← Isaiah (14/66) → |
1. | Ngokuba uYehova uya kuba nemfesane kuYakobi, abuye awanyule amaSirayeli, awahlalise emhlabeni wakowawo, bathelele kuwo abasemzini, bahlomele endlwini kaYakobi. |
2. | Ziya kuwathabatha izizwe, ziwazise endaweni yawo: bazifuye zona abendlu kaSirayeli emhlabeni kaYehova, zibe ngamakhoboka namakhobokazana, babe ngabathimbi babathimbi babo, babe nobukhosi kubaqhubi babo. |
3. | Kuya kuthi, mini uYehova aniphumzayo ekwaphukeni kwenu, nasekugungqeni kwenu, nasekukhonzeni okunzima, enakhonziswa ngako, |
4. | nihlabe lo mzekeliso ngokumkani waseBhabheli, nithi, Utheni na ukupheza umqhubi! ukupheza umzi othisayo! |
5. | UYehova ulwaphule uswazi lwabangendawo, intonga yabalawuli, |
6. | ebizibetha izizwe ngokuphuphuma komsindo, ngokubetha okungenakupheza; ebizinyathela ngomsindo iintlanga ngokusukelwa okungenakubanjezelwa. |
7. | Liphumle, lizolile ihlabathi lonke; bayagqabhuka bamemelele. |
8. | Nayo imisipres ikuvuyele, imisedare yaseLebhanon ithi, Kuseloko walalayo, akunyuki mgawuli usigawulayo. |
9. | Elabafileyo ngaphantsi liyagungqa nguwe, ngokubona ukuza kwakho; likuxhoxhela abafileyo, zonke iinkunzi ezikhokelayo zehlabathi; liphakamisa ezitroneni zabo bonke ookumkani beentlanga. |
10. | Zonke ziphela zasusela ngelithi kuwe, Nawe wenziwe ofayo njengathi na? usuke wafana nathi na? |
11. | Buhliselwe kwelabafileyo ubungangamsha bakho, isandi semirhubhe yakho; kwandlelwe iimpethu ngaphantsi kwakho, akugubungele amanundu. |
12. | Utheni na ukuwa emazulwini, Khwezi, nyana wesifingo! ukunqunyulwa uwe emhlabeni, mngquli weentlanga! |
13. | Wena ke wathi entliziyweni yakho, Ndiyakunyukela emazulwini, ndiyinyuse itrone yam ibe ngaphezu kweenkwenkwezi zikaThixo; ndihlale entabeni yentlanganiso, engontsini yasentla. |
14. | Ndiya kunyuka ngaphezu kweziganga zamafu, ndizifanise nOsenyangweni; |
15. | kanti uya kuhliselwa kwelabafileyo, engontsini yomhadi. |
16. | Abakubonayo baya kukuthi nzo ngamehlo, bakugqale, bathi, Yiyo na le indoda ebiligungqisa ihlabathi, ebizinyikimisa izikumkani? |
17. | eyalenza intlango elimiweyo, yayigungxula imizi yalo; ayabavulela ababanjwa balo ukuba bagoduke? |
18. | Bonke ookumkani beentlanga, bonke bephela, balele benozuko, elowo endlwini yakhe; |
19. | ke wena ulahlelwe kude nengcwaba lakho, njengegatya elilisikizi; wambethe ababuleweyo, abahlatywe ngekrele, abahle baya ematyeni omhadi; njengesidumbu esinyashwe ngeenyawo. |
20. | Akuyi kubandakanywa nabo engcwabeni, ngokokuba walonakalisayo ilizwe lakho, wababulala abantu bakho; ayiyi kuba nagama naphakade imbewu yabenzi bobubi. |
21. | Oonyana bakhe balungiseleni ukusikwa, ngenxa yobugwenxa booyise, Mabangesuki balidle ilifa ihlabathi, bazalise elimiweyo ngemizi, |
22. | Ndiya kusukela phezulu kubo, utsho uYehova wemikhosi, iBhabheli ndiyinqumle ingabi nagama namasalela, nanyana nanzalo, utsho uYehova; |
23. | ndiyenze ibe lilifa lokhwalimanzi nezadunge zamanzi, ndiyitshayele ngomtshayelo wentshabalalo; utsho uYehova wemikhosi. |
24. | Ufungile uYehova wemikhosi wathi, Inyaniso, njengoko ndicinge ngako, koba njalo; njengoko ndicebe ngako, koma ngolo hlobo; |
25. | ukuba ndimaphule uAsiriya ezweni lam, ndimnyashe ngeenyawo ezintabeni zam, isuke kubo idyokhwe yakhe, usuke umthwalo wakhe esixhantini sabo. |
26. | Lilo elo icebo elicetyiweyo ngehlabathi lonke; siso eso isandla esolukileyo phezu kweentlanga zonke. |
27. | Kuba uYehova wemikhosi ucebile, ngubani na onokutshitshisa? nesandla sakhe eso solukile, ngubani na onokusibuyisa? |
28. | Ngomnyaka wokufa kokumkani onguAhazi kwabakho esi sihlabo sithi: |
29. | Musa ukuvuyelela, wena Filisti uphela, ngakuba yaphukile intonga ebikubetha; kuba engcanjini yenyoka kuphuma irhamba, isiqhamo sayo sibe yinyoka etshisayo, ephaphazelayo. |
30. | Baya kudla abazizisweli, abuthe ekholosile amahlwempu; ndibulale ingcambu yakho ngendlala, abulawe amasalela akho. |
31. | Bhomboloza, sango! Khala, mzi! Yitha amandla, wena Filisti uphela, ngokuba entla kuphuma umsi; akukho wahlukayo ebuthweni lakhe. |
32. | Bathini na ukuphendula abathunywa beentlanga? Bathi, UYehova uyisekile iZiyon, zozimela ngayo iintsizana zabantu bakhe. |
← Isaiah (14/66) → |