← Genesis (34/50) → |
1. | Ke kaloku uDina, intombi kaLeya, leyo wayizalela uYakobi, waphuma waya kubona iintombi zelo zwe. |
2. | UShekem, unyana kaHamore umHivi, isikhulu selizwe, sambona, samthabatha, salala naye, samona. |
3. | Umphefumlo wakhe wanamathela kuDina intombi kaYakobi; wayithanda intombi leyo, wathetha kakuhle nentombi. |
4. | UShekem wathetha kuHamore uyise wathi, Ndizekele le ntombi ibe ngumfazi. |
5. | Weva uYakobi ukuba umenze inqambi uDina, intombi yakhe. Ke oonyana bakhe baye besempahleni yakhe endle; wathi tu ke uYakobi, bada bafika. |
6. | Waphuma uHamore, uyise kaShekem, eza kuthetha noYakobi. |
7. | Bafika oonyana akaYakobi evela kwalusa. Bakuyiva le nto aba bahlungu amadoda lawo, avutha kunene ngumsindo, ngokuba wenza ubudenge kwaSirayeli ngokulala nentombi kaYakobi, into leyo engeyakwenziwa. |
8. | Wathetha uHamore nabo, esithi, uShekem, unyana wam, umphefumlo wakhe uthene nca nentombi yakowenu; khanimnike ibe ngumkakhe; |
9. | nendiselane nathi, nisinike iintombi zenu, nizeke iintombi zethu; |
10. | nahlale nathi, ilizwe libe phambi kwenu; hlalani nirhwebe kulo, niqiniseke ukuma kulo. |
11. | Wathi uShekem kuyise wayo, nakubanakwayo, Mandibabalwe emehlweni enu, nento eniyithethayo kum ndoninika. |
12. | Yandisani kunene ikhazi phezu kwam, nesipho; ndoninika njengoko nithethayo kum; ndinikeni ke intombi leyo ibe ngumfazi. |
13. | Oonyana bakaYakobi babaphendla ooShekem noHamore uyise ngenkohliso, bathetha nabo, ngokuba ebemenze inqambi uDina, udade wabo. |
14. | Bathi kubo, Asinakuyenza le nto, yokuba udade wethu simnike indoda engalukanga; kuba loo nto ibe ingaba sisingcikivo kuthi. |
15. | Sovumelana nani ngale ndawo yodwa, ukuba nithe naba njengathi, ngokuthi yaluke kuni yonke into eyindoda. |
16. | Soninika ke iintombi zethu, sizeke iintombi zenu, sihlale nani, sibe bantu banye. |
17. | Ukuba nithe anasiphulaphula ngokuthi naluke, soyithabatha intombi yethu, simke. |
18. | Alunga amazwi abo emehlweni kaHamore, nasemehlweni kaShekem, unyana kaHamore. |
19. | Akalibala umfana ukuyenza loo nto, uba ubethabathekile yintombi kaYakobi; ubezukile yena ngaphezu kwayo yonke indlu kayise. |
20. | Weza uHamore noShekem, unyana wakhe, esangweni lomzi wabo, bathetha kumadoda omzi, bathi, |
21. | La madoda ayavana nathi; makahlale ezweni apha, arhwebe kulo; ilizwe eli, yabonani, libanzi ngeenxa zombini phambi kwawo; sozizeka iintombi zawo zibe ngabafazi, siwanike iintombi zethu. |
22. | Ke ovumelana nathi ngale ndawo yodwa amadoda lawo, ukuhlala nathi, sibe bantu banye, yakwaluka kuthi yonke into eyinoda, njengokuba alukile wona. |
23. | Imfuyo yawo, nengqwebo yawo, nawo onke amaqegu awo, akasayi kuba ngawethu na? Siya kuthi kodwa sivumelane nawo, ukuba ahlale nathi. |
24. | Bamphulaphula ke uHamore noShekem unyana wakhe, bonke abaphuma ngesango omzi wabo. Yaluswa yonke into eyindoda, bonke abaphuma ngesango lomzi wabo. |
25. | Kwathi ngomhla wesithathu, bakuba buhlungu, besuka oonyana ababini bakaYakobi, uSimon noLevi, abanakwabo boDina, bathabatha walowo ikrele lakhe, bawufikela loo mzi ungakhumbulele nto, babulala yonke into eyindoda. |
26. | Babulala noHamore, noShekem unyana wakhe, ngohlangothi lwekrele, bamthabatha uDina endlwini kaShekem, baphuma. |
27. | Oonyana bakaYakobi babafikela ababuleweyo, bawuphanga umzi, ngokuba bebemenze inqambi udade wabo. |
28. | Impahla yabo emfutshane, neenkomo zabo, namaesile abo, neento zonke ezibe ziphakathi komzi, nezibe zisendle, bazithabatha; |
29. | nobutyebi babo bonke, nabantwana babo bonke, nabafazi babo, babathimba, baphanga neento zonke ebe zisendlwini. |
30. | UYakobi wathi kuSimon nakuLevi, Nindihlisele ishwangusha, ukuze ndinuke phakathi kwabemi belizwe eli, phakathi kwamaKanan, naphakathi kwamaPerizi; ndibantu bambalwa nje mna, baya kundihlanganyela, bandibulale, nditshatyalaliswe mna, nendlu yam. |
31. | Bathi bona, udade wethu angaphathwa njengehenyukazi yini na? |
← Genesis (34/50) → |