← Hosea (7/14) → |
1. | Ekumphiliseni kwam uSirayeli, kusuke kutyhileke ubugwenxa bukaEfrayim nobubi bakwaSamari; kuba besebenza ubuxoki, isela lingene, amatutu abhunyule ngaphandle. |
2. | Abatsho entliziyweni yabo ukuthi ndobukhumbula bonke ububi babo; ngoku zibangqongile iintlondi zabo, zabakho phambi kobuso bam. |
3. | Bamvuyisile ukumkani ngeento zabo ezimbi, nabathetheli ngokuxoka kwabo. |
4. | Bonke bephela bangabakrexezi; banjengeziko lezonka elibaselwe ngumoji-zonka, okha ayeke ukukhwezela, lo gama axovula intlama, ide ifukuke. |
5. | Ngemini yokumkani wethu abathetheli bazixhayele isifo ngobushushu bewayini; uthabathene nabagxeki. |
6. | Ngokuba bayisondeze intliziyo yabo emlaleni wabo, ngathi kusezikweni lezonka; bonke ubusuku ulele umoji-zonka wabo; kusasa lona livutha njengomlilo olenyayo. |
7. | Bonke bephela bashushu njengeziko lezonka, bayabadla abagwebi babo; bonke ookumkani babo bawile; akukho namnye kubo undinqulayo. |
8. | UEfrayim yena uzekazekana nezizwe; uEfrayim uliqebengwana lesonka elingaguqulwanga. |
9. | Abasemzini bawadlile amandla akhe, ukanti yena akazi; nezimvi zithe saa kuye, noko akazi yena. |
10. | Iqhayiya likaSirayeli liyangqina ebusweni bakhe; noko ababuyeli kuYehova uThixo wabo, abamfuni kuko konke oku. |
11. | UEfrayim unjengevukuthu elimathileyo, elingenantliziyo; babiza iYiputa, baya eAsiriya. |
12. | Ndothi, bakubonÂ’ ukuba bayaya, ndiwutwabulule phezu kwabo umnatha wam, ndibathobe njengeentaka zezulu; ndiya kubathethisa ngokweendaba endazivakalisayo ebandleni labo. |
13. | Yeha ke bona! kuba babalekile kum. Yimbubho kubo! kuba bakreqile kum. Mna ngendibakhulule, basuka bona bathetha amanga ngam. |
14. | Abakhalanga kum ngeentliziyo zabo, basuka bamana bebhomboloza ezililini zabo; baqukana ngenxa yengqolowa newayini entsha, baphambuka, bandichasa. |
15. | Mna ndiziqeqeshile, ndazomeleza, iingalo zabo; ke bona bacinga ububi ngam. |
16. | Bayabuya, kodwa ababuyeli phezulu; banjengesaphetha esityeketyeke. Baya kuwa likrele abathetheli babo, ngenxa yobhavumo lolwimi lwabo. Oko kukugculelwa kwabo ezweni laseYiputa. |
← Hosea (7/14) → |