← Hebrews (13/13) |
1. | Uthando lobuzalwana maluhlale luhleli. |
2. | Musani ukukulibala ukubuka iindwendwe; kuba ngokwenjenjalo inxenye ibuke izithunywa zezulu, ingazi. |
3. | Bakhumbuleleni abakhonkxiweyo, ninge nikhonkxiwe nani; nabo ke baphathwa kakubi, njengokuba nisemzimbeni nani. |
4. | Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke, nesilili masingadyojwa; ke abenza umbulo nabakrexezi, uThixo uya kubagweba. |
5. | Isimilo senu masibe sesingathandi mali, yanelani zizinto eninazo; kuba etshilo yena ukuthi, Andiyi kukha ndikuyekele; wabuya wathi, Andiyi kukha ndikushiye; |
6. | ngokokude somelele sithi, INkosi ilusizo lwam, andiyi koyika; Wondenza ntoni na umntu? |
7. | Bakhumbuleleni abakhokeli benu, abalithethayo kuni ilizwi likaThixo; nisingasinga impumelelo yehambo yabo, nixelise bona elukholweni lwabo. |
8. | UYesu Kristu ukwanguye izolo, nanamhla, ase nakuwo amaphakade. |
9. | Musani ukuphetshethwa ziimfundiso ngeemfundiso nezingezizo; kuba kuhle ukuba intliziyo iqine lubabalo; kungabi ngeento ezidliwayo, abangancedekanga zizo abo bahamba kuzo. |
10. | Sinesibingelelo thina, abangenagunya lakudla kuso abo bakhonza umnquba. |
11. | Kuba ezo zinto ziphilileyo, zigazi lazo lingeniswa ngenxa yesono kweyona ngcwele nguye umbingeleli omkhulu, imizimba yazo itshiselwa ngaphandle kweminquba. |
12. | Kungoko athe noYesu, ukuze abangcwalise abantu ngelilelakhe igazi, weva ubunzima ngaphandle kwesango. |
13. | Masiphume ke ngoko siye kuye ngaphandle kweminquba, sithwele ingcikivo yakhe. |
14. | Kuba apha asinamzi uhleliyo, singxamele lowo uza kuza. |
15. | Ngoko masithi ngaye sinyuse ngamaxesha onke kuye uThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo somlomo olivumayo igama lakhe. |
16. | Ke ukwenza okuhle nobudlelane, musani ukukulibala; kuba imibingelelo enjalo uyakholiswa kakuhle yiyo uThixo. |
17. | Bathambeleni abakhokeli benu, nibathobele; kuba bona abalali, ngenxa yemiphefumlo yenu, ngokwabaya kuphendula, ukuze bakwenze oko bevuyile, bengancwini; kuba anisizakali kuko oko. |
18. | Sithandazeleni; kuba sikholosekile kukuthi sinesazela esilungileyo, singa ezintweni zonke singahamba kakuhle. |
19. | Ndiyavuselela ke ngokugqithiseleyo, ukuba nikwenze oko, ukuze ndibuyiselwe kuni kamsinyane. |
20. | Ke kaloku uThixo woxolo, lowo wamvusayo kwabafileyo uMalusi oMkhulu wezimvu, ngegazi lomnqophiso ongunaphakade, |
21. | iNkosi yethu uYesu, wanga anganilungisa, nigqibelele emisebenzini yonke elungileyo, ukuze nikwenze ukuthanda kwakhe, esenza ngaphakathi kwenu oko kukholekileyo emehlweni akhe, ngoYesu Kristu. Kuye makubekho uzuko, luse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen. |
22. | Ndiyanivuselela ke nina, bazalwana, linyamezeleni ilizwi lovuselelo olu; kuba ke ndinibhalele ngokufutshane. |
23. | Yazini ukuba umzalwana wethu uTimoti ukhululwe; endothi, xa angaba uthe wafika kamsinya, ndinibone ndinaye. |
24. | Babuliseni bonke abakhokeli benu, nabo bonke abangcwele. Bayanibulisa abavela eItaliya. |
25. | Ubabalo malube nani nonke. Amen. |
← Hebrews (13/13) |