Genesis (42/50)  

1. Wabona uYakobi ukuba kukho ingqolowa eYiputa, wathi uYakobi koonyana bakhe, Yini na ukuba nikhangelane?
2. Wathi, Yabonani, ndivile ukuba kukho ingqolowa eYiputa; yihlani niye khona, nisithengele ingqolowa, siphile, singafi.
3. Behla abakhuluwa bakaYosefu abalishumi, beya kuthenga ingqolowa eYiputa.
4. Kodwa uBhenjamin, umninawa kaYosefu, uYakobi akamthumanga nabakhuluwa bakhe; kuba wathi, hleze ahlelwe yingozi.
5. Oonyana bakaSirayeli beza kuthenga ingqolowa phakathi kwabo bezayo; kuba indlala ibikho ezweni lakwaKanan.
6. UYosefu wayengumlawuli welizwe elo; yena wayethengisa ngengqolowa kubo bonke abantu belizwe elo; bafika ke abakhuluwa bakaYosefu, baqubuda kuye ngobuso emhlabeni.
7. UYosefu wababona abakhuluwa bakhe, wabazi, wazenza ongabaziyo, wathetha nabo kalukhuni, wathi kubo, Nivela phi na? Bathi, Sivela ezweni lakwaKanan, size kuthenga ukudla.
8. UYosefu wabazi abakhuluwa bakhe; ke bona abamnakananga.
9. Wawakhumbula uYosefu amaphupha abewaphuphile ngabo, wathi kubo, Niziintlola nina; nize kubona ubuze belizwe eli.
10. Bathi kuye, Hayi, nkosi; abakhonzi bakho baze kuthenga ukudla.
11. Sonke siphela singoonyana bamfo mnye; siyalungisa, abakhonzi bakho abazizo iintlola.
12. Wathi kubo, Hayi, nize kubona ubuze belizwe eli.
13. Bathi, Abakhonzi bakho balishumi elinababini; siyazalana, singoonyana bamfo mnye ezweni lakwaKanan. UYabona, omncinane ukubawo namhla, omnye akakho.
14. Wathi uYosefu kubo, Yile nto bendiyithetha kuni, ndisithi, Niziintlola.
15. Niya kucikidwa ngale ndawo: ehleli nje uFaro, anisayi kuphuma apha, ukuba akathanga eze apha umninawa wenu omncinane.
16. Thumani omnye kuni apha, aphuthume umninawa wenu, nikhonkxwe nina; acikidwe amazwi enu ukuba ninenyaniso na; ukuba akubanga njalo, ehleli nje uFaro, inene noba niziintlola.
17. Wabanikela bonke elugcinweni imihla yamithathu.
18. UYosefu wathi kubo ngomhla wesithathu, Yenzani oku, niphile; kuba ndiyamoyika uThixo.
19. Ukuba ninyanisile, omnye umzalwana kuni apha makakhonkxwe endlwini yokugcinwa kwenu, nihambe nina, niyise ingqolowa ngenxa yendlala yezindlu zenu.
20. Umninawa wenu omncinane nimzise kum; okholeka ke amazwi enu, ningafi.
21. Benjenjalo ke. Bathetha omnye komnye besithi, Inyaniso, sinetyala ngenxa yomninawa wethu, sabe sikubona nje ukubandezeleka komphefumlo wakhe, oko abetarhuzisa kuthi, asamphulaphula; kungenxa yoko le nto kusifikeleyo oku kubandezeleka.
22. Wabaphendulu uRubhen esithi, Ndabe ndingatsho na kuni ukuthi, Musani ukumona umfana? Anaphulaphula; yabonani ke, igazi lakhe liyabizwa.
23. Babengazi bona ukuba uYosefu uyeva, kuba kwakumi umkhumshi phakathi kwabo.
24. Wathi guququ, walila; wabuya weza kubo, wathetha nabo, wamthabatha uSimon kubo, wamkhonkxa bekhangele.
25. Wawisa umthetho uYosefu wokuba zizaliswe iingxowa zabo ngengqolowa, imali yabo ibuyiselwe kulowo nalowo engxoweni yakhe, banikwe nomphako wendlela; kwenjiwa njalo ke kubo.
26. Bawabopha ingqolowa amaesile abo, bemka ke apho.
27. Uthe ke omnye akuyivula ingxowa yakhe, ukuba aphe iesile lakhe iindiza apho balalisa khona, wayibona imali yakhe, esemlonyeni wengxowa yakhe.
28. Wathi kubazalwana bakhe, Ibuyisiwe imali yam; nantsi ikho nokubakho engxoweni yam. Baphela amandla, bakhangelana begubha, bathi, Yintoni na le ayenzileyo uThixo kuthi?
29. Bafika kuYakobi uyise ezweni lakwaKanan, bamxelela yonke into ebahleleyo, besithi,
30. Indoda, inkosi yelo zwe, yathetha nathi kalukhuni, yathi siziintlola zelo zwe.
31. Sathi kuyo, Sinyanisile;
32. asizizo iintlola, singabazalwana abalishumi elinababini, oonyana bakabawo; omnye akakho, omncinane ukubawo namhla, ezweni lakwaKanan.
33. Indoda leyo, inkosi yelo zwe, yathi kuthi, Ndiya kwazi ngale ndawo ukuba ninyanisile: shiyani abe mnye umzalwana wenu kum apha, niphathele izindlu zenu ukudla ngenxa yendlala, nihambe;
34. nimzise umninawa wenu omncinane kum, ndize ndazi ukuba ninyanisile, anizizo iintlola; ndimnikele kuni umzalwana wenu, nirhwebe ezweni apha.
35. Kwathi, bakukhuphela iingxowa zabo, babona isiqhuma semali salowo nalowo engxoweni yakhe; bakuzibona iziqhuma zabo zemali boyika, bona noyise.
36. Wathi kubo uYakobi uyise, Nindihluthe abantwana; uYosefu akakho, uSimon akakho, niza kuthabatha noBhenjamin; zikhwele kum zonke ezo zinto.
37. Wathi uRubhen kuyise, Babulale bobabini oonyana bam, ukuba andithanga ndimzise kuwe; mnikele esandleni sam, ndombuyisela kuwe mna.
38. Wathi yena, Unyana wam akasayi kuhla nani; ngokuba ufile umkhuluwa wakhe, yena usele yedwa. Ukuba uthe wahlelwa yingozi endleleni eniyihambayo, izimvi zam nozithobela kwelabafileyo ndinesingqala.

  Genesis (42/50)