| ← Hebrews (7/13) → |
| 1. | Kuba lo Melkitsedeke, kumkani weSalem, mbingeleli kaThixo Osenyangweni, wahlangabezanayo noAbraham, ebuya evela ekubulaleni ookumkani, wamsikelela; |
| 2. | awathi uAbraham wamabela nesishumi sezinto zonke (esithi okunene, ukuqala ukuthetha ngentetho evakalayo, ngukumkani wobulungisa, kodwa kamva abe nangukumkani weSalem, oko kukuthi, ngukumkani woxolo; |
| 3. | engenayise, engenanina, engenamlibo wakuzalwa, engenasiqalo samihla, engenasiphelo sabomi, enziwe wafana naye uNyana kaThixo): lo uhleli engumbingeleli ngokungapheliyo. |
| 4. | Bonani ke ukuba mkhulu kwalowo, wathi uAbraham umawokhulu wamnika nesishumi emaxhobeni, awona alinqatha. |
| 5. | Abo okunene bakoonyana bakaLevi, babamkelayo ububingeleli, banomthetho wokubanga isishumi kubo abantu ngokomthetho; oko kukuthi, kubo abazalwana babo, nakuba bephume esinqeni sika-Abraham. |
| 6. | Kodwa yena, ongenamlibo wakuzalwa uphumayo kubo, ubange isishumi kuAbraham, wasikelela lowo unamadinga. |
| 7. | Ke ngokungenakuphikwa, encinane into isikelelwa yeyona inkulu. |
| 8. | Kananjalo apha okunene ngabantu abanokufa, abathabatha isishumi; kodwa khona apho ngongqinelweyo ukuba udla ubomi. |
| 9. | Ukutsho ke ndithi, kubangwe ngoAbraham isishumi nakuLevi, lo wamkelayo izishumi; |
| 10. | kuba ubesesinqeni sikayise, oko uMelkitsedeke wamhlangabezayo. |
| 11. | Ke ngoko, ukuba okunene inzaliseko ibingabakho ngobubingeleli bakwaLevi (kuba abantu bewiselwe owobubingeleli umthetho), bekusafuneka ngantoni na ke, ukuba kubuye kuvele mbingeleli wumbi ngokohlobo lukaMelkitsedeke, angabizwa ngokohlobo luka-Aron? |
| 12. | Kuba, ububingeleli baguqulwa nje, kufuneka ukuba kuguqulwe nomthetho. |
| 13. | Kuba lowo, zithethwa ngaye ezi zinto, waye engowasizwe simbi, ebekungekho namnye kuso ubesinyamekele isibingelelo. |
| 14. | Kuba kusekuhleni kanye, ukuba iNkosi yethu iphume kwesikaYuda isizwe, eso angathethanga nto ngaso uMoses ngobubingeleli. |
| 15. | Kwaza kwasekuhleni ngakumbi, ukuba kuvela mbingeleli wumbi, ngokokufana noMelkitsedeke, |
| 16. | ongathanga amiswe ngokomyalelo womthetho ongowenyama; wamiswa ngokwamandla obomi obungenakupheliswa. |
| 17. | Kuba ungqina ngokuthi, Wena ungumbingeleli ngonaphakade, Ngokohlobo lukaMelkitsedeke. |
| 18. | Kuba okunene kutshitshiswa umthetho owandulelayo, ngenxa yokuswela amandla, nokungancedi lutho kwawo |
| 19. | (kuba umthetho lowo awuzalisanga nto); ke kungeniswe phezu kwawo elona themba lilungileyo; esisondela ngalo kuye uThixo. |
| 20. | Kanjalo, ngangokuba engamiswanga, kungabangakho sifungo (kuba bona aba okunene benziwe ababingeleli kungafungwanga; |
| 21. | kodwa yena umiswe ngokufunga kwalowo wathi kuye, Yafunga iNkosi, ayiyi kuzohlwaya: Wena ungumbingeleli ngonaphakade, ngokohlobo lukaMelkitsedeke): |
| 22. | ngangoko ke uYesu waba ngummeli wowona ulungileyo umnqophiso. |
| 23. | Bathe bona ababingeleli baba baninzi, ngenxa yokuba ukufa kwakungavumi ukuba bahlale behleli; |
| 24. | ke yena, ngenxa yokuba ehleli ngonaphakade, unobubingeleleli obungenakudlula. |
| 25. | Ngoko unako nokubasindisa kanye abo bezayo ngaye kuThixo, ehlala ehleli nje ukuba abathethelele. |
| 26. | Kuba ubesifanele umbingeleli omkhulu onjalo, ongcwele, ongenabubi, ongenabala, owahlukileyo kubo aboni, othe waba ngaphezu kwalo izulu; |
| 27. | ekungafunekiyo ukuba athi imihla ngemihla, njengababingeleli abakhulu abaya, anyuse kuqala amadini ngenxa yezono ezizezakhe, andule ukunyusa ngenxa yezabantu; kuba oko wakwenza kwaba kanye, ekuzinyuseni ngokwakhe ngokwedini. |
| 28. | Kuba umthetho umisa abantu benobulwelwe, babe ngababingeleli abakhulu; ke lona ilizwi lesifungo, esingasemva komthetho, limise uNyana, egqibelele ngonaphakade. |
| ← Hebrews (7/13) → |