| ← Genesis (39/50) → |
| 1. | Ke kaloku uYosefu wahliswa wasiwa eYiputa. UPotifare, umbusi wakwaFaro, umthetheli wabasiki, umYiputa, wamthenga kumaIshmayeli, abemhlisele khona. |
| 2. | UYehova waba naye uYosefu, waba yindoda enempumelelo; waba sendlwini yenkosi yakhe, umYiputa lowo. |
| 3. | Yabona inkosi yakhe ukuba uYehova unaye, ukuba zonke izinto abezenza, uYehova ubezenza zibe nempumelelo esandleni sakhe. |
| 4. | UYosefu wababalwa emehlweni ayo, wayilungiselela; yamenza umveleli wendlu yayo, neento zonke ebinazo yazinikela esandleni sakhe. |
| 5. | Kwathi, ukususela ekubeni yamenza umveleli wendlu yayo neento zonke ebinazo, wayisikelela uYehova indlu yomYiputa lowo ngenxa kaYosefu. Yabakho intsikelelo kaYehova ezintweni zonke ebinazo, endlwini nasezindle. |
| 6. | Zonke izinto ebinazo yaziyekela esandleni sikaYosefu, ayakhathalela nanye into ebikuye, ingesiso isonka esidlayo. Ke uYosefu ebemhle isiqu, emhle imbonakalo. |
| 7. | Kwathi emveni kwezi zinto, umfazi wenkosi yakhe waphosa amehlo akhe kuYosefu, wathi, Ndilale. |
| 8. | Wamangala, wathi kumka-nkosi yakhe, Yabona, inkosi yam ayikhathalele nto ikum isendlwini, nezinto zonke enazo izinikele esandleni sam. |
| 9. | Akukho bani mkhulu kum kule ndlu; ayinqabisanga nento le kum, nguwe wedwa, ngokokuba ungumkayo; ndingathini na ke ukwenza obu bubi bukhulu kangaka, ndone kuThixo? |
| 10. | Kwathi, nakuba ebethetha kuYosefu imihla ngemihla, akamphulaphula yena ukuba alale ecaleni lakhe, nokuthi abe naye. |
| 11. | Kwathi kuloo mihla, wangena endlwini eya kusebenza umsebenzi wakhe; kwaye kungekho nanye yakumadoda endlu endlwini apho. |
| 12. | Wambamba ngengubo wathi, Ndilale. Wayishiya ingubo yakhe esandleni sakhe, wabaleka, waphumela phandle. |
| 13. | Kwathi, akubona ukuba uyishiyile ingubo yakhe esandleni sakhe, ubalekele phandle, |
| 14. | wabiza amadoda endlu yakhe, wathetha kuwo, esithi, Khangelani, usizisele indoda engumHebhere, ukuba idlale ngathi; izile kum, isiza kundilala, ndakhala ngezwi elikhulu; |
| 15. | yathi, yakuva ndiphakamisa izwi, ndikhala, yayishiya ingubo yayo ecaleni lam, yabaleka, yaphumela phandle. |
| 16. | Wayibeka phantsi ingubo yayo ecaleni lakhe, yada yafika inkosi yakhe endlwini yayo. |
| 17. | Wathetha kuyo ngokwaloo mazwi esithi, Size kum isicaka esingumHebhere, esi usizisele sona, ukuba sidlale ngam; |
| 18. | kuthe, ndakuliphakamisa izwi lam, ndikhala, sayishiya ingubo yaso ecaleni lam, sabalekela phandle. |
| 19. | Ithe, yakuweva inkosi yakhe amazwi omkayo awawathethayo kuyo, esithi, Senjenje isicaka sakho kum, wavutha umsindo wayo. |
| 20. | Inkosi kaYosefu yamthabatha, yamfaka entolongweni, kuloo ndawo apho amakhonkxwa okumkani abekhonkxwa khona, waba sentolongweni apho ke. |
| 21. | UYehova ubenoYosefu, wamthobela inceba, wenza ukuba athandwe ngumphathi wentolongo. |
| 22. | Umphathi wentolongo wawanikela kuYosefu onke amakhonkxwa asentolongweni, ukuze zonke izinto ezisukuba zisenziwa khona, abe nguye ozenzayo. |
| 23. | Umphathi wentolongo akakhathalelanga nto isesandleni sakhe, ngenxa yokuba uYehova ubenaye; zonke izinto ebesakuzenza, uYehova ubeziphumelelisa. |
| ← Genesis (39/50) → |