| ← Genesis (19/50) → |
| 1. | Zafika izithunywa ezo zozibini eSodom ngokuhlwa, uLote ehleli esangweni leSodom. ULote wazibona, wesuka waya kuzikhawulela, waqubuda ngobuso emhlabeni. |
| 2. | Wathi, Khanibone, zinkosi zam! Khaniphambukele endlwini yomkhonzi wenu, nilale, nihlambe iinyawo zenu, nivuke kusasa, nihambe indlela yenu. Zathi, Hayi, solala esitratweni. |
| 3. | Wazijoka kunene, zaphambukela kuye, zangena endlwini yakhe; wazenzela isidlo, woja nezonka ezingenagwele, zadla. |
| 4. | Ke kaloku, zingekalali, amadoda aloo mzi, amadoda aseSodom, ayirhawula indlu, ethabathela kumfana esa kwixhego, bonke abantu bevela nasekupheleni kwawo. |
| 5. | Bambiza uLote, bathi kuye, Aphi na amadoda angene kuwe ngobu busuku? Wakhuphele kuthi, siwazi. |
| 6. | Waphuma uLote waya kubo emnyango, waluvala ucango emva kwakhe, |
| 7. | wathi, Musani ukwenza into embi, bazalwana. |
| 8. | Khanibone, ndineentombi ezimbini ezingazani nandoda; mandikhuphele zona kuni, nenze kuzo ngoko kulungileyo emehlweni enu. Ke kula madoda musani ukwenza nto, kuba angene ngenxa yoko emthunzini wophahla lwam. |
| 9. | Bathi, Khwelela; batsho bathi, Lo wezayo ngokuphambukela uhlala egweba; ngoku sokuphatha kakubi wena kunawo. Besuka indulumbane phezu kwendoda uLote, basondela, beza kuluqhekeza ucango. |
| 10. | Amadoda lawo asolula isandla sawo, amngenisa uLote kuwo endlwini, aluvala ucango. |
| 11. | Awabetha ngobumfama amadoda abesemnyango wendlu, ethabathela kwencinane esa kwenkulu, azidinisa ke ukufuna umnyango. |
| 12. | Athi amadoda lawo kuLote, Usenabani na apha? Umyeni, noonyana bakho, neentombi zakho, nabo bonke onabo kulo mzi, bakhuphe kule ndawo; |
| 13. | ngokuba siya kuyonakalisa le ndawo, ngokuba sikhulu isikhalo sabo ebusweni bukaYehova. UYehova usithume ukuba siyonakalise. |
| 14. | Waphuma, uLote, wathetha kubayeni beentombi zakhe, abaya kuzeka iintombi zakhe, wathi, Sukani, niphume kule ndawo; ngokuba uYehova uya kuwonakalisa lo mzi. Usuke waba njengohlekisayo emehlweni abayeni beentombi zakhe. |
| 15. | Izithunywa zamngxamisa uLote ngesifingo, zathi, Vuka, thabatha umkakho, neentombi zakho zombini, aba banokufumaneka, hleze ubhebhethwe ngobugwenxa balo mzi. |
| 16. | Wazilazila; amadoda abamba isandla sakhe, nesandla somkakhe, nesandla seentombi zakhe zombini; uYehova emvela, amkhupha, amyeka ngaphandle komzi. |
| 17. | Akuba emkhuphele phandle, athi, Zisindise ngenxa yomphefumlo wakho. Musa ukubheka emva kwakho, musa ukuma kuwo wonke lo mmandla; zisindise ngokuya entabeni, hleze ubhebhethwe. |
| 18. | Wathi kuwo uLote, Hayi, Nkosi yam. |
| 19. | Khawubone, umkhonzi wakho umbabale. Uyikhulisile inceba yakho ondenzeleyo, ukuba uwusindise umphefumlo wam; mna ke andinako ukuzisindisa ngokuya entabeni, hleze ndinanyathelwe bububi, ndife. |
| 20. | Khawubone, lo mzi ukufuphi, ukuba kubalekelwe kuwo, mncinane; ndanga ndingazisindisa ngokuya kuwo (awumncinane na?), usinde umphefumlo wam. |
| 21. | Wathi kuye, Yabona, ndikunonelele nangale nto, ukuba ndingawubhukuqi lo mzi uthethe ngawo. |
| 22. | Khawuleza, zisindise ngokuya khona, kuba andinakwenza nto ude ufike khona. Ngenxa yoko igama laloo mzi kwathiwa yiTsohare. |
| 23. | Ilanga lalise liphumile phezu kwehlabathi, ukufika kukaLote eTsohare. |
| 24. | Wanisa ke uYehova phezu kweSodom neGomora isulfure nomlilo ophuma kuYehova emazulwini; |
| 25. | wayibhukuqa loo mizi, nawo wonke loo mmandla, nabo, bonke abemi baloo mizi, nesihlumo somhlaba. |
| 26. | Kodwa umkakhe, esemva kwakhe, wakhangela ngasemva, waba yintsika yetyuwa. |
| 27. | UAbraham wavuka kusasa, waya kuloo ndawo wayemi kuyo ebusweni bukaYehova. |
| 28. | Wondela eSodom neGomora, nakulo lonke ilizwe laloo mmandla. Wakhangela; nango unyuka umsi welo zwe, njengomsi weziko lemfutho. |
| 29. | Kwathi, xenikweni uThixo wayonakalisayo imizi yaloo mmandla, uThixo wamkhumbula uAbraham, wamkhupha uLote phakathi kobhukuqo olo, ekuyibhukuqeni imizi leyo abehleli kuyo uLote. |
| 30. | Wenyuka uLote ephuma eTsohare, wahlala entabeni, eneentombi zakhe zombini, kuba ebesoyika ukuhlala eTsohare; wahlala emqolombeni, yena neentombi zakhe zombini. |
| 31. | Yathi eyamazibulo kwencinane, Ubawo waluphele; akukho ndoda ezweni apha yokusingena ngokwendlela yehlabathi lonke; |
| 32. | yiza, simseze ubawo iwayini, silale naye, sigcine imbewu ngobawo. |
| 33. | Zamseza ke uyise iwayini ngobo busuku; yangena eyamazibulo, yalala noyise; akayazanga yena ukulala kwayo nokuvuka kwayo. |
| 34. | Kwathi ngengomso, yathi eyamazibulo kwencinane, Yabona, ndilele nobawo phezolo; masimseze iwayini nangobu busuku, ungene, ulale naye, ukuba sigcine imbewu ngobawo. |
| 35. | Zamseza ke uyise iwayini nangobo busuku, yasuka, encinane yalala naye; akayazanga yena ukulala kwayo nokuvuka kwayo. |
| 36. | Zamitha zombini iintombi zikaLote ngoyise. |
| 37. | Eyamazibulo yazala unyana, yambiza ngegama elinguMowabhi; yena nguyise wamaMowabhi unanamhla. |
| 38. | Nencinane yazala unyana, yambiza ngegama elinguBhenami; yena nguyise wonyana baka-Amon unanamhla. |
| ← Genesis (19/50) → |