| Isaiah (1/66) → |
| 1. | Umbono kaIsaya unyana ka-Amotsi, awawubonayo ngokusingisele kuYuda neYerusalem, ngemihla yoUziya, noYotam, noAhazi, noHezekiya, ookumkani bakwaYuda. |
| 2. | Yivani, mazulu; bekani indlebe, hlabathi, ngokuba kuthetha uYehova. Uthi, Ndikhulise abantwana ndabondla, besuka bakreqa kum. |
| 3. | Inkomo iyamazi umniniyo, ne-esile liyawazi umkhombe wesitali senkosi yalo; ke yena uSirayeli akazi, abantu bam abaqiqi. |
| 4. | Hayi, luhlanga lonayo, bantu banobugwenxa, mbewu yabenza ububi, nyana bonakalisayo! Bamshiyile uYehova, bamgibile oyiNgcwele kaSirayeli, babuyela emva. |
| 5. | Yini na ukuba nimane ukubethwa, nimane ukukwandisa ukutyeka? Yonke intloko iyafa, yonke intliziyo inobulwelwe; |
| 6. | kuthabathele enkwalini yonyawo, kwesa entloko, akukho ndawo iphilileyo; ziinduma, nemivumbo, namanxeba amatsha: akacudiswanga, akabotshwanga, akathanjiswanga ngaoli. |
| 7. | Kusenkangala elizweni lenu, imizi yenu itshiswe ngomlilo, umhlaba wenu udliwa ngabasemzini phambi kwenu, uyinkangala njengokubhukuqwa kwabasemzini. |
| 8. | Isele ke intombi enguZiyon, njengexhobongo esidiliyeni, njengephempe entsimini yemixoxozi, njengomzi ongqingiweyo. |
| 9. | Koko uYehova wemikhosi wasisalisela intwana esindileyo, singe saba njengeSodom, singe safana neGomora. |
| 10. | Liveni ilizwi likaYehova, baphathi baseSodom; wubekeleni indlebe umyalelo kaThixo wethu, bantu baseGomora. |
| 11. | Yeyani na kum le mibingelelo yenu mininzi kangaka? utsho uYehova. Ndidikiwe ngamadini anyukayo eenkunzi zeegusha, namanqatha amathole atyetyisiweyo; negazi leenkunzi ezintsha, neleemvana, neleebhokhwe, andilinanzile. |
| 12. | Xa niza kubonakala ebusweni bam, ngubani na okufunileyo oko esandleni senu, ukugqusha iintendelezo zam? |
| 13. | Nize ningaphindi nizise mnikelo wakudla ukhohlakeleyo; isiqhumiso silisikizi kum; ukuthwasa kwenyanga, nesabatha, nokumema intlanganiso, ubutshinga kunye nengqungquthela, andinakubuthwala. |
| 14. | Ukuthwasa kweenyanga zenu, namaxesha enu amisiweyo, umphefumlo wam uwathiyile; asuka aba bubunzima kum; ndidiniwe kukuwathwala. |
| 15. | Ekoluleni kwenu izandla zenu, ndiya kuwafihla amehlo am kuni; nokuba nandise ukuthandaza, andiyi kuva; izandla zenu zizele ngamagazi. |
| 16. | Zihlambeni, ziqaqambiseni; susani ububi beentlondi zenu phambi kwamehlo am; |
| 17. | yekani ukwenza ububi; fundani ukwenza okulungileyo; khathalelani ukugweba; lulekani isibhovubhovu; gwebani ityala lenkedama; lithetheni ityala lomhlolokazi. |
| 18. | Khanize sibonisane, utsho uYehova; nokuba izono zenu zide zavela zanjengengubo ebomvu, zoba mhlophe njengekhephu; nokuba zide zayingqombela njengebala elibomvu, zovela zinjengoboya begusha. |
| 19. | Ukuba nithe navuma naphulaphula, nodla izinto ezilungileyo zelizwe; |
| 20. | ukuba nithe anavuma, naba neenkani, nodliwa likrele; kuba umlomo kaYehova uthethile. |
| 21. | Yoo! Utheni na ukuba lihenyukazi umzi lo, ubunyanisile; ubuzele kokusesikweni; ubulungisa bebulala kuwo; ke ngoku ngabancinithi! |
| 22. | Isilivere yakho isuke yaba ligwebu; iwayini yakho entle ingxengelelwe ngamanzi. |
| 23. | Abathetheli bakho baziinjubaqa, ngamadlelana namasela; bathanda izicengo bonke bephela, basukela imivuzo; ityala lenkedama abaligwebi, netyala lomhlolokazi alinakufika kubo. |
| 24. | Ngako oko itsho iNkosi, uYehova wemikhosi, imbalasane yakwaSirayeli, ukuthi, Yeha! Ndiya kuzithuthuzela kubabandezeli bam, ndiziphindezelele ezintshabeni zam. |
| 25. | Ndosibuyisela phezu kwakho isandla sam, ndikunyibilikise ngokufezekileyo njengegolide, likhutshwe igwebu lakho, ndisuse yonke intsila yakho. |
| 26. | Ndobabuyisa abagwebi bakho njengokwasekuqaleni, namaphakathi akho njengokwamatanci. Emveni koko kuya kuthiwa, Wena ungumzi wobulungisa, uyinqaba enyanisileyo. |
| 27. | IZiyon iya kukhululwa ngokusesikweni, nabaguquki bayo ngobulungisa; |
| 28. | ukwaphulwa kwabakreqi naboni kube kunye, bapheliswe abamshiyayo uYehova. |
| 29. | Ngokuba baya kudana yimiterebhinti ebeniyinqwenela, nibe neentloni yimiyezo ebeniyinyula; |
| 30. | kuba niya kuba njengomterebhinti omagqabi omayo, nanjengomyezo ongenamanzi; |
| 31. | nenjengele ibe yingxubuwa, nomsebenzi wayo ube yintlantsi, kutshe kuphele kokubini kunye, kungabikho ucimayo. |
| Isaiah (1/66) → |