| ← Hosea (4/14) → |
| 1. | Liveni ilizwi likaYehova, nyana bakaSirayeli; ngokuba uYehova ubambene nabemi belizwe eli; ngokuba kungekho nyaniso, kungekho nceba, kungekho kwazi uThixo kweli lizwe. |
| 2. | Kukushwabula, nokuxoka, nokuncinitha, nokuba, nokukrexeza; bagqobhozile, igazi liphathelele kwigazi. |
| 3. | Ngenxa yoko ilizwe lenza isijwili, zithokombisile zonke izinto ezimi kulo; izinto eziphilileyo zasendle, neentaka zezulu, kwaneentlanzi zolwandle, ziyasuswa. |
| 4. | Kodwa makangabambani omnye nomnye, omnye makangamohlwayi omnye; abantu bakowenu banjengobambene nombingeleli. |
| 5. | Wokhubeka emini, umprofeti enawe akhubeke ebusuku, ndimtshabalalise unyoko. |
| 6. | Bayatshabalala abantu bam kukuswela ukwazi; kuba wena ukucekisile ukwazi, ndiya kukucekisa, ukuba ungabi ngumbingeleli kum. Wawulibala umyalelo kaThixo wakho; ndobalibala abantwana bakho nam. |
| 7. | Okukhona bandileyo, kokukhona bonileyo kum; uzuko lwabo ndiya kulwananisa ngocukucezo. |
| 8. | Badla idini lesono labantu bam; umphefumlo wabo bawuphakamisela ebugwenxeni babo. |
| 9. | Kuya kuthi, njengoko banjalo abantu, abe njalo umbingeleli; ndizivelele iindlela zakhe kuye, ndizibuyisele kuye iintlondi zakhe. |
| 10. | Bodla bangahluthi; bahenyuze bangandi; ngokuba bekuyekile ukumphulaphula uYehova. |
| 11. | Uhenyuzo, newayini, newayini entsha, ziwexula intliziyo. |
| 12. | Abantu bam babuzisa kumthi wabo; nentonga yabo iyabaxelela; ngokuba umoya wobuhenyu ubalahlekisile; bahenyuze bemka phantsi koThixo wabo. |
| 13. | Babingelela ezincotsheni zeentaba, baqhumisele ezindulini phantsi kwemioki nemipopulari nemiterebhinti, kuba ulungile umthunzi wayo; ngenxa yoko ziyahenyuza iintombi zenu, bayakrexeza oomolokazana benu. |
| 14. | Andiyi kuzivelela iintombi zenu, ngokokuba zihenyuza; noomolokazana benu, ngokokuba bekrexeza. Ngokuba nina ngokwenu nithi gu bucala namahenyukazi nibingelela namangÂ’awukazi; ngoko ke abantu abangaqondiyo baya kukhahleleka phantsi. |
| 15. | Ukuba uyahenyuza, Sirayeli, makangazeki ityala uYuda; musani ukuya eGiligali, ningenyuki niye eBhetaven, ningafungi nithi, Ehleli nje uYehova. |
| 16. | Kuba uSirayeli uyinjubaqa, njengethokazi eliyinjubaqa; ngoku uYehova uya kubalusela emphangalaleni, njengamatakane. |
| 17. | UEfrayim ubophene nezithixo; myekeni. |
| 18. | Igabadele imithayi yabo; bahenyuza behenyuzile; ziluthande nzulu ucukucezo iingweletshetshe zabo. |
| 19. | Umoya umbambile ngamaphiko awo; baya kudana yimibingelelo yabo. |
| ← Hosea (4/14) → |