← Haggai (2/2) |
1. | Ngenyanga yesixhenxe, ngosuku lwamashumi amabini analunye enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova ngoHagayi umprofeti, lisithi, |
2. | Khawuthethe kuZerubhabheli unyana kaShalatiyeli, ibamba lakwaYuda, nakuYoshuwa unyana kaYotsadaki, umbingeleli omkhulu, nakumasalela abantu, uthi, |
3. | Ngubani na kuni apha oseleyo, owayibonayo le ndlu isesebuqaqawulini bayo bokuqala? Niyibona iyintoni na ke ngoku? Ayinjengento engento na emehlweni enu? |
4. | Noko ke ngoku yomelela, Zerubhabheli, utsho uYehova; womelele, Yoshuwa nyana kaYotsadaki, mbingeleli mkhulu; nomelele, nonke bantu belizwe, utsho uYehova, nisebenze; ngokuba ndinani, utsho uYehova wemikhosi. |
5. | Ilizwi elo, ndanqophisana nani ngalo ekuphumeni kwenu eYiputa, ndisaligcinile, noMoya wam umi phakathi kwenu; musani ukoyika. |
6. | Ngokuba uYehova wemikhosi utsho ukuthi, Kusaya kuba kanye, umzuzwana ke, ndinyikimise izulu, nehlabathi, nolwandle, nomhlaba owomileyo; |
7. | ndizinyikimise zonke iintlanga, zifike izinto ezinqwenelekayo zeentlanga zonke, ndiyizalise le ndlu ngobuqaqawuli; utsho uYehova wemikhosi. |
8. | Isilivere yeyam, igolide yeyam; utsho uYehova wemikhosi. |
9. | Buya kuba bukhulu ubuqaqawuli bamva bale ndlu, ngaphezu kobokuqala, utsho uYehova wemikhosi; kuyo ke le ndawo ndiya kunika uxolo; utsho uYehova wemikhosi. |
10. | Ngosuku lwamashumi omabini anesine lwenyanga yesithoba, ngomnyaka wesibini kaDariyo, kwafika ilizwi likaYehova ngoHagayi umprofeti, lisithi, |
11. | Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Khawubuze umyalelo kubabingeleli, uthi, |
12. | Yabonani, umntu ephethe inyama engcwele ngesondo lengubo yakhe, afike ngesondo lakhe esonkeni, nasentweni ephekiweyo, nasewayinini, naseolini, nasentweni nokuba yiyiphi edliwayo, yongcwaliseka na? Baphendula ababingeleli bathi, Hayi. |
13. | Wathi ke uHagayi, Ukuba uthe wafika oyinqambi ngenxa yomfi, kwezo zinto zonke, zoba ziinqambi na? Baphendula ababingeleli bathi, Zoba ziinqambi. |
14. | Waphendula uHagayi wathi, Banjalo ke aba bantu, lunjalo ke olu hlanga ebusweni bam; utsho uYehova; unjalo ke wonke umsebenzi wezandla zabo, nento abayisondezayo khona apho iyinqambi. |
15. | Kaloku ke khanigqale, nithabathele kule mini, nibhekise emva, kungekabekwa litye lityeni etempileni kaYehova; |
16. | nithabathele kwelo xesha, xa umntu ebefike esitheni esimilinganiso imashumi mabini, asuke afumane libe linye ishumi; xa ebefika emkhumbini wokukhongozela iwayini, eza kukha imilinganiso emashumi mahlanu, asuke afumane amashumi amabini. |
17. | Ndanibetha ngembabala, nangexoshomba, nangesichotho, kuyo yonke imisebenzi yezandla zenu; noko ke akubangakho namnye kuni ubuyela kum; utsho uYehova. |
18. | Khanigqale, nithabathele kule mini, nibhekise emva, nithabathele kusuku lwamashumi omabini anesine lwenyanga yesithoba kususela kuloo mini yokusekwa kwetempile kaYehova; gqalani ke. |
19. | Isekho yinina imbewu eqongeni? Hayi, akuxakathanga nto, kude kwesa kumdiliya, nomkhiwane, nomrharnate, nomnquma. Ndithabathele kule mini, ndiya kusikelela. |
20. | Kwafika ilizwi likaYehova ngokwesibini kuHagayi, ngosuku lwamashumi omabini anesine enyangeni leyo, lisithi, |
21. | Thetha kuZerubhabheli ibamba lakwaYuda, uthi, Ndiya kulinyikimisa izulu nehlabathi, |
22. | ndiyibhukuqe itrone yezikumkani, ndikutshabalalise ukomelela kwezikumkani zeentlanga; ndizibhukuqe iinqwelo zokulwa nabakhweli bazo, kuwe amahashe nabakhweli bawo; elowo awiswe likrele lowabo. |
23. | Ngaloo mini, utsho uYehova wemikhosi, ndiya kukuthabatha, Zerubhabheli nyana kaShalatiyeli, mkhonzi wam, utsho uYehova, ndikumise ngokomsesane wokutywina; kuba ndikunyule; utsho uYehova wemikhosi. |
← Haggai (2/2) |