← Genesis (44/50) → |
1. | Wamwisela umthetho umphathi wendlu, esithi, Zizalise iingxowa zala madoda ngokudla, njengoko zinako ukukhongozela, uyibeke imali yalowo nalowo emlonyeni wengxowa yakhe; |
2. | uyibeke indebe yam, indebe yesilivere, emlonyeni wengxowa yomncinane, nemali yengqolowa yakhe. Wenza ke ngokwelizwi likaYosefu abelithethile. |
3. | Kwakuthi qhiphu ukusa, andululwa loo madoda, wona namaesile awo. |
4. | Akubona ukuba aphumile emzini, engekayi kude, wathi uYosefu kumphathi wendlu yakhe, Suka, uwasukele laa madoda; wakuwafumana uze uthi kuwo, Yini na ukuba niphindezele okulungileyo ngokubi? |
5. | Le nto asiyile na inkosi yam isela ngayo, ihlabe nezihlabo ngayo? Yinto embi le nto niyenzileyo. |
6. | Wawafumana, wathetha kuwo loo mazwi. |
7. | Athi kuye, Yini na ukuba inkosi yam ithethe ngokwaloo mazwi? Makube lee kubakhonzi bakho ukwenza ngokwelo lizwi. |
8. | Uyabona, imali esayifumanayo emlonyeni weengxowa zethu, sayibuyisela kuwe, sivela ezweni lakwaKanan. Singathini na ke ukuba endlwini yenkosi yakho isilivere nokuba yigolide? |
9. | Osukuba ifunyenwe kuye phakathi kwabakhonzi bakhe, makafe; kananjalo thina sibe ngamakhoboka enkosini yam. |
10. | Wathi, Makube njengokwamazwi enu; ke ngoko osukuba ifunyenwe kuye, woba sisicaka sam, ke nina noba msulwa. |
11. | Bakhawuleza, bathula elowo ingxowa yakhe, bayibeka emhlabeni, bavula elowo ingxowa yakhe. |
12. | Wagquthagqutha, eqalela komkhulu, egqibela komncinane; yafunyanwa indebe engxoweni kaBhenjamin. |
13. | Bazikrazula iingubo zabo, babopha elowo iesile lakhe, babuyela kuloo mzi. |
14. | Wafika uYuda nabazalwana bakhe endlwini kaYosefu; ubesekhona yena. Bawa phambi kwakhe emhlabeni. |
15. | UYosefu wathi kubo, Sisenzo sini na esi nisenzileyo? Beningazi na ukuba indoda enjengam nje ibingahlaba izihlabo? |
16. | UYuda wathi, Siya kuthini na enkosini yam? Siya kuthetha ntoni na? Siya kuzihlamba njani na? UThixo ubufumene ubugwenxa babakhonzi bakho; yabona, singabakhonzi benkosi yam, thina aba, nalowa indebe ifunyenwe esandleni sakhe. |
17. | Wathi, Makube lee kum ukwenza loo nto; indoda efunyenwe esandleni sayo indebe, yiyo eya kuba sisicaka kum; ke nina nyukani nixolile, niye kuyihlo. |
18. | UYuda wasondela kuye, wathi, Tarhu, nkosi yam! Makhe athethe ilizwi umkhonzi wakho ezindlebeni zinkosi yam; mawungavuthi umsindo wakho ngakumkhonzi wakho, ngokuba ungangoFaro wena. |
19. | Yababuza inkosi yam abakhonzi bayo, isithi, Ninoyihlo na? Ninomninawa na? |
20. | Sathi thina enkosini yam, Sinobawo ixhego, nomntwana wobuxhego bakhe omncinane; umkhuluwa wakhe wafa, yena usele yedwa kunina, uyise uyamthanda. |
21. | Wathi ke wena kubakhonzi bakho, Yihlani naye eze kum, ndiwamise amehlo am kuye. |
22. | Sathi thina kwinkosi yam, Umfana lowo akanako ukumshiya uyise; emshiyile, uyise angafa. |
23. | Wathi wena kubakhonzi bakho, Ukuba umninawa wenu omncinane akathanga ehle nani, aniyi kubuya nibubone ubuso bam. |
24. | Kwathi, xenikweni senyukayo saya kumkhonzi wakho ongubawo, samxelela amazwi enkosi yam. |
25. | Wathi ubawo, Buyani niye kusithengela intwana yokudla. |
26. | Sathi, Asinakuhla. Ukuba umninawa wethu omncinane unathi, sohla; kuba asinakububona ubuso bendoda leyo, engenathi umninawa wethu omncinane. |
27. | Wathi ubawo umkhonzi wakho kuthi, Niyazi nina, ukuba umkam wandizalela oonyana ababini. |
28. | Omnye waphuma kum, ndathi, Inene, uqwengiwe; andimbonanga unangoku. |
29. | Nimthabatha nje nalo ebusweni bam, ethe wahlelwa yingozi, nozihlisela izimvi zam zinobubi kwelabafileyo. |
30. | Ngoko ke, ukuba ndithe ndafike kubawo umkhonzi wakho, engenathi umfana (umphefumlo wakhe ubotshwe nomphefumlo wakhe nje), |
31. | kothi, akubona ukuba akakho umfana, afe, nabakhonzi bakho bahlise izimvi zomkhonzi wakho ubawo enesingqala, ziye kwelabafileyo. |
32. | Kuba umkhonzi wakho lo wammela umfana lowo kubawo, ndisithi, Ukuba andithanga ndimzise kuwe, ndoba netyala kubawo yonke imihla yam. |
33. | Ngoko makahlale umkhonzi wakho lo esikhundleni somfana, ndibe likhoboka enkosini yam mna; umfana anyuke nabakhuluwa bakhe. |
34. | Kuba ndingathini na ukunyuka ndiye kubawo, engenam umfana? hleze ndibubone ububi obomfumana ubawo. |
← Genesis (44/50) → |