| ← Hosea (8/14) → |
| 1. | Beka isigodle emlonyeni wakho. Utshaba luyirhiwula indlu kaYehova njengexhalanga; ngenxa yokuba bewugqithile umnqophiso wam, bakreqa kumyalelo wam. |
| 2. | Baya kukhala kum, bathi, Thixo wethu, siyakwazi, thina Sirayeli. |
| 3. | Iyanuka kuSirayeli into elungileyo; utshaba malumsukele. |
| 4. | Bamise ookumkani, bengaveli kum; benze abathetheli, ndingazi mna; isilivere yabo negolide yabo bayenze izithixo, ukuze inqanyulwe. |
| 5. | Ithole lakho liyanuka, Samari: umsindo wam uyavutha kubo; kunini na bengakwazi ukuziphatha msulwa? |
| 6. | Ngokuba nalo elo liphuma kwaSirayeli; lenziwe yingcibi, aliThixo lona; ke liya kucoleka ithole lakwaSamari. |
| 7. | Ngokuba behlwayele umoya, baya kuvuna isaqhwithi. Akukho zimba kuwo; isithombo asenzi sikhwebu; nokuba besithe saba naso, besiya kudliwa ngabasemzini. |
| 8. | Uginyiwe uSirayeli; ngoku basezintlangeni njengempahla engananziweyo. |
| 9. | Kuba bona banyuke baya eAsiriya, njenge-esile lasendle lihamba lilodwa, lahlukile; ke yena uEfrayim uziqeshile izitharudane. |
| 10. | Nakuba beqesha nokuqesha ezintlangeni, ndiya kubabutha ngoku, baqale banciphe ngenxa yomthwalo wokumkani wabathetheli. |
| 11. | Kuba uEfrayim uzandisile izibingelelo zokona; kuye izibingelelo zaba zezokona. |
| 12. | Ndimbhalela into eninzi yemiyalelo yam; bayicingela into engento. |
| 13. | Imibingelelo yezipho zam bayayibingelela, bayidla ngokwenyama; ke ayakholeka kuYehova; ngokunje uya kubukhumbula ubugwenxa babo, azivelele izono zabo; baya kubuyela bona eYiputa. |
| 14. | Kuba uSirayeli wamlibala uMenzi wakhe, wakha amabhotwe; uYuda wayandisa imizi enqatyisiweyo. Ke mna ndiya kuthumela umlilo emizini yakhe, uzidle iingxande zakhe ezinde. |
| ← Hosea (8/14) → |