← Hosea (14/14) |
1. | Sirayeli, buya, uze kuYehova, uThixo wakho; ngokuba ukhubekile ngobugwenxa bakho. |
2. | Thabathani niphathe amazwi, nibuyele kuYehova; yithini kuye, Sixolele bonke ubugwenxa, wamkele izinto zethu ezilungileyo, ukuze sinikele iinkunzi zeenkomo ezintsha, imibulelo yomlomo wethu. |
3. | UAsiriya akayi kusisindisa, asiyi kukhwela emahasheni, asiyi kuba sathi kumsebenzi wezandla zethu, Thixo wethu; kuba kuwe inkedama ifumana imfesane. |
4. | Ndiya kukuphilisa ukubuya kwabo umva, ndiya kubathanda ngesisa; ngokuba umsindo wam ubuyile kuye. |
5. | Ndiya kuba njengombethe kuSirayeli; uya kutyatyamba njengenyibiba, endelisele iingcambu zakhe njengeLebhanon. |
6. | Aya kunaba amasebe akhe, bube njengomnquma ubuhle bakhe, ivumba lakhe libe njengeLebhanon. |
7. | Baya kubuya abahlala emthunzini wakhe, baphile njengengqolowa, batyatyambe njengomdiliya, isikhumbuzo sawo sibe njengewayini yaseLebhanon. |
8. | Efrayim, yintoni na esenam nezithixo? Okwam ndiyamphendula, ndimkhathalela; ndinjengomsipres oluhlaza, siyafunyanwa kum isiqhamo sakho. |
9. | Ngubani na olumkileyo, aziqonde ezo zinto? Ngubani na onengqondo, azazi? Ngokuba zithe tye iindlela zikaYehova; ahamba ngazo amalungisa; ke bona abakreqi baya kukhubeka kuzo. |
← Hosea (14/14) |