← Isaiah (16/66) → |
1. | Thumelani iimvana kumlawuli welizwe, zivela eSela, zibheke entlango, ziye entabeni yentombi uZiyon. |
2. | Kuba njengeentaka eziphekuziweyo, njengendlu yentaka esuselweyo, aya kuba njalo amagxamesi akwaMowabhi emazibukweni aseArnon, esithi, |
3. | Siphe iqhinga, yahlula; misa isithunzi sakho sibe njengobusuku emini enkulu; fihla abagxothiweyo, musa ukumncetheza obhadubhadulayo. |
4. | Mabaphambukele kuwe abagxothiweyo bam; ube lisithe kuye uMowabhi phambi kombhuqi; ngokuba umkhamangi ugqibele, umbhuqi uphelile, abanyashi batshatyalalisiwe ezweni. |
5. | Kuya kuzinziswa itrone ngenceba, kuhlale phezu kwayo onenyaniso, ententeni kaDavide: umgwebi okhathalele okusesikweni, okhawulezayo ukulungisa. |
6. | Silivile ikratshi likaMowabhi, ikratshi elikhulu. Hayi, ukukratsha kwakhe! Hayi, ikratshi lakhe nokuphuphuma komsindo wakhe, ukuphololoza kwakhe into engeyiyo! |
7. | Ngako oko uMowabhi uya kubhomboloza ngenxa kaMowabhi; bonke bephela baya kubhomboloza; niya kunkwinizela izicumba zeerasintyisi zaseKir-hareshete, nithe dakumba kanye. |
8. | Kuba amasimi aseHeshbhon antshwenyile, nomdiliya waseSibhema. Abantu beentlanga bayivithile imidiliya yawo yohlobo; ibide yaya kufika eYazere, yanabela entlango, amasebe ayo anaba ada awela ulwandle. |
9. | Ngenxa yoko ndiyawulilela ngokulila kweYazere umdiliya waseSibhema; ndikunyakamisa ngeenyembezi zam, Heshbhon, nawe Elale, ngokuba ukuvunwa kweziqhamo zakho nokuvunwa kweediliya zakho kufikelwe ngamayeyeye. |
10. | Isukile imivuyo nemigcobo entsimini echumayo; akusamemelelwa ezidiliyeni, akusadunywa nokudunywa; umxovuli akasaxovuli newayini emkhombeni; ndiwaphelisile amayeyeye. |
11. | Ngenxa yoko izibilini zam ziyahlokoma njengohadi ngoMowabhi, nento ephakathi kwam ngeKir-beres. |
12. | Kuya kuthi, xa athe wabonakala, xa athe wazidinisa uMowabhi esigangeni, wangena engcweleni yakhe ukuba athandaze, asuke angabi nakuthini. |
13. | Lilo elo ilizwi, awalithethayo uYehova ngoMowabhi kwanini. |
14. | Kaloku ke uYehova uthetha esithi, Ngeminyaka emithathu, njengeminyaka yomqeshwa, buya kucukucezwa ubuqaqawuli bukaMowabhi, naloo ngxokolo yonke eninzi, amasalela abe mancinane, abe mbalwa, angabi makhulu. |
← Isaiah (16/66) → |