| ← Genesis (35/50) → | 
| 1. | Ke kaloku wathi uThixo kuYakobi, Suka uye eBheteli, uhlale khona, wenze khona isibingelelo kuThixo, owabonakalayo kuwe ekubalekeni kwakho ebusweni bukaEsawu, umkhuluwa wakho. | 
| 2. | Wathi ke uYakobi kwindlu yakhe, nakubo bonke ababenaye, Susani izithixo zasemzini eziphakathi kwenu, nina nizihlambulule, ninxibe ngubo zimbi; | 
| 3. | sisuke, sinyuke siye eBheteli, senze khona isibingelelo kuThixo, owandiphendula ngomhla wokubandezeleka kwam, obe nam endleleni endandihamba ngayo. | 
| 4. | Bazinika uYakobi zonke izithixo zasemzini ebezisesandleni sabo, namajikazi abesezindlebeni zabo; uYakobi wazimbela phantsi komoki obungakwaShekem. | 
| 5. | Banduluka; uqhiphulo-mbilini ngoThixo lwaba phezu kwemizi ngeenxa zonke kubo, ayabasukela oonyana bakaYakobi. | 
| 6. | Wafika uYakobi eLuzi, esezweni lakwaKanan, ekwayiBheteli; yena nabo bonke abantu ababenaye. | 
| 7. | Wakha khona isibingelelo, wathi loo ndawo ukuyibiza nguThixo waseBheteli; kuba kulapho uThixo wazityhilayo kuye, ekubalekeni kwakhe ebusweni bomkhuluwa wakhe. | 
| 8. | Wafa uDebhora, umanyisikazi kaRebheka, angcwatywa ngasezantsi kweBheteli, phantsi kom-oki; kwathiwa igama layo nguMoki wokuLila. | 
| 9. | UThixo wabuya wabonakala kuYakobi ekuveleni kwakhe ePadan-aram, wamsikelela. | 
| 10. | Wathi uThixo kuye, Igama lakho nguYakobi; akuyi kuba sathiwa igama lakho nguYakobi, kuya kuthiwa igama lakho nguSirayeli; wamthiya ke igama elinguSirayeli. | 
| 11. | Wathi uThixo kuye, NdinguThixo uSomandla. Qhama, wande; uhlanga nesikhungu seentlanga siya kuvela kuwe, nookumkani baphume esinqeni sakho. | 
| 12. | Ilizwe endalinika uAbraham noIsake ndilinike wena; ndilinike imbewu yakho emva kwakho ilizwe elo. | 
| 13. | Wenyuka uThixo, wemka kuye kuloo ndawo abethethe naye kuyo. | 
| 14. | UYakobi wamisa isimiso kuloo ndawo abethethe naye kuyo, isimiso samatye; wathulula phezu kwaso umnikelo othululwayo, wagalela neoli phezu kwaso. | 
| 15. | UYakobi wathi igama laloo ndawo, uThixo abethethe naye kuyo, yiBheteli. | 
| 16. | Banduluka eBheteli. Kwathi, kusemganyana ukuba kufikwe e-Efrata, wazala uRakeli, kwaba nzima ukuzala kwakhe. | 
| 17. | Kwathi, kwakuba nzima ukuzala kwakhe, wathi umzalisikazi kuye, Musa ukoyika, kuba nalo ngunyana wakho. | 
| 18. | Kwathi ekupumeni komphefumlo wakhe, kuba wafayo, wathi nguBhenoni igama lakhe; ke yena uyise wathi nguBhenjamin. | 
| 19. | Wafa ke uRakeli, wangcwatyelwa endleleni yase-Efrata eyiBhetelehem. | 
| 20. | UYakobi wamisa isimiso phezu kwengcwaba lakhe; sisimiso sengcwaba likaRakeli nanamhla. | 
| 21. | USirayeli wayincothula intente yakhe, waya wayitwabulula ngaphaya kweMigdoli-edere. | 
| 22. | Kwathi, ekuhlaleni kukaSirayeli kwelo zwe, waya uRubhen, wamlala uBhiliha, ishweshwe likayise; weva ke uSirayeli. Oonyana bakaYakobi babelishumi elinababini. | 
| 23. | Oonyana bakaLeya nguRubhen, owamazibulo kuYakobi, noSimon, noLevi, noYuda, noIsakare, noZebhulon. | 
| 24. | Oonyana bakaRakeli nguYosefu noBhenjamin. | 
| 25. | Oonyana bakaBhiliha, umkhonzazana kaRakeli, nguDan noNafetali. | 
| 26. | Oonyana bakaZilipa, umkhonzazana kaLeya, nguGadi noAshere. Ngabo abo oonyana bakaYakobi, awabazalelwa ePadan-aram. | 
| 27. | UYakobi waya kuIsake uyise kwaMamre, eKiriyati ka-Arbha, eHebron, apho babengabaphambukeli khona uAbraham noIsake. | 
| 28. | Imihla kaIsake yaba yiminyaka elikhulu elinamanci asibhozo. | 
| 29. | UIsake waphuma umphefumlo, wafa, wahlanganiselwa kwabakowabo, aluphele, ephelele ebudaleni. Bamngcwaba ooEsawu noYakobi, oonyana bakhe. | 
| ← Genesis (35/50) → |