| ← Hebrews (12/13) → |
| 1. | Ngako oko ke, sinelifu elingakanana nje elisingqongileyo lamangqina, masithi nathi, siwubekile nxamnye wonke umthwalo, naso isono esinokusirhawula ngokusisulu, silubaleke ngomonde ugqatso olubekwe phambi kwethu; |
| 2. | sise amehlo kuyo iMbangi noMgqibelelisi wokholo lwethu, uYesu, owathi, ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe, wawunyamezela umnqamlezo, elidelile ihlazo, waza wahlala phantsi ngasekunene kwetrone kaThixo. |
| 3. | Ewe, mqondeni lowo ukunyamezeleyo ukumphikisa okungaka kwaboni, ukuze ningadinwa, ingatyhafi imiphefumlo yenu. |
| 4. | Anikachasi kude kube segazini, nizamana naso isono. |
| 5. | Kananjalo senilulibele uvuselelo olu, luthetha kuni ngathi kukoonyana, lusithi, Nyana wam, musa ukukucekisa ukuqeqesha kweNkosi, Kananjalo ungatyhafi wakohlwaywa yiyo; |
| 6. | Kuba lowo imthandayo iNkosi iyamqeqesha, Ibatyakatye ke bonke oonyana ebamkelayo. |
| 7. | Ukuba ninyamezela uqeqesho, uThixo woba uniphethe njengoonyana; kuba nguwuphi na unyana ongaqeqeshwayo nguyise? |
| 8. | Ukuba ke aniqeqeshwa, abathe baba ngamadlelane ngalo bonke, noba nina niyimigqakhwe ngoko, aningoonyana. |
| 9. | Kananjalo sibe sinabo oobawo benyama okunene besiqeqesha, sabahlonela; asiyi kuthi ngakumbi na sithobele uYise woomoya bonke, sidle ubomi? |
| 10. | Kuba bona okunene basiqeqesha imihla embalwa, ngokokuzithandela kwabo, kodwa yena usiqeqeshela okusilungeleyo, ukuze sahlulelane ngobungcwele bakhe. |
| 11. | Lonke ke uqeqesho okunene ngokwakalokunje alubonakali luluvuyo, lubonakala luyintlungu; kodwa kamva lubanika isiqhamo esiluxolo, oko kukuthi sobulungisa, abo baqhelisiweyo lulo. |
| 12. | Kungoko endithi, Zimiseni izandla eziwileyo, namadolo anedumbe; |
| 13. | iinyawo zenu nizenzele imizila ethe tye, ukuze into eqhwalelayo ingaphambuki endleleni, kanye ke iphiliswe. |
| 14. | Phuthumani uxolo nabo bonke, nobungcwele, ekungekho namnye uya kuyibona iNkosi, engenabo; |
| 15. | nivelela, ukuze kungabikho bani usilelayo elubabalweni lukaThixo, kungabikho ngcambu yabukrakra, ithi ivele ihlume, inikhathaze, bathi abaninzi badyojwe yiyo; |
| 16. | kungabikho bani ulihenyu, nokuba ngumhlambeli, njengoEsawu, owathi ngenxa yentwana yokudla wananisa ngobuzibulo bakhe. |
| 17. | Kuba niyazi ukuba wathi kamva, ethanda ukuyidla ilifa intsikelelo, walahlwa; kuba akafumananga thuba languquko, noko wayingxamelayo ngeenyembezi. |
| 18. | Kuba anisondelanga ntabeni iphathwayo, itshayo ngumlilo, nasithokothokweni, na bumnyameni, naluqhwitheleni, |
| 19. | nasandini saxilongo, nasithongeni samazwi, abathe abo basivayo bacela kabukhali, ukuba kungabi sathethwa lizwi kubo. |
| 20. | Kuba babengenakukuthwala oko babeyalwa ngako; nokuba ithe inkomo yayichukumisa intaba, ibiya kuxulutywa ngamatye, ithi mhlawumbi ibinzwe ngomkhonto; |
| 21. | yaza loo nto yabonakalayo yoyikeka, kangangokuba uMoses athi, Ndiyoyika kakhulu, ndiyagubha. |
| 22. | Nisuke nina nafika eZiyon, entabeni nasemzini woThixo ophilileyo, kwiYerusalem yasemazulwini, nakumawakawaka ezithunywa zezulu, |
| 23. | kwingqungquthela, nakwibandla lamazibulo abhaliweyo emazulwini, nakuThixo, uMgwebi wabo bonke, nakoomoya bamalungisa agqibeleleyo, |
| 24. | nakuMlamleli womnqophiso omtsha, uYesu, nakwigazi lokufefa, elithetha ezona zinto zilungileyo kunelika-Abheli. |
| 25. | Lumkani, ningamali lowo uthethayo. Ukuba ke abo, bamalayo lowo wahlabayo izihlabo emhlabeni, abasindanga, kobeka phi na ke ukugqithisela kokungasindi kwethu, thina bamnikela umva lowo uhlaba esemazulwini; |
| 26. | olizwi oko lawuzamazamisayo umhlaba; ngoku ke ubeke ngedinga, esithi, Kusaya kuba ngumzuzwana endiya kuthi mna ndinganyikimisi mhlaba wodwa, ndinyikimise nalo izulu. |
| 27. | Oku kuthi ke, Kusaya kuba ngumzuzwana, kubonakalalisa ukuguqulwa kwezinto ezizanyazanyiswayo, ngathi kokwezenziweyo, ukuze zihlale zona ezingenakuzanyazanyiswa. |
| 28. | Masithi ngoko, sisamkela ubukumkani obungenakuzanyazanyiswa nje, sibe nombulelo, simkhonze ngawo uThixo ngokukholekileyo, sinokuhlonela nokoyika; |
| 29. | kuba uThixo wethu ungumlilo odlayo. |
| ← Hebrews (12/13) → |