| ← Genesis (49/50) → |
| 1. | Wababiza ke uYakobi oonyana bakhe, wathi, Zihlanganiseni, ndinixelele okuya kunihlela ngemihla yokugqibela. |
| 2. | Qukanani, niphulaphule, nyana bakaYakobi, Niphulaphule uSirayeli uyihlo. |
| 3. | Rubhen, wena mazibulo am, mandla am, ngqalo yokuqina kwam, Ncamisa yokuphakama, ncamisa yegunya, |
| 4. | Uxhaphazelayo njengamanzi, akusayi kuba ncamisa kunje; Kuba wenyukayo waya esililini sikayihlo, Wangcolisa oko, wenyuka waya emandlalweni wam. |
| 5. | USimon noLevi ngabazalwana; Ziintonga zokugonyamela izikhali zabo. |
| 6. | Egquguleni labo uze ungangeni umphefumlo wam, Nesikhungu sabo lungazibandakanyi uzuko lwam; Kuba ngomsindo wabo babulala amadoda, Ngokuzithandela kwabo bazinqumla imisipha iinkomo. |
| 7. | Uqalekisiwe umsindo wabo, ngokuba unobungcwangu: Ukuphuphuma kwabo umsindo, ngokuba unzima. Ndiya kubachithachitha kwaYakobi, Ndibaphangalalise kwaSirayeli. |
| 8. | Yuda, abazalwana bakho baya kukudumisa, Isandla sakho sibe sentanyeni yeentshaba zakho; Baya kuqubuda kuwe oonyana bakayihlo. |
| 9. | Lithole lengonyama uYuda; Usuke ekuqwengeni, nyana wam, Waguqa, wabuthuma njengengonyama, Njengengonyamakazi; ngubani na oya kumvusa? |
| 10. | Intonga ayiyi kumka kuYuda, Intonga yommisi-mthetho ayiyi kumka phakathi kweenyawo zakhe, Ade afike uShilo, Zimlulamele izizwe. |
| 11. | Ngukhuleka emdiliyeni imazi yakhe ye-esile, Ukhuleka kowohlobo inkonyana yakhe ye-esile; uhlamba ngewayini isambatho sakhe, Ngegazi lediliya ingubo yakhe; |
| 12. | Umehlo abomvu yiwayini, Umazinyo amhlophe ngamasi. |
| 13. | UZebhulon uya kuma ngasezibukweni lolwandle, |
| 14. | Ewe, ngasezibukweni leenqanawa, Icala lakhe lisingise eTsidon. UIsakare yinyathi ye-esile, Ulala phakathi kweentlanti. |
| 15. | Wakubona ukuphumla ukuba kulungile, Nelizwe ukuba limnandi; Igxalaba lakhe walithobela ukuthwala, waba ngumsebenzi ofakwa uviko. |
| 16. | UDan uya kugweba phakathi kwabantu bakowabo, Njengezinye izizwe zakwaSirayeli. |
| 17. | UDan makabe yinyoka ngasendleleni, Irhamba ngasemendweni, Eliluma izithende zehashe, Awe ngomva olikhweleyo. |
| 18. | Usindiso lwakho, Yehova, ndiluthembile. |
| 19. | UGadi ungenelwa ngamatutu, Ke yena uwangenela ezithendeni. |
| 20. | KuAshere kuphuma amafutha, isonka sakhe eso; Yena unika izinto eziyolisa ookumkani. |
| 21. | UNafetali yimazi yexhama ekhululweyo, ukhupha amazwi amahle. |
| 22. | NguGatya lomthi oqhamayo uYosefu, UGatya lomthi oqhamayo ngasemthonjeni, Omasebe aqabele eludongeni. |
| 23. | UBamcubunga bamtola, Bamchasa abatoli; |
| 24. | USihlala sithe nkqi isaphetha sakhe, UMikhono yezandla zakhe inokusityeda, Ngezandla zembalasane kaYakobi, Khona apho akhoyo umalusi, ilitye likaSirayeli; |
| 25. | NgoThixo wooyihlo—akuncede, NgoSomandla—akusikelele, Ibe ziintsikelelo zamazulu ezivela phezulu, Iintsikelelo zamanzi enzonzobila alele ezantsi, Iintsikelelo zamabele, nezesizalo. |
| 26. | Iintsikelelo zikayihlo Zizigqithile iintsikelelo zomawokhulu, Zasa nasemdeni weentaba zanini; Mazibe sentloko kuYosefu, Ebuchotsheni bobalulweyo kubazalwana bakhe! |
| 27. | UBhenjamin yingcuka eqwengayo; Kusasa uya kudla okuphangiweyo, Ngokuhlwa uya kwaba okuthinjiweyo. |
| 28. | Bonke aba zizizwe zakwaSirayeli ezilishumi elinazibini; yiyo leyo into awayithethayo kubo uyise, wabasikelela; elowo ngokwentsikelelo yakhe wabasikelela. |
| 29. | Wabawisela umthetho, wathi kubo, Ndiza kuhlanganiselwa kwabakowethu; ndingcwabeni noobawo emqolombeni osentsimini kaEfron umHiti, |
| 30. | emqolombeni osentsimini yaseMakapela, ophambi kowakwaMamre, ezweni lakwaKanan, awawuthengayo uAbraham ndawonye nentsimi kuEfron umHiti, ukuba abe nendawo eyiyeyakhe yokungcwaba. |
| 31. | Bamngcwaba khona apho uAbraham noSara umkakhe; bamngcwaba khona apho uIsake noRebheka umkakhe; ndamngcwaba khona apho uLeya. |
| 32. | Yathengwa intsimi leyo nomqolomba okuyo koonyana bakaHeti. |
| 33. | Wagqiba ke uYakobi ukuyolela oonyana bakhe, wazifinyezela esingqengqelweni iinyawo zakhe, waphuma umphefumlo, wahlanganiselwa kwabakowabo. |
| ← Genesis (49/50) → |