| ← Isaiah (17/66) → |
| 1. | Isihlabo esisingisele kwiDamasko. Yabona, iDamasko iya kususwa ekubeni ngumzi, ibe ngumwewe owileyo. |
| 2. | Ishiyiwe imizi yaseArohere; iya kuba yeyemihlambi, ibuthe khona, kungabikho uyothusayo; |
| 3. | ipheliswe inqaba kwaEfrayim nobukumkani kwiDamasko, amasalela ama-Aram abe njengobuqaqawuli boonyana bakaSirayeli; utsho uYehova wemikhosi. |
| 4. | Kuya kuthi ngaloo mini, busweleke ubuqaqawuli bukaYakobi, ingcumbeke inyama yakhe etyebileyo. |
| 5. | Kuya kuba njengomvuni ehlanganisa ingqolowa emiyo, ingalo yakhe isika izikhwebu, kube njengokubhikica izikhwebu esihlanjeni samaRafa; |
| 6. | kusale okubhikicwayo khona, njengasekuvuthululweni komnquma; amabhumbulu abe mabini namathathu emancamini phezulu, abe mane namahlanu ezimbaxeni zawo umthi oneziqhamo; utsho uYehova, uThixo kaSirayeli. |
| 7. | Ngaloo mini umntu uya kondela kuMenzi wakhe, amehlo akhe akhangele koyiNgcwele kaSirayeli; |
| 8. | anganoneleli izibingelelo, izenzo zezandla zakhe, angayikhangeli into eyenziwa yiminwe yakhe, noAshera, nezithixo zelanga. |
| 9. | Ngaloo mini imizi yakhe enqabileyo iya kuba ngamanxuwa asezintshinyeleni zehlathi, nawasezincotsheni zeentaba, abawashiyayo phambi koonyana bakaSirayeli; koba senkangala. |
| 10. | Ngokokuba umlibele uThixo, umsindisi wakho, akwalikhumbula neliwa lokunqaba kwakho; ngenxa yoko watyala izityalo ezimnandi, wamilisela kuzo iintswazi zomdiliya wasemzini. |
| 11. | Ngemini yokutyala kwakho wawubiyela, kusasa wayityatyambisa imbewu yakho—sisitha sokwindla eso ngemini yesifo, nomvandedwa obulalayo. |
| 12. | Yeha, ukuguguma kwezizwe ezininzi, ziguguma njengokuguguma kweelwandle! Yeha, ukungxola kwezizwe, zingxola njengokungxola kwamanzi anamandla! |
| 13. | Izizwe zingxola njengokungxola kwamanzi amaninzi; ke uThixo wozikhalimela, zisabe ziye kude, zisukelwe njengomququ weentaba phambi komoya, njengefukufuku lothuli phambi kwesaqhwithi. |
| 14. | Ngexa langokuhlwa, nanko zikhwankqile; kungekasi, azikho. Siso eso isahlulo sabasidywidayo, nelifa labasiphangayo. |
| ← Isaiah (17/66) → |