| ← Genesis (37/50) → |
| 1. | Ke kaloku uYakobi wahlala ezweni lokuphambukela kukayise, ezweni lakwaKanan. |
| 2. | Yiyo le ke inzala kaYakobi. UYosefu, engominyaka ilishumi linesixhenxe ezelwe, wayesalusa impahla emfutshane ndawonye nabakhuluwa bakhe; yena ke, engumfana, wayenoonyana bakaBhiliha, noonyana bakaZilipa, abafazi bakayise. UYosefu wazisa udaba lwabo olubi kuyise. |
| 3. | USirayeli wayemthanda uYosefu ngaphezu kwabo bonke oonyana bakhe, ngokuba ebengunyana wokwaluphala kwakhe; yena wamenzela ke ingubo ende enemikhono. |
| 4. | Abakhuluwa bakhe babona ukuba uyise umthanda ngaphezu kwabo bonke, bamthiya, ababa nakuthetha naye bexolile. |
| 5. | UYosefu waphupha iphupha, wabaxelela abakhuluwa bakhe; kwaba kukhona bamthiyayo. |
| 6. | Wathi kubo, Khanilive eli phupha ndiliphuphileyo. |
| 7. | Yabonani, besibopha izithungu entsimini phakathi; saza isithungu sam sesuka sema; zaza izithungu zenu zasingqonga, zaqubuda kwisithungu sam. |
| 8. | Abakhuluwa bakhe bathi kuye, Yinene na ukuba uya kuba ngukumkani phezu kwethu? Yinene na ukuba uya kusilawula? Kwaba kukhona bamtiyayo ngenxa yamaphupha akhe, nangenxa yamazwi akhe. |
| 9. | Wabuya waphupha elinye iphupha, walixela kubakhuluwa bakhe, wathi, Yabonani, ndibuye ndaphupha iphupha; ndiphuphe ilanga nenyanga neenkwenkwezi ezilushumi elinanye ziqubuda kum. |
| 10. | Wakuxela kuyise, nakubakhuluwa bakhe. Uyise wamkhalimela, wathi kuye, Liphupha lini na eli uliphuphileyo? Mna, nonyoko, nabakhuluwa bakho, soza size kuqubuda kuwe na emhlabeni? |
| 11. | Abakhuluwa bakhe bammonela, ke yena uyise waligcina eli lizwi. |
| 12. | Ke kaloku abakhuluwa bakhe baya kwalusa impahla emfutshane kayise kwaShekem. |
| 13. | USirayeli wathi kuYosefu, Abakhuluwa bakho abalusi eShekem na? Yiza, ndikuthume kubo. |
| 14. | Wathi yena kuye, Ndilapha. Wathi kuye, Khawuye kukhangela ukuphila kwabakhuluwa bakho, nokuphila kwempahla emfutshane; ubuye uze kundixelela. Wamthuma ke, emsusa entilini yaseHebron, waya eShekem. |
| 15. | Wafunyanwa ngumfo, ebhadula endle; umfo lowo wambuza wathi, Ufuna ntoni na? |
| 16. | Wathi, Ndifuna abakhuluwa bam; khawundixelele apho balusa khona. |
| 17. | Wathi umfo, Bandulukile apha, kuba khendeva besithi, Masiye eDotan. UYosefu wabalandela abakhuluwa bakhe, wabafumana eDotan. |
| 18. | Bambona ke esekude, engekasondeli kubo, benza iyelenqe lokumbulala. |
| 19. | Bathetha omnye komnye besithi, Nanko lo mphuphi esiza. |
| 20. | Yizani ke ngoko, simbulale, simphose komnye wemihadi, sithi, Udliwe lirhamncwa, size sibone ukuba amaphupha akhe oba yintoni na. |
| 21. | Weva uRubhen, wamhlangula esandleni sabo; wathi, Masingambulali afe. |
| 22. | Wathi uRhubhen kubo, Musani ukuphalaza gazi; mphoseni kulo mhadi usentlango; musani ukumsa sandla. Watsho, ukuze amhlangule esandleni sabo, ambuyisele kuyise. |
| 23. | Kwathi akufika uYosefu kubakhuluwa bakhe, bamhluba uYosefu ingubo yakhe, ingubo ende enemikhono abenayo; |
| 24. | bamthabatha, bamphosa emhadini; umhadi lowo ube uze, kungekho manzi kuwo. |
| 25. | Bahlala phantsi, badla isonka; baphakamisa amehlo abo, bakhangela, nango umkhoko wamaIshmayeli uvela eGiliyadi, uneenkamela zithwele intlaka emhlophe, namafutha aqholiweyo, nentlaka emnandi, besihla nazo besiya eYiputa. |
| 26. | UYuda wathi kubazalwana bakhe, Yinzuzoni na ukuthi simbulale umninawa wethu, sifihle igazi lakhe? |
| 27. | Yizani sithengise ngaye kumaIshmayeli; isandla sethu masingabi phezu kwakhe, ngokuba ngumzalwana wethu, yinyama yethu. Bamphulaphula abazalwana bakhe. |
| 28. | Adlula amaMidiyan lawo angabarhwebi; bamrhola, bamkhupha uYosefu emhadini, bathengisa ngoYosefu kumaIshmayeli ngeesilivere ezimashumi mabini; amsa uYosefu eYiputa. |
| 29. | Wabuyela uRubhen emhadini. Yini? UYosefu akakho emhadini; wazidrazula iingubo zakhe. |
| 30. | Wabuyela kubaninawa bakhe, wathi, Umfana akakho; mna ke ndosuka ndiye ngaphi na? |
| 31. | Bayithabatha ingubo kaYosefu, baxhela inkunzi yebhokhwe exhonti, bayithi nkxu ingubo egazini. |
| 32. | Bayithumela ingubo ende enemikhono ekhaya, bayisa kuyise, bathi, Siyichole; khawufanise, ukuba yingubo yonyana wakho, asiyiyo, sini na? |
| 33. | Wayifanisa, wathi, Yingubo yonyana wam; udliwe lirhamncwa; inene, uqwengiwe uYosefu. |
| 34. | UYakobi wazikrazula iingubo zakhe, wabeka ezirhwexayo esinqeni sakhe, wamenzela isijwili unyana wakhe imihla emininzi. |
| 35. | Besuka bonke oonyana bakhe nazo zonke iintombi zakhe, beza kumthuthuzela; akavuma kuthuthuzelwa, wathi, Ndiya kuhla ndiye kunyana wam kwelabafileyo, ndisenza isijwili. Uyise wamlilela ke. |
| 36. | AmaMidiyan aya athengisa ngaya eYiputa kuPotifare, umbusi wakwaFaro, umthetheli wabasiki. |
| ← Genesis (37/50) → |