| ← Genesis (42/50) → |
| 1. | Wabona uYakobi ukuba kukho ingqolowa eYiputa, wathi uYakobi koonyana bakhe, Yini na ukuba nikhangelane? |
| 2. | Wathi, Yabonani, ndivile ukuba kukho ingqolowa eYiputa; yihlani niye khona, nisithengele ingqolowa, siphile, singafi. |
| 3. | Behla abakhuluwa bakaYosefu abalishumi, beya kuthenga ingqolowa eYiputa. |
| 4. | Kodwa uBhenjamin, umninawa kaYosefu, uYakobi akamthumanga nabakhuluwa bakhe; kuba wathi, hleze ahlelwe yingozi. |
| 5. | Oonyana bakaSirayeli beza kuthenga ingqolowa phakathi kwabo bezayo; kuba indlala ibikho ezweni lakwaKanan. |
| 6. | UYosefu wayengumlawuli welizwe elo; yena wayethengisa ngengqolowa kubo bonke abantu belizwe elo; bafika ke abakhuluwa bakaYosefu, baqubuda kuye ngobuso emhlabeni. |
| 7. | UYosefu wababona abakhuluwa bakhe, wabazi, wazenza ongabaziyo, wathetha nabo kalukhuni, wathi kubo, Nivela phi na? Bathi, Sivela ezweni lakwaKanan, size kuthenga ukudla. |
| 8. | UYosefu wabazi abakhuluwa bakhe; ke bona abamnakananga. |
| 9. | Wawakhumbula uYosefu amaphupha abewaphuphile ngabo, wathi kubo, Niziintlola nina; nize kubona ubuze belizwe eli. |
| 10. | Bathi kuye, Hayi, nkosi; abakhonzi bakho baze kuthenga ukudla. |
| 11. | Sonke siphela singoonyana bamfo mnye; siyalungisa, abakhonzi bakho abazizo iintlola. |
| 12. | Wathi kubo, Hayi, nize kubona ubuze belizwe eli. |
| 13. | Bathi, Abakhonzi bakho balishumi elinababini; siyazalana, singoonyana bamfo mnye ezweni lakwaKanan. UYabona, omncinane ukubawo namhla, omnye akakho. |
| 14. | Wathi uYosefu kubo, Yile nto bendiyithetha kuni, ndisithi, Niziintlola. |
| 15. | Niya kucikidwa ngale ndawo: ehleli nje uFaro, anisayi kuphuma apha, ukuba akathanga eze apha umninawa wenu omncinane. |
| 16. | Thumani omnye kuni apha, aphuthume umninawa wenu, nikhonkxwe nina; acikidwe amazwi enu ukuba ninenyaniso na; ukuba akubanga njalo, ehleli nje uFaro, inene noba niziintlola. |
| 17. | Wabanikela bonke elugcinweni imihla yamithathu. |
| 18. | UYosefu wathi kubo ngomhla wesithathu, Yenzani oku, niphile; kuba ndiyamoyika uThixo. |
| 19. | Ukuba ninyanisile, omnye umzalwana kuni apha makakhonkxwe endlwini yokugcinwa kwenu, nihambe nina, niyise ingqolowa ngenxa yendlala yezindlu zenu. |
| 20. | Umninawa wenu omncinane nimzise kum; okholeka ke amazwi enu, ningafi. |
| 21. | Benjenjalo ke. Bathetha omnye komnye besithi, Inyaniso, sinetyala ngenxa yomninawa wethu, sabe sikubona nje ukubandezeleka komphefumlo wakhe, oko abetarhuzisa kuthi, asamphulaphula; kungenxa yoko le nto kusifikeleyo oku kubandezeleka. |
| 22. | Wabaphendulu uRubhen esithi, Ndabe ndingatsho na kuni ukuthi, Musani ukumona umfana? Anaphulaphula; yabonani ke, igazi lakhe liyabizwa. |
| 23. | Babengazi bona ukuba uYosefu uyeva, kuba kwakumi umkhumshi phakathi kwabo. |
| 24. | Wathi guququ, walila; wabuya weza kubo, wathetha nabo, wamthabatha uSimon kubo, wamkhonkxa bekhangele. |
| 25. | Wawisa umthetho uYosefu wokuba zizaliswe iingxowa zabo ngengqolowa, imali yabo ibuyiselwe kulowo nalowo engxoweni yakhe, banikwe nomphako wendlela; kwenjiwa njalo ke kubo. |
| 26. | Bawabopha ingqolowa amaesile abo, bemka ke apho. |
| 27. | Uthe ke omnye akuyivula ingxowa yakhe, ukuba aphe iesile lakhe iindiza apho balalisa khona, wayibona imali yakhe, esemlonyeni wengxowa yakhe. |
| 28. | Wathi kubazalwana bakhe, Ibuyisiwe imali yam; nantsi ikho nokubakho engxoweni yam. Baphela amandla, bakhangelana begubha, bathi, Yintoni na le ayenzileyo uThixo kuthi? |
| 29. | Bafika kuYakobi uyise ezweni lakwaKanan, bamxelela yonke into ebahleleyo, besithi, |
| 30. | Indoda, inkosi yelo zwe, yathetha nathi kalukhuni, yathi siziintlola zelo zwe. |
| 31. | Sathi kuyo, Sinyanisile; |
| 32. | asizizo iintlola, singabazalwana abalishumi elinababini, oonyana bakabawo; omnye akakho, omncinane ukubawo namhla, ezweni lakwaKanan. |
| 33. | Indoda leyo, inkosi yelo zwe, yathi kuthi, Ndiya kwazi ngale ndawo ukuba ninyanisile: shiyani abe mnye umzalwana wenu kum apha, niphathele izindlu zenu ukudla ngenxa yendlala, nihambe; |
| 34. | nimzise umninawa wenu omncinane kum, ndize ndazi ukuba ninyanisile, anizizo iintlola; ndimnikele kuni umzalwana wenu, nirhwebe ezweni apha. |
| 35. | Kwathi, bakukhuphela iingxowa zabo, babona isiqhuma semali salowo nalowo engxoweni yakhe; bakuzibona iziqhuma zabo zemali boyika, bona noyise. |
| 36. | Wathi kubo uYakobi uyise, Nindihluthe abantwana; uYosefu akakho, uSimon akakho, niza kuthabatha noBhenjamin; zikhwele kum zonke ezo zinto. |
| 37. | Wathi uRubhen kuyise, Babulale bobabini oonyana bam, ukuba andithanga ndimzise kuwe; mnikele esandleni sam, ndombuyisela kuwe mna. |
| 38. | Wathi yena, Unyana wam akasayi kuhla nani; ngokuba ufile umkhuluwa wakhe, yena usele yedwa. Ukuba uthe wahlelwa yingozi endleleni eniyihambayo, izimvi zam nozithobela kwelabafileyo ndinesingqala. |
| ← Genesis (42/50) → |