← Genesis (33/50) → |
1. | Wawaphakamisa uYakobi amehlo akhe, wabona, nanko uEsawu esiza, enamadoda amakhulu mane. Abantwana wabahlulahlula, baba kuLeya, nakuRakeli, nakubakhonzazana bobabini. |
2. | Wababeka abakhonzazana nabantwana babo phambili, uLeya nabantwana bakhe emva kwabo, uRakeli noYosefu emva kanye. |
3. | Ke yena wagqithela phambi kwabo, waqubuda emhlabeni kasixhenxe, wada wasondela kumkhuluwa wakhe. |
4. | Wagidima uEsawu emkhawulela, wamwola, wawa entanyeni yakhe, wamanga; basitsho isililo. |
5. | Wawaphakamisa amehlo akhe, wababona abafazi nabantwana, wathi, Ngoobani na aba banawe? Wathi yena, Ngabantwana, athe uThixo wabababala umkhonzi wakho. |
6. | Basondela abakhonzazana, bona nabantwana babo, baqubuda. |
7. | Wasondela noLeya nabantwana bakhe, baqubuda; emveni koko wasondela uYosefu noRakeli, baqubuda. |
8. | Wathi, Iyintoni na yonke le mfuduka yakho endiqubisene nayo? Wathi, Yeyokuba ndibabalwe emehlweni enkosi yam. |
9. | Wathi uEsawu, Ndanele, mninawa; makube kokwakho okwakho. |
10. | Wathi uYakobi, Hayi, makungabi njalo. Ukuba kaloku ndibabalwe emehlweni akho, thabatha umnikelo wam lo esandleni sam; kuba ngenxa yoko ndibubonile ubuso bakho, ndanga ndibona ubuso bukaThixo, ndalikholo kuwe. |
11. | Khawuyithabathe intsikelelo yam ezisiweyo kuwe, ngokuba uThixo undibabale, kuba ndineento zonke. Wamjoka, wayithabatha. |
12. | Wathi uEsawu, Masinduluke, sihambe; ndohamba phambi kwakho. |
13. | Wathi kuye, Inkosi yam iyazi ukuba abantwana bathambile, nempahla emfutshane, neenkomo ezanyisayo ziphezu kwam; yothi iqhutywe kakhulu imini enye, ife yonke impahla emfutshane. |
14. | Inkosi yam mayikhe igqithele phambi komkhonzi wayo ndihambise kuhle ngokuhamba kwempahla ephambi kwam, nangokuhamba kwabantwana, ndide ndifike enkosini yam kwaSehire. |
15. | Wathi uEsawu, Makhe ndiyishiye kuwe inxenye yabantu abanam. Wathi yena, Ngani na? Mandibabalwe emehlweni enkosi yam. |
16. | Wabuya ngaloo mhla uEsawu ngendlela yakhe, esiya kwaSehire. |
17. | UYakobi wanduluka, waya eSukoti, wazakhela indlu, iinkomo zakhe wazibiyela iintlantsi; ngenxa yoko kwathiwa igama laloo ndawo yiSukoti. |
18. | Wafika uYakobi enoxolo emzini kaShekem, osezweni lakwaKanan, ekuveleni kwakhe ePadan-aram; wamisa iintente phambi komzi. |
19. | Wathenga isiziba somhlaba, apho wayitwabulula khona intente yakhe, esandleni soonyana bakaHamore usoShekem, ngekhulu lemali. |
20. | Wamisa khona isibingelelo, wathi ukusithiya nguThixo, uThixo kaSirayeli. |
← Genesis (33/50) → |