| ← Genesis (13/50) → |
| 1. | Wenyuka uAbram, ephuma eYiputa, yena nomkakhe, neento zakhe zonke, enoLote, esinga kwelasezantsi. |
| 2. | UAbram waye esisityebi kunene ngemfuyo, nangesilivere, nangegolide. |
| 3. | Wahamba encothula, esuka kwelasezantsi, wafika eBheteli, kuloo ndawo yayikhona intente yakhe matanci, phakathi kweBheteli neAyi, |
| 4. | endaweni yesibingelelo awasenzayo khona ekuqaleni. UAbram walinqula khona igama likaYehova. |
| 5. | Naye uLote, obehamba noAbram, waye enempahla emfutshane, neenkomo, neentente. |
| 6. | Ilizwe elo alaba nakubathwala, ukuba bahlale ndawonye; ngokuba impahla yabo yayininzi, ababa nakuhlala ndawonye. |
| 7. | Kwabakho ukubambana phakathi kwabalusi bemfuyo ka-Abram nabalusi bemfuyo kaLote. Ngelo xesha ilizwe lalimiwe ngamaKanan namaPerizi. |
| 8. | UAbram wathi kuLote, Makungabikho mbambano kaloku phakathi kwam nawe, naphakathi kwabalusi bam nabalusi bakho; ngokuba singamadoda azalanayo. |
| 9. | Aliphambi kwakho na ilizwe lonke? Khawahluke kum; ukuba uya ekhohlo, ndoya ekunene, ukuba uya ekunene, ndoya ekhohlo. |
| 10. | ULote waphakamisa amehlo akhe, wawukhangela wonke ummandla waseYordan, ngokuba ubunamanzi wonke, engekayonakalisi uYehova iSodom neGomora, unjengomyezo kaYehova, unjengelizwe laseYiputa, usingise eTsohare. |
| 11. | ULote wawunyula wonke ummandla waseYordan; wanduluka uLote waya ngasempumalanga; bahlukana ke. |
| 12. | UAbram wahlala ezweni lakwaKanan; uLote wahlala emizini yaloo mmandla, wayisondezela eSodom intente yakhe. |
| 13. | Ke kaloku amadoda aseSodom ayengabenzi bobubi, engaboni abakhulu kuYehova. |
| 14. | Wathi uYehova kuAbram, emveni kokuba uLote ahlukane naye, Khawuwaphakamise amehlo akho ukuloo ndawo ukuyo, ubhekise entla, nasezantsi, nasempumalanga, nasentshonalanga; |
| 15. | ngokuba lonke ilizwe olibonayo ndiya kulinika wena, nembewu yakho, kude kuse ephakadeni; |
| 16. | ndiyenze imbewu yakho ibe njengothuli lomhlaba, angathi ubani enako ukulubala uthuli lomhlaba, ayibale nembewu yakho. |
| 17. | Suka, ulihambe ilizwe ngobude balo nangobubanzi balo; ngokuba ndiya kulinika wena. |
| 18. | Wancothula uAbram intente yakhe, waya wahlala ngaseMiokini kaMamre eseHebron, wakhela khona uYehova isibingelelo. |
| ← Genesis (13/50) → |