Genesis (1/50) → |
1. | Ekuqalekeni uThixo wadala amazulu nehlabathi. |
2. | Ke ehlabathini kwakusenyanyeni, kuselubala; kwakumnyama phezu kwamanzi enzonzobila. UMoya kaThixo wafukama phezu kwamanzi lawo. |
3. | Wathi uThixo, Makubekho ukukhanya. Kwabakho ke ukukhanya. |
4. | Wakubona ke uThixo ukukhanya ukuba kulungile, wahlula uThixo phakathi kokukhanya nobumnyama. |
5. | Wathi uThixo ukukhanya yimini, wathi ubumnyama bubusuku. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wokuqala. |
6. | Wathi uThixo, Makubekho isibhakabhaka phakathi kwawo amanzi, sibe ngumahlulo wokwahlula amanzi kumanzi. |
7. | Wasenza uThixo isibhakabhaka, wawahlula amanzi angaphantsi kwesibhakabhaka kuwo amanzi angaphezu kwesibhakabhaka. Kwaba njalo. |
8. | Wathi uThixo isibhakabhaka ngamazulu. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesibini. |
9. | Wathi uThixo, Amanzi angaphantsi kwamazulu makahlanganiselwe ndaweni-nye, kubonakale okomileyo. Kwaba njalo. |
10. | Wathi uThixo okomileyo ngumhlaba, wathi intlanganisela yamanzi ziilwandle. Wabona uThixo ukuba kulungile. |
11. | Wathi uThixo, Umhlaba mawuphume uhlaza, imifuno evelisa imbewu, imithi yeziqhamo, eyenza iziqhamo ngohlobo lwayo, embewu ikuyo, emhlabeni. Kwaba njalo. |
12. | Umhlaba waphuma uhlaza, nemifuno evelisa imbewu ngohlobo lwayo, nemithi eyenza iziqhamo, embewu ikuyo, ngohlobo lwayo. Wabona uThixo ukuba kulungile. |
13. | Kwahlwa kwasa: yangumhla wesithathu. |
14. | Wathi uThixo, Makubekho izikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zibe ngumahlulo wokwahlula imini kubusuku; zibe zezemiqondiso, zibe zezamaxesha amisiweyo, zibe zezemihla neminyaka; |
15. | mazibe zizikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zikhanyise ehlabathini. Kwaba njalo. |
16. | Wenza uThixo izikhanyiso ezikhulu zazibini, esona sikhulu isikhanyiso ukuba silawule imini, esona sincinane isikhanyiso ukuba silawule ubusuku; wenza neenkwenkwezi. |
17. | Wazibeka uThixo esibhakabhakeni samazulu, ukuba zikhanyise ehlabathini, zilawule imini nobusuku, |
18. | zahlule ukukhanya kubumnyama. Wabona uThixo ukuba kulungile. |
19. | Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesine. |
20. | Wathi uThixo, Amanzi la makanyakazele inyakanyaka, imiphefumlo ephilileyo; zithi neentaka ziphaphazele ehlabathini, esibhakabhakeni sezulu. |
21. | Wadala uThixo oominenga mikhulu, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo enambuzelayo, awanyakazela ngayo amanzi ngohlobo lwayo, neentaka zonke ezinamaphiko ngohlobo lwazo. Wabona uThixo ukuba kulungile. |
22. | Wazisikelela uThixo, esithi, Qhamani, nande, niwazalise amanzi aselwandle; zithi iintaka zande ehlabathini. |
23. | Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesihlanu. |
24. | Wathi uThixo, Umhlaba mawuphume imiphefumlo ephilileyo ngohlobo lwayo: izinto ezizitho zine, nezinambuzane, nezinto eziphilileyo zomhlaba ngohlobo lwazo. Kwaba njalo. |
25. | Wenza uThixo izinto eziphilileyo zomhlaba ngohlobo lwazo, nezinto ezizitho zine ngohlobo lwazo, nazo zonke izinambuzane zomhlaba ngohlobo lwazo. Wabona uThixo ukuba kulungile. |
26. | Wathi uThixo, Masenze umntu ngokomfanekiselo wethu ngokufana nathi. Mababe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni ezizitho zine, nasemhlabeni wonke, nasezinambuzaneni zonke ezinambuzela emhlabeni. |
27. | Wamdala ke uThixo umntu ngokomfanekiselo wakhe; wamdala ngokomfanekiselo kaThixo; wadala indoda nenkazana. |
28. | Wabasikelela uThixo, wathi kubo uThixo, Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba niweyise; nibe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni zonke eziphilileyo ezinambuzelayo emhlabeni. |
29. | Wathi uThixo, Yabonani, ndininikile yonke imifuno evelisa imbewu, esemhlabeni wonke, nayo yonke imithi eneziqhamo zemithi evelisa imbewu: yoba kukudla kuni. |
30. | Nezinto zonke eziphilileyo zomhlaba, neentaka zonke zezulu, nezinambuzane zonke ezisemhlabeni, ezinomphefumlo ophilileyo, ndizinike yonke imifuno eluhlaza ukuba ibe kukudla. Kwaba njalo. |
31. | Wakubona uThixo konke akwenzileyo, nanko, kulungile kunene. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesithandathu. |
Genesis (1/50) → |