Genesis (5/50)  

1. Yiyo le incwadi yenzala ka-Adam. Mhlana uThixo wamdala umntu, wamenza ngokufana noThixo.
2. Wadala indoda nenkazana, wabasikelela, wabathiya igama elinguAdam, mhlana wabadala.
3. UAdam wahlala iminyaka elikhulu elinamanci mathathu, wazala unyana ngokufana naye, ngokomfanekiso wakhe, wamthiya igama elinguSete.
4. Imihla ka-Adam emveni kokuzala kwakhe uSete yaba yiminyaka emakhulu asibhozo; wazala oonyana neentombi.
5. Iyonke imihla ka-Adam, awahlala ngayo, yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mathathu; wafa ke.
6. USete wahlala iminyaka elikhulu elinaminyaka mihlanu, wazala uEnoshe.
7. USete wahlala emveni kokuzala kwakhe uEnoshe iminyaka emakhulu asibhozo aneminyaka esixhenxe; wazala oonyana neentombi.
8. Iyonke imihla kaSete yaba yiminyaka emakhulu asithoba anashumi-nye linamibini; wafa ke.
9. UEnoshe wahlala iminyaka emashumi asithoba, wazala uKenan.
10. UEnoshe wahlala emveni kokuzala kwakhe uKenan iminyaka emakhulu asibhozo anashumi-nye linamihlanu; wazala oonyana neentombi.
11. Iyonke imihla kaEnoshe yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamihlanu; wafa ke.
12. UKenan wahlala iminyaka emashumi asixhenxe, wazala uMahalaleli.
13. UKenan wahlala emveni kokuzala kwakhe uMahalaleli iminyaka emakhulu asibhozo anamanci mane: wazala oonyana neentombi.
14. Iyonke imihla kaKenan yaba yiminyaka emakhulu asithoba, aneminyaka elishumi; wafa ke.
15. UMahalaleli wahlala iminyaka emashumi mathandathu anamihlanu, wazala uYerede.
16. UMahalaleli wahlala emveni kokuzala kwakhe uYerede iminyaka emakhulu asibhozo anamanci mathathu; wazala oonyana neentombi.
17. Iyonke imihla kaMahalaleli yaba yiminyaka emakhulu asibhozo anamanci asithoba anamihlanu; wafa ke.
18. UYerede wahlala iminyaka elikhulu elinamanci mathandathu anamibini, wazala uEnoki.
19. UYerede wahlala emveni kokuzala kwakhe uEnoki iminyaka emakhulu asibhozo; wazala oonyana neentombi.
20. Iyonke imihla kaYerede yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mathandathu anamihlanu, anamibini; wafa ke.
21. UEnoki wahlala iminyaka emashumi mathandathu anamihlanu, wazala uMethusela.
22. UEnoki wahamba noThixo, emveni kokuzala kwakhe uMethusela, iminyaka emakhulu mathathu; wazala oonyana neentombi.
23. Iyonke imihla kaEnoki yaba yiminyaka emakhulu mathathu, anamanci mathandathu anamihlanu.
24. UEnoki wahamba noThixo; akabakho, ngokuba uThixo wamthabatha.
25. UMethusela wahlala iminyaka elikhulu elinamanci asibhozo anesixhenxe, wazala uLameki.
26. UMethusela wahlala emveni kokuzala kwakhe uLameki iminyaka emakhulu asixhenxe anamanci asibhozo anamibini; wazala oonyana eneentombi.
27. Iyonke imihla kaMethusela yaba yiminyaka emakhulu asithoba, anamanci mathandathu anesithoba; wafa ke.
28. ULameki wahlala iminyaka elikhulu elinamanci asibhozo anamibini; wazala unyana.
29. Wamthiya igama elinguNowa, esithi, Lo uya kusithuthuzela emsebenzini wethu, nasekubulalekeni kwezandla zethu, ngenxa yomhlaba awawuqalekisayo uYehova.
30. ULameki wahlala emveni kokuzala kwakhe uNowa iminyaka emakulu mahlanu anamanci asithoba anamihlanu; wazala oonyana neentombi.
31. Iyonke imihla kaLameki yaba yiminyaka emakhulu asixhenxe anesixhenxe; wafa ke.
32. Ke uNowa ebeminyaka imakhulu mahlanu ezelwe; uNowa wazala ooShem noHam noYafete.

  Genesis (5/50)