| ← Genesis (31/50) → |
| 1. | Ke kaloku waweva amazwi oonyana bakaLabhan, besithi, UYakobi uzithabathile zonke izinto abenazo ubawo; ubenze ngezinto zikabawo obu butyebi bakhe bonke. |
| 2. | Wabubona uYakobi ubuso bukaLabhan, nabo bungenjengezolo nezolo elinye kuye. |
| 3. | UYehova wathi kuYakobi, Buyela ezweni likayihlo, kwelokuzalwa kwakho; ndoba nawe. |
| 4. | UYakobi wathumela, wabiza uRakeli noLeya, ukuba beze endle empahleni yakhe emfutshane. |
| 5. | Wathi kubo, Ndiyabubona ubuso bukayihlo, ukuba abunjengezolo nezolo elinye kum; ke uThixo kabawo ubenam. |
| 6. | Niyazi nina, ukuba uyihlo ndimkhonze ngamandla am onke; |
| 7. | ke uyihlo undidephisele, wawuguqula umvuzo wam kalishumi; kodwa uThixo akamvumelanga ukuba andenze into embi. |
| 8. | Xa athe, Enala yoba ngumvuzo wakho isuke yonke impahla emfutshane yazala enala; xa athe, Enemizila yoba ngumvuzo wakho, isuke yonke impahla emfutshane yazala enemizila. |
| 9. | Wayihlutha uThixo imfuyo kayihlo, wandinika. |
| 10. | Kwathi, ngexesha lokuphathana kwempahla emfutshane, ndawaphakamisa amehlo am, ndabona ephupheni, nanzo iinkunzi ezikhwelayo empahleni emfutshane zinemizila, zinala, zinomchokose. |
| 11. | Sathi isithunywa sikaThixo kum ephupheni, Yakobi; ndathi, Ndilapha. |
| 12. | Sathi, Khawuphakamise amehlo akho, ubone; zonke iinkunzi ezikhwelayo empahleni emfutshane zinemizila, zinala, zinomchokose; kuba ndizibonile zonke izinto azenzayo uLabhan kuwe. |
| 13. | NdinguThixo waseBheteli, apho wasithambisa khona isimiso, apho wabhambathisa ngesibhambathiso kum. Suka ngoko, uphume kweli lizwe, ubuyele ezweni lokuzalwa kwakho. |
| 14. | Baphendula uRakeli noLeya, bathi kuye, Sisenasabelo nalifa lini na endlwini kabawo? |
| 15. | Akuthiwa singabasemzini kuye yini na? Kuba uthengise ngathi, wamana eyidla nemali yethu. |
| 16. | Ngoko kuze bonke ubutyebi abuhluthileyo uThixo kubawo, bube bobethu, noboonyana bethu, kaloku ke konke akuthethileyo uThixo kuwe kwenze. |
| 17. | Wesuka uYakobi wabakhwelisa oonyana bakhe, nabafazi bakhe, ezinkameleni. |
| 18. | Waqhuba yonke impahla yakhe, nayo yonke ingqwebo yakhe abeyiqwebile, impahla abeyifuyile, abeyiqwebile ePadan-aram, ukuze aye kuIsake uyise ezweni lakwaKanan. |
| 19. | ULabhan ubeye kucheba impahla yakhe emfutshane; uRakeli wayiba imilonde-khaya ebiyekayise. |
| 20. | UYakobi wamlalanisa uLabhan umAram, ekubeni engamxelelanga ukuba uyabaleka. |
| 21. | Wabaleke ke, yena nako konke abenako; wesuka, wawuwela uMlambo, wabubhekisa ubuso bakhe entabeni yaseGiliyadi. |
| 22. | Waxelelwa uLabhan ngomhla wesithathu ukuba uYakobi ubalekile. |
| 23. | Wathabatha abazalwana bakhe, wamphuthuma uhambo lwemihla esixhenxe; bafumanana entabeni yaseGiliyadi. |
| 24. | Weza uThixo kuLabhan umAram ephupheni ebusuku, wathi kuye, Zilumkele, ungathethi nto kuYakobi, nokuba yelungileyo nokuba yembi. |
| 25. | ULabhan wafika kuYakobi. Ke kaloku uYakobi ubeyigxumekile intente yakhe entabeni; uLabhan nabazalwana bakhe bagxumeka entabeni yaseGiliyadi. |
| 26. | Wathi uLabhan kuYakobi, Wenza ntoni na ukundilalanisa, uziqhube iintombi zam njengabathinjwe ngekrele? |
| 27. | Yini na ukuba uzimele, ubaleke, undilalanise, ungandixeleli? Ngendiba ndokundulule ngemivuyo, nangeengoma, nangengqongqo, nangohadi. |
| 28. | Yini na ukuba ungandivumeli ndibange oonyana bam neentombi zam? Kaloku wenze ngobudenge. |
| 29. | Kusemandleni esandla sam ukunenza ububi; ke uThixo kayihlo uthethe nam phezolo, esithi, Zilumkele, ungathethi nto noYakobi, nokuba yelungileyo nokuba yembi. |
| 30. | Ngoku umkileyo nje, ngokuba walangazelela kakhulu indlu kayihlo, uzibeleni na zona izithixo zam? |
| 31. | Waphendula uYakobi wathi kuLabhan, Bendisoyika, kuba bendisithi, Hleze uzixhakamfule kum iintombi zakho. |
| 32. | Osukuba uzifumana kuye izithixo zakho, makangadli bomi. Phambi kwabazalwana bethu fanisa into yakho enam, uyithabathe. Wayengazi uYakobi ukuba uRakeli uzibile. |
| 33. | Wangena uLabhan ententeni kaYakobi, nasententeni kaLeya, nasententeni yeempelesi zombini; akazifumana. Waphuma ententeni kaLeya, wangena ententeni kaRakeli. |
| 34. | Ke kaloku uRakeli ebeyithabathile imilonde-khaya, wayifaka phakathi kwesali yenkamela, wahlala phezu kwayo. ULabhan wayiphuthaphutha yonke intente, akayifumana. |
| 35. | Wathi kuyise, Mawungabi namsindo, nkosi yam, kuba ndingenako ukusuka phambi kwakho, ngokuba ndihleli phezu kwengca. Wagquthagqutha, akayifumana imilonde-khaya. |
| 36. | Wavutha umsindo kaYakobi, wabambana noLabhan. Waphendula uYakobi, wathi kuLabhan, Luyintoni na ukreqo lwam, siyintoni na isono sam, ukuba undisukele ngokushushu nje? |
| 37. | Uziphuthaphuthile zonke iimpahla zam; ufumene ntoni na yazo zonke iimpahla zendlu yakho? Yibeke apha phambi kwabazalwana bam, nabazalwana bakho, bahlule phakathi kwethu sobabini. |
| 38. | Le minyaka imashumi mabini bendinawe; iimazi zakho zeegusha, neemazi zebhokhwe aziphunzanga, neenkunzi zempahla yakho emfutshane andizidlanga. |
| 39. | Into eqwengiweyo andiyizisanga kuwe, ndayimisela ngokwam; wayibiza esandleni sam nokuba ibiwe emini, nokuba ibiwe ebusuku. |
| 40. | Emini ndadliwa bubushushu, ebusuku yingqele; ubuthongo bam bemka emehlweni am. |
| 41. | Kwaba njalo kum le minyaka imashumi mabini endlwini yakho; ndakukhonza iminyaka elishumi elinamine ngenxa yeentombi zakho zombini, iminyaka emithandathu ngenxa yempahla yakho emfuthsane; uwuguqule kalishumi umvuzo wam. |
| 42. | Koko uThixo kabawo, uThixo ka-Abraham, Ohlonelwa nguIsake, waba nam, inene unge undindulule ndilambatha ngoku. UThixo uzibonile iintsizi zam nokuxelenga kwezandla zam, wakohlwaya phezolo. |
| 43. | ULabhan waphendula wathi kuYakobi, Iintombi ziintombi zam, oonyana ngoonyana bam, impahla emfutshane yimpahla yam, neento zonke ozibonayo zezam. Ndinakwenza ntoni na namhla ezintombini zam ezi, nakoonyana azo ezibazeleyo? |
| 44. | Yiza ngoku, senze umnqophiso, mna nawe, ube lingqina phakathi kwam nawe. |
| 45. | UYakobi wathabatha ilitye, waliphakamisa lasisimiso. |
| 46. | Wathi uYakobi kubazalwana bakhe, Cholani amatye. Bathabatha amatye, benza imfumba, badla khona phezu kwaloo mfumba. |
| 47. | Wathi ukuyibiza uLabhan yiYegarsahaduta, uYakobi wathi ukuyibiza yiGaledi. |
| 48. | Wathi uLabhan, Le mfumba ilingqina phakathi kwam nawe namhla, ngenxa yoko yathiywa igama eliyiGaledi; |
| 49. | neliyiMizpa, ngokuba wathi Makobonisele uYehova phakathi kwam nawe, sakuba sisithelene; |
| 50. | ukuba uthe wazicinezela iintombi zam, nokuba uthe wazeka abafazi phezu kweentombi zam, akukho bani unathi. Khangela, uThixo ulingqina phakathi kwam nawe. |
| 51. | ULabhan wathi kuYakobi, Yabona le mfumba, yabona esi simiso ndisiphakamisileyo phakathi kwam nawe; |
| 52. | ingqina yile mfumba, ingqina sesi simiso, ukuba andiyi kugqitha mna kule mfumba ndiye kuwe, ukuba akuyi kugqitha wena kule mfumba nakwesi simiso uze kum, senzane ububi. |
| 53. | UThixo ka-Abraham, uThixo kaNahore, uThixo woyise wabo, makagwebe phakathi kwethu. UYakobi wafunga Ohlomelwa nguyise uIsake. |
| 54. | UYakobi wabingelela umbingelelo entabeni apho, wabiza abazalwana bakhe, ukuba badle isonka. Badla ke isonka, balala entabeni apho. |
| 55. | Wavuka uLabhan kusasa, wabanga oonyana bakhe, neentombi zakhe, wabasikelela; wemka ke uLabhan, wabuyela ekhayeni lakhe. |
| ← Genesis (31/50) → |