Hosea (12/14)  

1. UEfrayim wasukelana nomoya; usukela ulophu lwasempumalanga. Imini yonke wandisa amanga nembuqo: banqophisana neAsiriya, kusiwa ioli eYiputa.
2. UYehova ubambene noYuda, umvelela uYakobi ngokweendlela zakhe; uya kumbuyisela ngokweentlondi zakhe.
3. Esizalweni wambamba umkhuluwa wakhe ngesithende, ekuqineni kwakhe wazamana noThixo.
4. Wazamana naso isithunywa, wafeza, walila, watarhuzisa kuso; samfumana eBheteli, apho ke sasithetha nathi.
5. UYehova, uThixo wemikhosi, uYehova sisikhumbuzo sakhe.
6. Wena ke, buyela kuThixo wakho; gcina inceba nokusesikweni, uhlale uthembele kuThixo wakho.
7. Ungumrhwebi ophethe isikali senkohliso, uthanda ukucudisa.
8. Wathi uEfrayim, Noko ndisisityebi, ndizifumanele ubutyebi; yonke imigushanxa yam ayindizuzisanga bugwenxa busisono.
9. Kanti mna ndinguYehova, uThixo wakho nje, kwasezweni laseYiputa; ndisaya kukubeka ezintenteni, njengokwemihla yomthendeleko.
10. Ndithethe kubaprofeti, ndandisa imibono mna, ndenza imizekeliso ngezandla zabaprofeti.
11. Ukuba iGiliyadi ilishinitshini, yoba yinto engento kuphela. Babingelela iinkomo eGiligali; izibingelelo zabo nazo zoba njengeemfumba zamatye emiqeleni yesisimi.
12. UYakobi wabalekela ezweni lakwa-Aram, uSirayeli wakhonza ngenxa yomfazi, wagcina imihlambi ngenxa yomfazi.
13. UYehova wamnyusa uSirayeli eYiputa ngomprofeti ke, wagcinwa ngomprofeti ke.
14. UEfrayim uqumbise kakrakra; iNkosi yakhe iya kuwaphosa amagazi akhe phezu kwakhe, isibuyisele kuye isingcikivo sakhe.

  Hosea (12/14)