Galatians (6/6)    

1. Bazalwana, ukuba umntu uthe waqutyulwa nokuqutyulwa sisiphoso esithile, nina bangaboMoya, mlulekeni onjalo ninomoya wobulali; uzilumkela ukuba ungahendwa nawe.
2. Thwalisanani ubunzima, ize ngokunjalo niwuzalise umthetho kaKristu;
3. kuba umntu, ukuba uba uyinto, engento, uyazikhohlisa.
4. Elowo ke makawucikide owakhe umsebenzi, wayeya kwandula ukuba neqhayiya ngokwakhe yedwa, angabi nalo ngomnye;
5. kuba elowo uya kuwuthwala owakhe umthwalo.
6. Makathi ke lowo ufundiswayo ilizwi, abelane nalowo ufundisayo ngeento zonke ezilungileyo.
7. Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa. Kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona;
8. ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni; lowo uhlwayelela uMoya ke, wovuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni.
9. Ke ekwenzeni okulungileyo masingethi amandla; kuba sovuna ngexesha elililo, ukuba asityhafi.
10. Njengoko singathi sibe nethuba, masisebenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa ke kwabendlu yokholo.
11. Bonani ukuba kukhulu kokubhala endinibhalele ngako ngesam isandla.
12. Bonke abathanda ukuba babe nesimilo esihle ngokwangaphandle, abo ke baninyanzela ukuba naluswe; benzela nje kodwa ukuze bangatshutshiswa ngawo umnqamlezo kaKristu.
13. Kuba kwanabo balukayo, bengawubambi umthetho, bathanda ukuba naluswe, ukuze baqhayise ngeyiyeyenu inyama.
14. Mna ke mandingakhe ndiqhayise nganto, ingenguwo umnqamlezo weNkosi yethu uYesu Kristu, ekuthe ngaye ihlabathi kum labethelelwa emnqamlezweni, ndathi nam kwihlabathi ndabethelelwa emnqamlezweni.
15. Kuba kwabakuKristu Yesu, akunamandla anto ukwaluka nokungaluki; into enamandla sisidalwa esitsha.
16. Bonke ke abahamba ngalo mgca, makube luxolo nenceba kubo ke, nakwabangamaSirayeli kaThixo.
17. Elokugqiba ndithi, Makungabikho namnye undixhamlayo; kuba mna, iimpawu zeNkosi uYesu ndiziphethe ngomzimba wam.
18. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nomoya wenu, bazalwana. Amen.

  Galatians (6/6)