)