| ← Isaiah (13/66) → |
| 1. | Isihlabo esisingisele kwiBhabheli, awasibonayo uIsaya, unyana ka-Amotsi. |
| 2. | Nyusani ibhanile phezu kwentaba eluqayi, baphakamiseleni ilizwi; khobani ngesandla, bangene emasangweni amanene. |
| 3. | Mna ndibawisele umthetho abangcwalisiweyo bam, ndiwabizele umsindo wam amagorha am, abadlamkileyo bam abanekratshi. |
| 4. | Yiveni ingxokolo ezintabeni, ngathi yeyabantu abaninzi. Yiveni ingxokolo yezikumkani zeentlanga, zihlanganisene; uYehova wemikhosi uhlanganisa umkhosi wemfazwe. |
| 5. | Bavela ezweni elikude, ekupheleni kwamazulu-nguYehova nezixhobo zengqumbo yakhe, ukuba alonakalise ilizwe lonke. |
| 6. | Bhombolozani, kuba isondele imini kaYehova, ivela ngokwembuqo kuSomandla. |
| 7. | Ngenxa yoko ziwile iingalo zonke, zonke iintliziyo zabantu zinyibilikile. |
| 8. | Bakhwankqile, bafikelwe kukupenapena nayinimba; bayazibhijabhija njengozalayo, bakhwankqiswe ulowo nguwabo; ubuso babo bubuso bamalangatye. |
| 9. | Yabona, imini kaYehova iyeza, inobujorha, iphuphuma umsindo, ishushu, ukuba ilenze libe senkangala ilizwe, ibatshabalalise aboni balo kulo. |
| 10. | Kuba iinkwenkwezi zezulu namakroza alo akayi kukhanyisa kukhanya kwawo; liya kuba mnyama ilanga ekuphumeni kwalo, inyanga ingabi mhlophe ukukhanya kwayo. |
| 11. | Ndolivelela elimiweyo ngenxa yobubi balo, nabangendawo ngenxa yobugwenxa babo, ndiliphelise ikratshi labakhukhumeleyo, ndilithobele phantsi ikratshi labangcangcazelisi; |
| 12. | ndiwenze amadoda anqabe ngaphezu kwegolide engcwengiweyo, noluntu lunqabe ngaphezu kwegolide ecikizekileyo yakwaOfire. |
| 13. | Ngenxa yoko ndiya kuligungqisa izulu, nehlabathi linyikime, lishenxe endaweni yalo ngokuphuphuma komsindo kaYehova wemikhosi, ngemini yokuvutha komsindo wakhe; |
| 14. | bathi ke, njengebhadikazi elisukeliswayo, nanjengomhlambi ongenamhlanganisi, babheke elowo kubantu bakowabo, basabele elowo ezweni lakowabo. |
| 15. | Bonke abo bafunyenweyo baya kuhlatywa amahlanza, bonke abo babanjiweyo bawe likrele. |
| 16. | Zocunyuzwa iintsana zabo phambi kwamehlo abo, ziphangwe izindlu zabo, balalwe abafazi babo. |
| 17. | Yabona, ndibaxhoxhela amaMedi angayibekiyo isilivere, angayinanzileyo negolide. |
| 18. | Izaphetha zawo ziya kukhahlela amadodana, nesiqhamo sesizalo angabi namfesane siso; iliso lawo lingabi nanceba kubo abantwana. |
| 19. | IBhabheli, ikhazikhazi lezikumkani, isihombo sekratshi lamaKaledi, iya kuba njengokubhukuqa kukaThixo iSodom neGomora. |
| 20. | Ayi kumiwa naphakade, ayi kuza ihlalwe ezizukulwaneni ngezizukulwana, angagxumeki ntente khona nomArabhi, nabalusi bangakhi khona buhlanti. |
| 21. | Obutha khona amarhamncwa omqwebedu, zizale izindlu zabo zizihuluhulu, kuhlale iinciniba khona, kuqakathe izinto ezimaxhonti khona; |
| 22. | kulile amaxhwili ezingxandeni zabo ezinde, neempungutye emabhotweni okuxhamla ubuncwane; kusondele ukuza kwexesha layo, nemini yayo ingalibali. |
| ← Isaiah (13/66) → |