← Genesis (35/50) → |
1. | Ke kaloku wathi uThixo kuYakobi, Suka uye eBheteli, uhlale khona, wenze khona isibingelelo kuThixo, owabonakalayo kuwe ekubalekeni kwakho ebusweni bukaEsawu, umkhuluwa wakho. |
2. | Wathi ke uYakobi kwindlu yakhe, nakubo bonke ababenaye, Susani izithixo zasemzini eziphakathi kwenu, nina nizihlambulule, ninxibe ngubo zimbi; |
3. | sisuke, sinyuke siye eBheteli, senze khona isibingelelo kuThixo, owandiphendula ngomhla wokubandezeleka kwam, obe nam endleleni endandihamba ngayo. |
4. | Bazinika uYakobi zonke izithixo zasemzini ebezisesandleni sabo, namajikazi abesezindlebeni zabo; uYakobi wazimbela phantsi komoki obungakwaShekem. |
5. | Banduluka; uqhiphulo-mbilini ngoThixo lwaba phezu kwemizi ngeenxa zonke kubo, ayabasukela oonyana bakaYakobi. |
6. | Wafika uYakobi eLuzi, esezweni lakwaKanan, ekwayiBheteli; yena nabo bonke abantu ababenaye. |
7. | Wakha khona isibingelelo, wathi loo ndawo ukuyibiza nguThixo waseBheteli; kuba kulapho uThixo wazityhilayo kuye, ekubalekeni kwakhe ebusweni bomkhuluwa wakhe. |
8. | Wafa uDebhora, umanyisikazi kaRebheka, angcwatywa ngasezantsi kweBheteli, phantsi kom-oki; kwathiwa igama layo nguMoki wokuLila. |
9. | UThixo wabuya wabonakala kuYakobi ekuveleni kwakhe ePadan-aram, wamsikelela. |
10. | Wathi uThixo kuye, Igama lakho nguYakobi; akuyi kuba sathiwa igama lakho nguYakobi, kuya kuthiwa igama lakho nguSirayeli; wamthiya ke igama elinguSirayeli. |
11. | Wathi uThixo kuye, NdinguThixo uSomandla. Qhama, wande; uhlanga nesikhungu seentlanga siya kuvela kuwe, nookumkani baphume esinqeni sakho. |
12. | Ilizwe endalinika uAbraham noIsake ndilinike wena; ndilinike imbewu yakho emva kwakho ilizwe elo. |
13. | Wenyuka uThixo, wemka kuye kuloo ndawo abethethe naye kuyo. |
14. | UYakobi wamisa isimiso kuloo ndawo abethethe naye kuyo, isimiso samatye; wathulula phezu kwaso umnikelo othululwayo, wagalela neoli phezu kwaso. |
15. | UYakobi wathi igama laloo ndawo, uThixo abethethe naye kuyo, yiBheteli. |
16. | Banduluka eBheteli. Kwathi, kusemganyana ukuba kufikwe e-Efrata, wazala uRakeli, kwaba nzima ukuzala kwakhe. |
17. | Kwathi, kwakuba nzima ukuzala kwakhe, wathi umzalisikazi kuye, Musa ukoyika, kuba nalo ngunyana wakho. |
18. | Kwathi ekupumeni komphefumlo wakhe, kuba wafayo, wathi nguBhenoni igama lakhe; ke yena uyise wathi nguBhenjamin. |
19. | Wafa ke uRakeli, wangcwatyelwa endleleni yase-Efrata eyiBhetelehem. |
20. | UYakobi wamisa isimiso phezu kwengcwaba lakhe; sisimiso sengcwaba likaRakeli nanamhla. |
21. | USirayeli wayincothula intente yakhe, waya wayitwabulula ngaphaya kweMigdoli-edere. |
22. | Kwathi, ekuhlaleni kukaSirayeli kwelo zwe, waya uRubhen, wamlala uBhiliha, ishweshwe likayise; weva ke uSirayeli. Oonyana bakaYakobi babelishumi elinababini. |
23. | Oonyana bakaLeya nguRubhen, owamazibulo kuYakobi, noSimon, noLevi, noYuda, noIsakare, noZebhulon. |
24. | Oonyana bakaRakeli nguYosefu noBhenjamin. |
25. | Oonyana bakaBhiliha, umkhonzazana kaRakeli, nguDan noNafetali. |
26. | Oonyana bakaZilipa, umkhonzazana kaLeya, nguGadi noAshere. Ngabo abo oonyana bakaYakobi, awabazalelwa ePadan-aram. |
27. | UYakobi waya kuIsake uyise kwaMamre, eKiriyati ka-Arbha, eHebron, apho babengabaphambukeli khona uAbraham noIsake. |
28. | Imihla kaIsake yaba yiminyaka elikhulu elinamanci asibhozo. |
29. | UIsake waphuma umphefumlo, wafa, wahlanganiselwa kwabakowabo, aluphele, ephelele ebudaleni. Bamngcwaba ooEsawu noYakobi, oonyana bakhe. |
← Genesis (35/50) → |