Genesis (40/50)  

1. Kwathi emveni kwezi zinto, umngcamli wokumkani waseYiputa, nomoji wezonka zakhe, bayona inkosi yabo, ukumkani waseYiputa.
2. UFaro waba noburhalarhume kubo ababusi bakhe bobabini, umphathi wabangcamli nomphathi waboji bezonka.
3. Wabanikela elugcinweni, endlwini yomthetheli wabasiki entolongweni, endaweni abekhonkxelwe kuyo uYosefu.
4. Umthetheli wabasiki wamenza uYosefu umveleli wabo, wabalungiselela; baba nomzuzu beselugcinweni.
5. Baphupha iphupha bobabini; elowo waphupha iphupha lakhe ngabusuku bunye, elowo ngokokutyhilwa kwephupha lakhe, umngcamli nomoji wezonka bokumkani waseYiputa, ababekhonkxiwe entolongweni.
6. UYosefu wangena kubo kwakusa, wabakhangela, wafika bematshekile.
7. Wababuza ababusi bakwaFaro, ababenaye elugcinweni endlwini yenkosi yakhe, esithi, Kutheni na ukuba ubuso benu bube bubi namhlanje?
8. Bathi kuye, Siphuphe iphupha; akukho ulityhilayo. UYosefu wathi kubo, Izityhilo asizezikaThixo na? Khanindixelele iphupha elo.
9. Umphathi wabangcamli wamxelela uYosefu iphupha lakhe, wathi kuye, Ephupheni lam ndibone umdiliya uphambi kwam;
10. emdiliyeni apho amasebe emathathu, wangathi wona uphuma amathupha, wadubula iintyantyambo zawo, izihloko zawo zavuthwa zaziidiliya;
11. indebe kaFaro isesandleni sam; ndizithabathe iidiliya, ndizifaxange endebeni kaFaro, ndiyinikele indebe esandleni sikaFaro.
12. UYosefu wathi kuye, Siso esi isityhilo salo: amasebe amathathu lawo yimihla emithathu;
13. kusele imihla emithathu, aze uFaro ayiphakamise intloko yakho, akubuyisele endaweni yakho, uyinikele indebe kaFaro esandleni sakhe ngokwesiko langaphambili, oko ubungumngcamli wakhe.
14. Uze undikhumbule ke, wakulungelwa, undenzele inceba, undikhankanye kuFaro, undikhuphe kule ndlu;
15. ngokuba inene ndabiwa ezweni lamaHebhere, nalapha andenzanga nto, ukuba bandifake emhadini lo.
16. Umphathi waboji-zonka wabona ukuba isityhilo eso silungile, wathi kuYosefu, Nam ndiphuphile; ndibone iingobozi ezintathu zezonka ezimhlophe ezisentlokweni yam;
17. engobozini ephezulu kukho izidlo ngezidlo zonke zikaFaro ezingumsebenzi womoji-zonka, iintaka zisidla kweyona ngobozi iphezulu entlokweni yam.
18. Waphendula uYosefu wathi, Siso esi isityhilo salo: iingobozi ezintathu ezo yimihla emithathu;
19. kusele imihla emithathu, aze uFaro ayiphakamise intloko yakho, isuke kuwe, akuxhome emthini, ziyidle iintaka inyama yakho iphele.
20. Kwathi ngomhla wasithathu, umhla wokuzalwa kukaFaro, wabenzela isidlo bonke abakhonzi bakhe, wayiphakamisa intloko yomphathi wabangcamli, nentloko yomphathi waboji bezonka phakathi kwabakhonzi bakhe.
21. Wambuyisela umphathi wabangcamli kubungcamli bakhe; wayinikela indebe esandleni sikaFaro.
22. Ke yena umphathi waboji bezonka wamxhoma, njengoko uYosefu wabatyhilelayo.
23. Umphathi wabangcamli akamkhumbulanga uYosefu, wamlibala.

  Genesis (40/50)