Isaiah (12/66)  

1. Uya kuthi wena ngaloo mini, Ndiyabulela kuwe, Yehova, ngokokuba ubundiqumbele, waza wabuya umsindo wakho, wandithuthuzela wena.
2. Yabona, uThixo ukukusindiswa kwam; ndikholosile, andikwantyi; ngokokuba iqhayiya lam nengoma yam nguYa, nguYehova obuye waba lusindiso kum.
3. Ngoko ke niya kukha amanzi ninemihlali emithonjeni yosindiso;
4. nithi ngaloo mini, Bulelani kuYehova, nqulani igama lakhe, zaziseni ezizweni izenzo zakhe, izenzo zakhe ezincamisayo; likhankanyeni igama lakhe ukuba liyingxonde.
5. Mbetheleni uhadi uYehova; ngokuba enze ngobungangamsha; makwazeke oko ehlabathini lonke.
6. Tsholoza umemelele, wena mmi waseZiyon; ngokuba mkhulu phakathi kwakho oyiNgcwele kaSirayeli.

  Isaiah (12/66)