Hebrews (11/13)  

1. Ukholo ke kukukholosa ngezinto ezithenjiweyo; kukweyiseka bubukho bezinto ezingabonwayo.
2. Kuba amanyange angqinelwa ngokuba nalo olo.
3. Ngokholo siyaqonda ukuba indalo le yonke yenziwe yabakho ngelizwi likaThixo, ukuze izinto ezi zibonwayo zibe aziphume kwezibonakalayo.
4. Ngokholo uAbheli wasondeza kuye uThixo umbingelelo ogqithileyo kunokaKayin, awangqinelwa ngawo ukuba ulilungisa, uThixo wayingqinelayo nje iminikelo yakhe; ngalo ke, efile nje, usathetha.
5. Ngokholo uEnoki wafuduselwa emazulwini ukuba angaboni kufa; akaba nakufunyanwa ke, ngenxa enokuba uThixo wamfudusayo; kuba ngaphambi kokufuduswa kwakhe, wangqinelwa ukuba umkholise kakuhle uThixo.
6. Ke, lungekho ukholo, akunakubakho ukumkholisa kakuhle; kuba lowo uzayo kuThixo, umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo.
7. Ngokholo uNowa, ehlatyelwe nguThixo ngazo izinto ebezingekabonwa, wathi ngokoyika uThixo wawakha umkhombe wokusindisa indlu yakhe, awathi ngalo waligweba ihlabathi, waba yindlalifa yobulungisa obungokokholo.
8. Ngokholo uAbraham wathi, akubizwa, Wakululamela ukuba aphume, aye kuloo ndawo abeza kuyamkela ukuba ibe lilifa; waphuma ke, engazi kakuhle nalapho aya khona.
9. Ngokholo waba ngumphambukeli emhlabeni wedinga, wanga ukowasemzini, ehleli eminqubeni, ndawonye noIsake noYakobi, beziindlalifa zalo elo dinga ndawonye naye;
10. kuba wayewulindele umzi lo uneziseko, ungcibi, umbangi wawo, inguThixo.
11. Ngokholo noSara ngokwakhe wamkela amandla okumisa umzi, waza wazala, liseligqithile ixesha lokuba amithe, ekubeni wambalela ekuthini uthembekile lowo wabekayo ngedinga.
12. Kungoko kwazalwayo ngamnye, engofileyo ke lowo, into engangeenkwenkwezi zezulu ukuba yintabalala, nanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle, engenakubalwa.
13. Aba bonke bafa ngokokholo, bengawafumananga amadinga; besuka bawabona kude, bakholosa, bathakazela, bavuma ukuba bangabasemzini, balundwendwe emhla beni.
14. Kuba abo bathetha izinto ezinjalo, babonakalalisa ukuba bangxamele ikowabo.
15. Ke, ukuba okunene babekhumbula elo babephuma kulo, ngebaba nethuba lokubuyela kulo.
16. Kodwa ngoku bazolulela kwelona lilungileyo, oko kukuthi, kwelasemazulwini. Kungoko uThixo angenazintloni ngabo, ukuba kuthiwe unguThixo wabo, kuba ebalungisele umzi.
17. Ngokholo uAbraham wamnikela uIsake, akulingwa; waye, owawamkelayo ngovuyo amadinga lawo, enikela okuphela kwawamzalayo;
18. ekwakuthethwe kuye kwathiwa, Iya kubizwa ngoIsake imbewu yakho;
19. ecamanga ngokuthi, uThixo unako ukuvusa nakwabafileyo; apho athe ngoko Wamzuza ngokomzekeliso.
20. Ngokholo uIsake wabasikelela uYakobi noEsawu, ngazo izinto eziza kubakho.
21. Ngokholo uYakobi uthe, xa aqhawukayo, wabasikelela oonyana bakaYosefu ngabanye, waqubuda esimelele ngentonga yakhe.
22. Ngokholo uYosefu uthe, xa abhubhayo, wakukhankanya ukuphuma koonyana bakaSirayeli, wawisa umthetho ngawo amathambo akhe.
23. Ngokholo uMoses uthe, akuba ezelwe, wafihlwa iinyanga zantathu ngabazali bakhe, ngenxa enokuba bambona ukuba ungumntwana omhle, abasoyika isimiselo sokumkani.
24. Ngokholo uMoses uthe, akuba mkhulu, akavuma ukubizwa ngokuthi ungunyana wentombi kaFaro;
25. enyula kanye ukuba aphathwe kakubi, ndawonye nabantu bakaThixo, kunokuba axhamle izono okomzuzwana;
26. ekubalele ukungcikivwa kukaKristu kububutyebi obungaphezu kobutyebi baseYiputa, kuba wayekhangele ukwamkela umvuzo.
27. Ngokholo wayishiya iYiputa, akawoyika umsindo wokumkani; kuba wakrota, wanga uyambona lowo ungenakubonwa.
28. Ngokholo uyenzile ipasika nokutshizwa kwegazi, ukuze lowo wayewatshabalalisa amazibulo angawachukumisi.
29. Ngokholo baluwela uLwandle oluBomvu, kwanga kusemhlabeni owomileyo; athe amaYiputa, akukulinga oko, antywiliselwa.
30. Ngokholo zawa iindonga zaseYeriko, zakuba zijikeleziwe iimini ezisixhenxe.
31. Ngokholo uRahabhi ihenyukazi akatshabalalanga nabo bangevayo, akuba ezamkele iintlola ngoxolo.
32. Ndisathetha ntoni na? Kuba ndingaphelelwa lixesha ndibalisa ngoGidiyon, kwanoBharaki, noSamson, noYifeta, kwanoDavide, noSamuweli, nangabo abaprofeti;
33. abathe ngokholo beyisa izikumkani, basebenza ubulungisa, bazuzana namadinga, bavingca imilomo yeengonyama,
34. bacima amandla omlilo, basinda kwiintlangothi zekrele, bomelela ekubeni bebeswele amandla, baba ngamagorha emfazweni, bagxotha imikhosi yabasemzini.
35. Abafazi babazuza abafileyo babo bevukile; abanye ke batyakatywa, bengalwamkelanga ukhululo, ukuze bazuzane nolona luvuko lululo.
36. Bambi ke benziwa intlekisa, batyakatywa; phezu koko ke baviswa imixokelelwane nentolongo;
37. baxulutywa ngamatye; basarhwa; bahendwa; bafa kukubulawa ngekrele; bahamba ngeengubo zeegusha nangeengaga zeebhokhwe, beswele, bebandezelwe, bephathwa kakubi
38. (elalingabafanele ihlabathi), bedinga koozintlango, noozintaba, noomiqolomba, nakwimingxuma yomhlaba.
39. Aba ke bonke bathi, nakuba babengqinelwe ngalo ukholo, abazuzana nalo idinga,
40. uThixo esazalelele thina ngeyona nto ilungileyo, ukuze bangenziwa bagqibelele ngaphandle kwethu.

  Hebrews (11/13)