| ← Genesis (17/50) → |
| 1. | Kwathi, uAbram akuba minyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, uYehova wabonakala kuAbram, wathi kuye, NdinguThixo uSomandla; hamba phambi kwam ube ngogqibeleleyo. |
| 2. | Ndiya kuwubeka umnqophiso wam phakathi kwam nawe, ndikwandise kakhulu kunene. |
| 3. | Wawa uAbram ngobuso bakhe. |
| 4. | UThixo wathetha naye, esithi, Mna, yabona, umnqophiso wam unawe; uya kuba nguyise wengxokolo yeentlanga. |
| 5. | Kananjalo akusayi kuthiwa igama lakho nguAbram; igama lakho liya kuba nguAbraham, ngokuba ndikwenze uyise wengxokolo yeentlanga; |
| 6. | ndiya kukuqha misa kakhulu kunene, ndikwenze iintlanga, kuphume ookumkani kuwe; |
| 7. | ndiwumise umnqophiso wam phakathi kwam nawe, naphakathi kwembewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zayo, ube ngumnqophiso ongunaphakade, wokuba ndibe nguThixo kuwe, nakwimbewu yakho emva kwakho; |
| 8. | ndilinike wena nembewu yakho emva kwakho ilizwe lokuphambukela kwakho, lonke ilizwe eli lakwaKanan, ukuba libe yinto yenu ngonaphakade, ndibe nguThixo wabo. |
| 9. | Wathi uThixo kuAbraham, Wena ke, umnqophiso wam wowugcina, nembewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zabo. |
| 10. | Nguwo lo umnqophiso wam eniya kuwugcina phakathi kwam nani, nembewu yakho emva kwakho: wokuba yonke into eyindoda kuni yaluswe; naluswe inyama yokwaluswa; |
| 11. | oko kube ngumqondiso womnqophiso ophakathi kwam nani. |
| 12. | Unyana omihla isibhozo makaluswe kuni, yonke into eyindoda kwizizukulwana zenu, ezelwe endlwini, nezuzwe ngemali kubani wolunye uhlanga, ongengowembewu yakho yena. |
| 13. | Makaluswe ozelwe endlwini yakho, nozuzwe ngemali yakho; umnqophiso wam enyameni yenu uya kuba ngumnqophiso ongunaphakade. |
| 14. | Into eyindoda engalukileyo, enyama yokwaluswa ingaluswanga, loo mphefumlo mawunqanyulwe, ungabikho ebantwini bakowawo; uwaphule umnqophiso wam. |
| 15. | Wathi uThixo kuAbraham, USarayi umkakho akuyi kumbiza ngegama lokuba nguSarayi; igama lakhe loba nguSara. |
| 16. | Ndiya kumsikelela; kananjalo ndikunike unyana ngaye, ndimsikelele, abe ziintlanga, kuphume ookumkani bezizwe kuye. |
| 17. | UAbraham wawa ngobuso bakhe, wahleka, wathi entliziyweni yakhe, Azi umntu ominyaka ilikhulu wozalelwa na? Azi uSara, intokazi eminyaka imashumi asithoba, angazala na? |
| 18. | Wathi uAbraham kuThixo, Wanga uIshmayeli angadla ubomi phambi kwakho! |
| 19. | Wathi uThixo, Ewe, uSara umkakho uya kukuzalela unyana, umbize ngegama lokuba nguIsake; ndiwumise umnqophiso wam naye, ube ngumnqophiso ongunaphakade kwimbewu yakhe emva kwakhe. |
| 20. | Ngokusingisele kuIshmayeli ndikuvile; uyabona, ndimsikelele, ndimqhamisile, ndimandisile kakhulu kunene. Uya kuzala izikhulu ezilishumi elinazibini, ndimenze uhlanga olukhulu. |
| 21. | Umnqophiso wam wona ndowumisa noIsake, oya kumzalelwa nguSara ngeli xesha nyakenye. |
| 22. | Wagqiba ukuthetha naye. Wenyuka uThixo esuka kuAbraham. |
| 23. | UAbraham wamthabatha uIshmayeli unyana wakhe, nabo bonke abazalelwe endlwini yakhe, nabo bonke abazuzwe ngemali yakhe, yonke into eyindoda phakathi kwabantu bendlu ka-Abraham, wayalusa inyama yokwaluswa kwangaloo mini, njengoko abethethile uThixo kuye. |
| 24. | UAbraham ebeminyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, ukwaluswa kwenyama yokwaluswa. |
| 25. | UIshmayeli, unyana wakhe, ebeminyaka ilishumi elinamithathu ezelwe, ukwaluswa kwenyama yokwaluswa. |
| 26. | Kwangaloo mini waluswa uAbraham, noIshmayeli unyana wakhe. |
| 27. | Nawo onke amadoda endlu yakhe, azalelwe endlwini yakhe, nazuzwe ngemali kubani wolunye uhlanga, aluswa kunye naye. |
| ← Genesis (17/50) → |