| ← Genesis (27/50) → |
| 1. | Kwathi, akwaluphala uIsake, amehlo akhe enorhatyazo ukuba angaboni, wambiza uEsawu, unyana wakhe omkhulu, wathi kuye, Nyana wam. Wathi yena kuye, Ndilapha. |
| 2. | Wathi, Khawubone, ndaluphele, andiyazi imini yokufa kwam. |
| 3. | Khawuthabathe ngoku iintonga zakho, umphongolo wakho, nesaphetha sakho, uye ezindle, undizingelele inyamakazi; |
| 4. | undenzele ukudla okunencasa, njengoko ndikuthandayo, ukuzise kum, ndidle; ukuze umphefumlo wam ukusikelele ndingekafi. |
| 5. | Ke kaloku uRebheka wayesiva ukuba uIsake uthetha kuEsawu unyana wakhe. UEsawu waya kuzingela inyamakazi ezindle, ukuba ayizise. |
| 6. | URebheka wathetha kuYakobi, unyana wakhe, wathi, Yabona, ndive uyihlo ethetha kuEsawu umkhuluwa wakho, esithi, |
| 7. | Ndizisele inyamakazi, undenzele ukudla okunencasa, ndidle, ndikusikelele phambi koYehova ndingekafi. |
| 8. | Ngoko ke, nyana wam, liphulaphule izwi lam ngento endikuwisela umthetho ngayo. |
| 9. | Khawuhambe uye emhlambini, undithabathele khona amatakane amabini ebhokhwe alungileyo, ndenzele uyihlo ukudla okunencasa, njengoko akuthandayo; |
| 10. | ukuse kuyihlo, adle, ukuze akusikelele engekafi. |
| 11. | Wathi uYakobi kuRebheka unina, Yabona, uEsawu umkhuluwa wam yindoda exhonti, mna ndiyindoda egudileyo. |
| 12. | Mhlawumbi ubawo wondiva, ndibe njengomgculeli emehlweni akhe, ndizizisele intshwabulelo, ndingaziziseli intsikelelo. |
| 13. | Wathi unina kuye, Makube phezu kwam ukushwatyulelwa kwakho, nyana wam; phulaphula izwi lam wena, uye undithabathele. |
| 14. | Waya wawathabatha, wawazisa kunina; unina wenza ukudla okunencasa, njengoko akuthandayo uyise. |
| 15. | URebheka wathabatha iingubo zikaEsawu, unyana wakhe omkhulu, ezinqwenelekayo ezibe zikuye endlwini, wamambathisa uYakobi unyana wakhe omnci. |
| 16. | Izintsu zamatakane lawo ebhokhwe wambathisa ngazo izandla zakhe, nendawo egudileyo yentamo yakhe; |
| 17. | wabeka esandleni sikaYakobi unyana wakhe ukudla okunencasa, nesonka abesenzile. |
| 18. | Weza kuyise, wathi, Bawo! Wathi yena, Ndilapha. Ungubani na, nyana wam? |
| 19. | Wathi uYakobi kuyise, NdinguEsawu, amazibulo akho; ndenze njengoko wathetha ngako kum; khawuvuke ke, uhlale, udle inyamakazi yam, ukuze umphefumlo wakho undisikelele. |
| 20. | Wathi uIsake kunyana wakhe, Kutheni na le nto ukhawulezileyo ukuyifumana nyana wam? Wathi yena, uYehova uThixo wakho undithamsanqelisile. |
| 21. | Wathi uIsake kuYakobi, Khawusondele, ndikuve, nyana wam, ukuba unguye na kanye unyana wam uEsawu, akunguye, kusini na? |
| 22. | Wasondela uYakobi kuIsake uyise, wamva, wathi, Ilizwi lona lilizwi likaYakobi, kodwa izandla zizandla zikaEsawu. |
| 23. | Akamnakana ke, kuba izandla zakhe zaba noboya, njengezandla zikaEsawu umkhuluwa wakhe; wamsikelela ke. |
| 24. | Wathi, Wena lo ungunyana wam uEsawu na? Wathi yena, Ndinguye. |
| 25. | Wathi, Sondeza kum ndidle inyamakazi yonyana wam, ukuze umphefumlo wam ukusikelele. Wayisondeza kuye, wadla, wamzisela newayini, wasela. |
| 26. | Wathi uyise uIsake kuye, Khawusondele undange, nyana wam. |
| 27. | Wasondela, wamanga; waliva ivumba leengubo zakhe, wamsikelela wathi, Yabona, ivumba lonyana wam linjengevumba lelizwe elisikelelwe nguYehova. |
| 28. | Ngamana uThixo wakunika kuwo umbethe wezulu, Nakuko ukuchuma komhlaba, Nentabalala yengqolowa, newayini entsha; |
| 29. | Izizwe mazikukhonze, Izizwe ziqubude kuwe. Yiba yinkosi kubazalwana bakho, Baqubude kuwe oonyana bakanyoko; Uqalekisiwe okuqalekisayo, Usikelelwe okusikelelayo. |
| 30. | Kwathi, akubonÂ’ ukuba ugqibile uIsake ukumsikelela uYakobi ebusweni bukaIsake uyise, wangena uEsawu, umkhuluwa wakhe, evela ekuzingeleni kwakhe. |
| 31. | Naye wenza ukudla okunencasa, wazisa kuyise, wathi kuyise, Makavuke ubawo adle inyamakazi yonyana wakhe, ukuze umphefumlo wakho undisikelele. |
| 32. | Wathi uIsake uyise kuye, Ungubani na? Wathi, Ndingunyana wakho uEsawu, amazibulo akho. |
| 33. | UIsake wagubha ngokugubha okukhulu kunene, wathi, Ngubani na lo phofu uzingele inyamakazi, wayizisa kum, ndadla entweni yonke, ungekafiki wena, ndamsikelela? Wosikeleleka ke. |
| 34. | Akuweva uEsawu amazwi kayise, wakhala ngesikhalo esikhulu, esikrakra kunene, wathi kuyise, Ndisikelele nam, bawo. |
| 35. | Wathi yena, Kufike umninawa wakho ngenkohliso, wayithabatha intsikelelo yakho. |
| 36. | Wathi, Kungokuba igama lakhe kusithiwa nguYakobi na, le nto andigweqe ezi zihlandlo zozibini? Wathabatha ubuzibulo bam; nanku ngoku, ethabathe nentsikelelo yam. Wathi, Akundibekelanga ntsikelelo yam. Wathi, Akundibekelanga ntsikelelo na mna? |
| 37. | Waphendula uIsake, wathi kuEsawu, Yabona, ndimmisile waba yinkosi yakho, nabo bonke abazalwana bakhe ndibanike yena, baba ngabakhonzi; ndamxhasa ngengqolowa nangewayini entsha. Yintoni na kaloku endingakwenzela yona, nyana wam? |
| 38. | Wathi uEsawu kuyise, Inye na le ntsikelelo unayo, bawo? Ndisikelele nam, bawo. Waliphakamisa uEsawu izwi lakhe, walila. |
| 39. | Waphendula uIsake uyise, wathi kuye, Yabona, ikhaya lakho liya kuba lee nokuchuma komhlaba, Lee nombethe wezulu ovela phezulu. |
| 40. | Uya kuphila ngekrele lakho, umkhonze umninawa wakho; Kuthi wakudlokova, Uyaphule idyokhwe yakhe, isuke entanyeni yakho. |
| 41. | UEsawu wamzonda uYakobi ngenxa yentsikelelo awamsikelela ngayo uyise; uEsawu wathi entliziyweni yakhe, Iya kusondela imihla yesijwili sikabawo, ndimbulale ke uYakobi umninawa wam. |
| 42. | Wawaxelelwa uRebheka amazwi kaEsawu, unyana wakhe omkhulu, wathumela, wambiza uYakobi, unyana wakhe omnci, wathi kuye, Yabona, uEsawu, umkhuluwa wakho, uzithuthuzela ngawe ngokukubulala. |
| 43. | Ngoko ke, nyana wam, phulaphula izwi lam, usuke ubalekele kuLabhan, umnakwethu, kwaHaran; |
| 44. | uhlale naye iintsuku ezithile, bude bubuye ubushushu bomkhuluwa wakho, |
| 45. | ude umsindo womkhuluwa wakho ubuye kuwe, ayilibale into oyenzileyo kuye; ndithumele ke, ndikuphuthume khona. Yini na ukuba ndihluthwe nina nobabini ngamini-nye? |
| 46. | Ke kaloku uRebheka wathi kuIsake, Ndikruqukile bubomi bam ngenxa yeentombi zakwaHeti. Ukuba uYakobi uthe wazeka umfazi ezintombini zakwaHeti, ezinjengezi ntombi zeli lizwe, boba yintoni na kum obu bomi? |
| ← Genesis (27/50) → |