| ← Genesis (21/50) → |
| 1. | Ke kaloku uYehova wamvelela uSara njengoko ebetshilo; uYehova wamenzela uSara njengoko abekuthethile. |
| 2. | Wamitha ke uSara, wamzalela uAbraham unyana ekwaluphaleni kwakhe, ngexesha elimisiweyo abelithethile uThixo kuye. |
| 3. | UAbraham wamthiya loo nyana wakho abemzalelwe, awamzalayo uSara, igama elinguIsake. |
| 4. | UAbraham wamalusa uIsake unyana wakhe, akuba ntsuku zisibhozo ezelwe, njengoko uThixo abemwisele umthetho. |
| 5. | UAbraham ube eminyaka ilikhulu, ukuzalelwa kwakhe uIsake unyana wakhe. |
| 6. | Wathi uSara, Undihlekisile uThixo; bonke abakuvayo oku baya kuhleka nam. |
| 7. | Wathi, Ngubani na obengatsholo kuAbraham ukuthi, uSara wanyisa abantwana? Ngokuba ndimzalele unyana ekwaluphaleni kwakhe. |
| 8. | Wakhula umntwana, walunyulwa; uAbraham wenza isidlo esikhulu mhlana walunyulwayo uIsake. |
| 9. | USara wambona unyana kaHagare umYiputazana, awamzalela uAbraham, ehlekisa. |
| 10. | Wathi kuAbraham, Mgxothe umkhonzazana nonyana wakhe; kuba unyana walo mkhonzazana akayi kulidla ilifa ndawonye nonyana wam uIsake. |
| 11. | Lalibi kunene elo zwi emehlweni ka-Abraham ngenxa yonyana wakhe. |
| 12. | Wathi uThixo kuAbraham, Malingabi libi emehlweni akho ngenxa yenkwenkwe, nangenxa yomkhonzazana wakho. Entweni yonke ayithethileyo uSara kuwe, phulaphula izwi lakhe, ngokuba iya kuba ngoIsake lo imbewu kuwe. |
| 13. | Kananjalo unyana womkhonzazana ndiya kumenza uhlanga, ngokuba eyimbewu yakho. |
| 14. | Wavuka kusasa uAbraham, wathabatha isonka nentsuba yamanzi, wanika uHagare, ebeka emagxeni akhe, nenkwenkwe, wamndulula. Wemka ke, wandwendwela entlango yaseBher-shebha. |
| 15. | Aphela amanzi entsubeni, wayiphosa inkwenkwe phantsi kwetyholo. |
| 16. | Waya wahlala phantsi malunga nayo, umgama ongangowokutola ngotolo; kuba wathi, Mandingakuboni ukufa kwenkwenkwe. Wahlala phantsi malunga nayo ke, waphakamisa izwi lakhe, walila. |
| 17. | Waliva uThixo ilizwi lenkwenkwe. Samemeza isithunywa sikaThixo kuHagare sisemazulwini, sathi kuye, Unantoni na, Hagare? Musa ukoyika, ngokuba uThixo ulivile ilizwi lenkwenkwe apho ikhona. |
| 18. | Suka ume, uyithabathe inkwenkwe, uyibambe ngesandla; kuba ndiya kuyenza uhlanga olukhulu. |
| 19. | UThixo wawavula amehlo akhe, wabona iqula lamanzi; waya wayizalisa intsuba ngamanzi, wayiseza inkwenkwe. |
| 20. | UThixo waba nenkwenkwe leyo; yakhula, yahlala entlango, yaba yintoli yakukhula, yahlala entlango yaseParan; |
| 21. | unina wayithabathela umfazi ezweni laseYiputa. |
| 22. | Kwathi ngelo xesha, wathetha uAbhimeleki, noFikolo umthetheli womkhosi wakhe, kuAbraham, esithi, UThixo unawe entweni yonke osukuba uyenza. |
| 23. | Ngoko ndifungele uThixo apha, ukuba akuyi kundixokisa mna, noonyana bam, nenzalo yam; wothi ngokwenceba endiyenzileyo kuwe, wenze kum, nakwilizwe ophambukele kulo. |
| 24. | Wathi uAbraham, Mna ndofunga. |
| 25. | UAbraham wamohlwaya uAbhimeleki ngenxa yequla lamanzi elalihluthwe ngabakhonzi baka-Abhimeleki. |
| 26. | Wathi uAbhimeleki, Bendingazi ukuba yenziwe ngubani na le nto; nawe ube ungandixelelanga; nam bendingayivanga, ndiyiva namhla. |
| 27. | UAbraham wathabatha impahla emfutshane, neenkomo, wanika uAbhimeleki, benza umnqophiso bobabini. |
| 28. | UAbraham wamisa amathokazi ezimvu asixhenxe omhlambi, aba wodwa. |
| 29. | Wathi uAbhimeleki kuAbraham, Ayintoni na la mathokazi ezimvu asixhenxe uwamisileyo odwa? |
| 30. | Wathi, La mathokazi ezimvu asixhenxe wowathabatha esandleni sam, abe bubungqina bam bokuba ndilimbile eli qula. |
| 31. | Ngenxa yoko kwathiwa loo ndawo yiBher-shebha; ngokuba kulapho bafungayo bobabini. |
| 32. | Benza ke umnqophiso eBher-shebha. Wesuka uAbhimeleki, noFikolo umthetheli womkhosi wakhe, babuyela ezweni lamaFilisti. |
| 33. | UAbraham watyala umtamariske eBher-shebha, walinqula khona igama likaYehova uThixo ongunaphakade. |
| 34. | UAbraham waye engumphambukeli ezweni lamaFilisti imihla emininzi. |
| ← Genesis (21/50) → |