| ← Genesis (48/50) → |
| 1. | Kwathi emveni kwezi zinto, kwathiwa kuYosefu, Uyabona, uyihlo uyafa. Wathabatha oonyana bakhe bobabini, uManase noEfrayim, bahamba naye. |
| 2. | Waxelelwa uYakobi kwathiwa, Nanku unyana wakho uYosefu esiza kuwe. Wazomeleza uSirayeli, wavuka, wahlala esingqengqelweni. |
| 3. | UYakobi wathi uYosefu, uThixo uSomandla wabonakala kum ndiseLuzi, ezweni lakwaKanan, wandisikelela. |
| 4. | Wathi kum, Yabona, ndiya kukuqhamisa, ndikwandise, ndikwenze isikhungu sezizwe; eli lizwe ndilinike imbewu yakho emva kwakho, libe lelakho ngonaphakade. |
| 5. | Ngako oko oonyana bakho ababini, owabazalelwayo ezweni laseYiputa, ndingekafiki kuwe eYiputa, ngabam; uEfrayim noManase baya kuba ngabam; njengoRubhen noSimon. |
| 6. | Ke othe wabazala emva kwabo, baya kuba ngabakho; baya kubizwa ngokwegama labazalwana babo elifeni labo. |
| 7. | Ekumkeni kwam mna ePadan, ndafelwa nguRakeli ezweni lakwaKanan endleleni, ndakubona ukuba ndimganyana ukuze kufikwe e-Efrata; ndamngcwabela khona endleleni yase-Efrata eyiBhetelehem. |
| 8. | USirayeli wababona oonyana bakaYosefu, wathi, Ngoobani na aba? |
| 9. | Wathi uYosefu kuyise, Ngoonyana bam endibaphiwe nguThixo apha. Wathi yena, Khawubasondeze kum, ndibasikelele. |
| 10. | Ke amehlo kaSirayeli ayeselenorhatyazo kukwaluphala, engasaboni. Wabasondeza ke kuye, wabanga, wabawola. |
| 11. | USirayeli wathi uYosefu, Ukubona ubuso bakho bendingasakucingi; nanku uThixo endibonise nembewu yakho. |
| 12. | UYosefu wabakhupha phakathi kwamadolo akhe, waqubuda ngobuso bakhe emhlabeni. |
| 13. | UYosefu wabathabatha bobabini, uEfrayim ngesokunene kwesasekhohlo sikaSirayeli, noManase ngesokhohlo kwesokunene sikaSirayeli, wabasondeza kuye. |
| 14. | USirayeli wasolula esokunene sakhe, wasibeka entloko kuEfrayim engomncinane, nesokhohlo sakhe entloko kuManase, ezenjenjalo izandla zakhe ngengqiqo; ngokuba uManase ebengowamazibulo. |
| 15. | Wamsikelela uYosefu, wathi, Ngamana uThixo, abahamba phambi kwakhe oobawo uAbraham noIsake, owandondla kwasekuveleni kwam kwada kwanamhla, osisithunywa esindikhululeyo ebubini bonke, |
| 16. | angabasikelela abafana, lithi igama lam negama loobawo libizwe phezu kwabo, uAbraham noIsake, bande, babe baninzi ehlabathini. |
| 17. | Wabona uYosefu ukuba uyise usibeke isandla sakhe sokunene entloko kuEfrayim, kwakubi emehlweni akhe; wasibamba isandla sikayise wasishenxisa entlokweni kaEfrayim, esisa entlokweni kaManase. |
| 18. | Wathi uYosefu kuyise, Makungabi njalo, bawo, kuba ngulo owamazibulo; beka esokunene entlokweni yakhe. |
| 19. | Akavuma uyise, wathi, Ndiyazi, nyana wam, ndiyazi; naye uya kuba sisizwe, naye uya kuba mkhulu; kodwa umninawa wakhe uya kuba mkhulu kuye, nembewu yakhe ibe ziintlanga ezininzi. |
| 20. | Wabasikelela ngaloo mini, esithi, Ngawe uya kusikelela uSirayeli, esithi, Ngamana uThixo wakwenza njengoEfrayim nanjengoManase. Wambeka ke uEfrayim phambi koManase. |
| 21. | USirayeli wathi kuYosefu, Yabona, ndiza kufa; uThixo uya kuba nani, anibuyisele ezweni looyihlo. |
| 22. | Mna ndikunike isiqwenga somhlaba ngaphezu kwabazalwana bakho, eso ndasithimbayo esandleni sama-Amori, ngekrele lam nangesaphetha sam. |
| ← Genesis (48/50) → |