| ← Genesis (46/50) → | 
| 1. | Wanduluka ke uSirayeli neento zonke abenazo, wafika eBher-shebha, wabingelela imibingelelo kuThixo kayise uIsake. | 
| 2. | Wathetha uThixo kuSirayeli emibonweni yobusuku, wathi, Yakobi, Yakobi! Wathi yena, Ndilapha. | 
| 3. | Wathi, NdinguThixo, uThixo wooyihlo, musa ukoyika ukuhla uye eYiputa; kuba ndiya kukwenza uhlanga olukhulu khona. | 
| 4. | Mna ndiya kuhla ndiye nawe eYiputa, ndinyuke nokunyuka nawe; uYosefu asibeke isandla sakhe phezu kwamehlo akho. | 
| 5. | Wesuka uYakobi eBher-shebha; oonyana bakaSirayeli bamthwala uYakobi uyise, nabantwana babo, nabafazi babo, ngeenqwelo ebezithunyelwe nguFaro ukuba zimthwale. | 
| 6. | Bayithabatha imfuyo yabo, nengqwebo yabo ababeyiqwebile ezweni lakwaKanan, bafika eYiputa uYakobi nembewu yakhe yonke, ndawonye naye; | 
| 7. | oonyana bakhe, noonyana boonyana bakhe ndawonye naye, iintombi zakhe, neentombi zoonyana bakhe, nembewu yakhe yonke, weza nayo eYiputa. | 
| 8. | Ngawo la amagama oonyana bakaSirayeli abafikayo eYiputa, uYakobi noonyana bakhe: amazibulo kaYakobi nguRubhen. | 
| 9. | Oonyana bakaRubhen nguHanoki, noFalu, noHetseron, noKarmi. | 
| 10. | Oonyana bakaSimon, nguYemuweli, noYamin, no-Ohadi, noYakin, noTsohare, noSawule, unyana womKananekazi. | 
| 11. | Oonyana bakaLevi nguGershon, noKehati, noMerari. | 
| 12. | Oonyana bakaYuda nguEre, no-Onan, noShela, noPeretse, noZera; ke ooEre no-Onan bafela ezweni lakwaKanan. Oonyana bakaPeretse nguHetseron noHamuli. | 
| 13. | Oonyana bakaIsakare nguTola, noPuwa, noYobhi, noShimron. | 
| 14. | Oonyana bakaZebhulon nguZerede, noEloni, noYaleli. | 
| 15. | Ngabo abo oonyana bakaLeya, awabazalela uYakobi ePadan-aram, noDina intombi yakhe; yonke imiphefumlo yoonyana bakhe neyeentombi zakhe ingamashumi omathathu anamithathu. | 
| 16. | Oonyana bakaGadi nguTsifiyon, noHagi, noShuni, noEtsebhon, noEri, noArodi, noAreli. | 
| 17. | Oonyana baka-Ashere nguImna, noIshwa, noIshvi, noBheriya, noSera udade wabo; oonyana bakaBheriya nguEbhere noMalekiyeli. | 
| 18. | Ngabo abo oonyana bakaZilipa, awathi uLabhan wamnika uLeya intombi yakhe; abo wabazalela uYakobi, imiphefumlo elishumi elinamithandathu. | 
| 19. | Oonyana bakaRakeli, umkaYakobi, nguYosefu noBhenjamin. | 
| 20. | Wazala ke uYosefu ezweni laseYiputa, uManase, noEfrayim, awamzalela bona uAzenati, intombi kaPotifera, umbingeleli waseOn. | 
| 21. | Oonyana bakaBhenjamin nguBhela, noBhekere, noAshbhele, noGera, noNahaman, noEhi, noRoshe, noMupim, noHupim, noArdi. | 
| 22. | Ngabo abo oonyana bakaRakeli, abazalelwa uYakobi; iyonke yimiphefumlo elishumi elinamine. | 
| 23. | Oonyana bakaDan nguHushim. | 
| 24. | Oonyana bakaNafetali nguYatseli, noGuni, noYetsere, noShilem. | 
| 25. | Ngabo abo oonyana bakaBhiliha, awathi uLabhan wamnika uRakeli intombi yakhe; abo wabazalela uYakobi, iyonke yimiphefumlo esixhenxe. | 
| 26. | Iyonke imiphefumlo eyaya noYakobi eYiputa, eyaphuma esinqeni sakhe, ngaphandle kwabafazi boonyana bakaYakobi, iyonke yimiphefumlo emashumi mathandathu anamithandathu. | 
| 27. | Oonyana bakaYosefu awabazalelwa eYiputa yimiphefumlo emibini. Iyonke imiphefumlo yendlu kaYakobi eyaya eYiputa ibimashumi asixhenxe. | 
| 28. | Wasusa uYuda ukuba amandulele aye kuYosefu, ambonise indlela eya eGoshen; bafika ke ezweni laseGoshen. | 
| 29. | UYosefu wayibopha inqwelo yakhe, wenyuka waya kumkhawulela uSirayeli uyise eGoshen. Bathe bakubonana, wawa entanyeni yakhe, walila umzuzu omkhulu entanyeni yakhe. | 
| 30. | Wathi uSirayeli kuYosefu, Ndibubonile nje ubuso bakho, ukuba usahleli, mandife ngoku. | 
| 31. | Wathi uYosefu kubazalwana bakhe nakwindlu kayise, Ndiya kunyuka ndiye kubika kuFaro, ndithi kuye, Abazalwana bam nendlu kabawo, ababesezweni lakwaKanan, bafikile; | 
| 32. | kunjalo nje la madoda ngabalusi bempahla emfutshane, kuba ngabafuyi; impahla yawo emfutshane, neenkomo zawo, neento zonke ananzo, aze nazo. | 
| 33. | Xa athe wanibiza uFaro, wathi, Uyintoni na umsebenzi wenu? nothi, | 
| 34. | Abakhonzi bakho ngabafuyi bempahla kwasebuncinaneni bethu unangoku, thina aba noobawo bethu; ukuze nime ezweni laseGoshen, kuba bonke abalusi bempahla emfutshane balisikizi kumaYiputa. | 
| ← Genesis (46/50) → |