| ← Isaiah (10/66) → |
| 1. | Yeha, abamisi bemimiselo yobutshinga, ababhali ababhala uxhamlo; |
| 2. | ukuze bazisunduze izisweli, zingafiki ematyaleni, bazihluthe ibango lazo iintsizana zabantu bam, ukuba abahlolokazi babe lixhoba labo, baphange iinkedama! |
| 3. | Niya kuthini na ke ngemini yovelelo, nasesithongeni esivela kude? Niya kusabela kubani na ukuba anincede, nilushiye phi na uzuko lwenu? |
| 4. | Akukho kumbi, sekukukuguqa phakathi kwabakhonkwixeyo, bawe phakathi kwababuleweyo. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe, sisolukile isandla sakhe. |
| 5. | Yeha, uAsiriya, ntonga yomsindo wam: luswazi olusesandleni sabo ukubhavuma kwam! |
| 6. | Ndiya kumthumela kuhlanga oluyintshembenxa, ndimwisele umthetho ngabantu bokuphuphuma komsindo wam, ukuba athimbe amaxhoba, aphange okuphangiweyo, abenze into yokunyathelwa njengodaka lwezitrato. |
| 7. | Ke yena akabi kunjalo; intliziyo yakhe ayiyicingi loo nto; ngokuba okusentliziyweni yakhe kukutshabalalisa nokunqumla iintlanga ezingembalwa. |
| 8. | Kuba uthi, Abathetheli bam asingookumkani bonke na? IKaleno ayinjengeKarkemishe na, |
| 9. | iHamati ayinjengeArpadi na, owakwaSamari awunjengeDamasko na? |
| 10. | Njengokuba isandla sam sazifumanayo izikumkani zezithixo ezingeni; ukanti imifanekiso yazo eqingqiweyo ingaphezulu kweyaseYerusalem neyakwaSamari: |
| 11. | andiyi kuthi na, njengoko ndenza ngako kowakwaSamari nezithixo zawo ezingeni, ndenjenjalo kwiYerusalem nezithixo zayo? |
| 12. | Kuya kuthi, xa ithe iNkosi yazifeza izenzo zayo zonke entabeni yaseZiyon naseYerusalem, ndizivelele iziqhamo zobukhulu bentliziyo yokumkani waseAsiriya, nokuqhayisa ngokuqwayinga kwamehlo akhe. |
| 13. | Kuba uthe, Ndenze ngamandla esandla sam nangobulumko bam; ngokuba ndinengqondo, ndayishenxisa imida yezizwe, ndaziphanga iimpahla zazo, ndabahlisa njengenkunzi eyimbalasane abahleli ezitroneni; |
| 14. | isandla sam sabufumana ubutyebi bezizwe njengendlu yentaka, ndalibutha mna lonke ihlabathi, njengokubutha amaqanda; akwabakho nanye ishukumisa iphiko, neyakhamayo, netswinayo. |
| 15. | Izembe lingamqhayisela na ogawula ngalo? isarha ingazikhulisa na ngaphezu koyitsalayo? ngathi intonga ingabajingisa abaphakamisi bayo, ngathi uswazi lungamphakamisa ongenguwo umthi! |
| 16. | Ngako oko iNkosi, iNkosi yemikhosi, iya kubathumela ukungcumbeka kwabatyebileyo bakhe, nangaphantsi kobuqaqawuli baseAsiriya kutshe ukutsha, njengokutsha komlilo. |
| 17. | Ukhanyiso lukaSirayeli luya kuba ngumlilo, oyiNgcwele wakhe abe lilangatye, litshise lidle amakhakakhaka akhe nobobo lwakhe ngamini-nye. |
| 18. | Uya kubuphelisa ubuqaqawuli behlathi lakhe, nobentsimi yakhe echumayo, ethabathela emphefumlweni ase enyameni, kube njengokungcungcutheka komntu ofayo; |
| 19. | abe mbalwa amasalela emithi yehlathi lakhe, ibhalwe nangumntwana. |
| 20. | Kuya kuthi ngaloo mini, angabi saphinda amasalela akwaSirayeli, nabasindileyo bendlu kaYakobi, bayame ngobabethayo; baya kwayama ngoYehova oyiNgcwele kaSirayeli, benyanisile. |
| 21. | Amasalela aya kubuya, amasalela akwaYakobi, eze kuThixo oligorha. |
| 22. | Kuba nangona bathe baba ngangentlabathi yaselwandle abantu bakho, Sirayeli, kobuya amasalela odwa kubo; ukupheliswa kumisiwe kwagqitywa, kukhukula ubulungisa. |
| 23. | Ngokuba iNkosi uYehova wemikhosi iza kwenza phakathi kwehlabathi lonke impeliso, iyemisiweyo ke yagqitywa. |
| 24. | Ngako oko, itsho iNkosi, uYehova wemikhosi, ukuthi, Musani ukumoyika uAsiriya, bantu bam bahleliyo eZiyon, akunibetha ngentonga, aniphakamisele uswazi lwakhe ngohlobo lwamaYiputa. |
| 25. | Kuba kusaya kuba mzuzwana mncinane, kuphele ukubhavuma kwam, nomsindo wam uye kumonakalisa; |
| 26. | ajiwule phezu kwakhe uYehova wemikhosi iziniya, njengoko wabetha amaMidiyan eweni likaOrebhe; intonga yakhe ibe phezu kolwandle, ayiphakamise ngohlobo lwamaYiputa. |
| 27. | Kuya kuthi ngaloo mini, usuke umthwalo wakhe esixhantini sakho, nedyokhwe yakhe entanyeni yakho, idyokhwe yonakale kukutyeba. |
| 28. | Ufikile eAyati, ucande eMigron, uyibeke eMikimashe impahla yakhe. |
| 29. | Baqabele enkalweni, bathi, Masilalise eGebha. Iyagubha iRama, isabile iGibheha yakwaSawule. |
| 30. | Khala ngezwi lakho, ntombi yaseGalim! Baza iindlebe, Layisha! Uha, Anatoti! |
| 31. | IMadema ibalekile; abemi baseGebhim bazisabisile iintsapho zabo. |
| 32. | Umisa eNobhi kwanamhlanje, ulingisa ngesandla sakhe entabeni yentombi enguZiyon, endulini yaseYerusalem. |
| 33. | Yabona, iNkosi, uYehova wemikhosi, iyawathi tyhobotyhobo amahlamvu ngokungcangcazelisayo, namade aphezulu axakaxwe, naphakamileyo athotywe; |
| 34. | ihlahla neentshinyela zehlathi ngesixengxe, iwiswe iLebhanon ngonamandla. |
| ← Isaiah (10/66) → |