| ← Genesis (11/50) → |
| 1. | Ke kaloku lonke ihlabathi libe lintetho-nye, limazwi manye. |
| 2. | Kwathi, ekundulukeni kwabo besinga empumalanga, bafumana ithafa ezweni laseShinare; bahlala khona. Bathi abanye kwabanye, Yizani, senze izitena, sizitshise kunene. |
| 3. | Baba nezitena endaweni yamatye, nebhitumene endaweni yodaka. |
| 4. | Bathi, Yizani, sizakhele umzi, nepoma lenqaba elincopho isemazulwini; sizenzele igama, hleze sichithakalele ehlabathini lonke. |
| 5. | UYehova wehla, eza kukhangela umzi lowo, nenqaba leyo inde, bayakhayo oonyana boluntu. |
| 6. | Wathi uYehova, Yabona, abantu banye, bantetho-nye bonke bephela; yingqalo ke le yokwenza kwabo; kaloku abayi kunqatyelwa nto bayinkqangiyeleyo ukuyenza. |
| 7. | Yizani, sihle, sidube khona apho intetho yabo, ngokokuze bangevani ngentetho. |
| 8. | UYehova wabachithachitha kwalapho ehlabathini lonke; bayeka ukuwakha loo mzi. |
| 9. | Ngenxa yoko kwathiwa igama lawo yiBhabheli; ngokuba uYehova wayiduba khona apho intetho yehlabathi lonke, wabachithachitha kwalapho uYehova ehlabathini lonke. |
| 10. | Yiyo le ke inzala kaShem: uShem ubeminyaka ilikhulu ezelwe, wazala uArpakishadi, iminyaka emibini emveni konogumbe. |
| 11. | UShem wahlala emveni kokuzala kwakhe uArpakishadi iminyaka emakhulu mahlanu, wazala oonyana neentombi. |
| 12. | UArpakishadi wahlala iminyaka emashumi mathathu anamihlanu, wazala uShela. |
| 13. | UArpakishadi wahlala emveni kokuzala kwakhe uShela iminyaka emakhulu mane anamathathu, wazala oonyana neentombi. |
| 14. | UShela wahlala iminyaka emashumi mathathu, wazala uEbhere. |
| 15. | UShela wahlala emveni kokuzala kwakhe uEbhere iminyaka emakhulu mane anamithathu, wazala oonyana neentombi. |
| 16. | UEbhere wahlala iminyaka emashumi mathathu anamine, wazala uPelege. |
| 17. | UEbhere wahlala emveni kokuzala kwakhe uPelege iminyaka emakhulu mane anamanci mathathu, wazala oonyana neentombi. |
| 18. | UPelege wahlala iminyaka emashumi mathathu, wazala uRehu. |
| 19. | UPelege wahlala emveni kokuzala kwakhe uRehu iminyaka emakhulu mabini anesithoba, wazala oonyana neentombi. |
| 20. | URehu wahlala iminyaka emashumi mathathu anamibini, wazala uSerugi. |
| 21. | URehu wahlala emveni kokuzala kwakhe uSerugi iminyaka emakhulu mabini anesixhenxe, wazala oonyana neentombi. |
| 22. | USerugi wahlala iminyaka emashumi mathathu, wazala uNahore. |
| 23. | USerugi wahlala emveni kokuzala kwakhe uNahore iminyaka emakhulu mabini, wazala oonyana neentombi. |
| 24. | UNahore wahlala iminyaka emashumi mabini anesithoba, wazala uTera. |
| 25. | UNahore wahlala emveni kokuzala kwakhe uTera iminyaka elikhulu elinashumi-nye linesithoba, wazala oonyana neentombi. |
| 26. | UTera wahlala iminyaka emashumi asixhenxe, wazala uAbram, noNahore, noHaran. |
| 27. | Yiyo le ke inzala kaTera: uTera wazala uAbram, noNahore, noHaran; uHaran wazala uLote. |
| 28. | Wafa uHaran esekho uTera uyise, ezweni lokuzalwa kwakhe, eUre yamaKaledi. |
| 29. | UAbram noNahore bazeka abafazi; igama lomka-Abram lalinguSarayi; igama lomkaNahore lalinguMilka, intombi kaHaran, usoMilka, usoYiska. |
| 30. | USarayi ebengazali, engenamntwana. |
| 31. | UTera wamthabatha uAbram, unyana wakhe, noLote unyana kaHaran, unyana wonyana wakhe, noSarayi umolokazana wakhe, umka-Abram unyana wakhe, baphuma nabo eUre yamaKaledi, besiya ezweni lakwaKanan; bafika kwelakwaHaran, bahlala khona. |
| 32. | Imihla kaTera yaba yiminyaka emakhulu mabini anamihlanu; wafa uTera kwelakwaHaran. |
| ← Genesis (11/50) → |