| ← Galatians (4/6) → |
| 1. | Ndithi ke, indlalifa, ngexesha lonke engumntwana, ayahluke nganto kumkhonzi, nakuba iyinkosi yeento zonke; |
| 2. | iphantsi kwabagcini namagosa, kude kufike ixesha elimiswe ngaphambili nguyise. |
| 3. | Ngokunjalo nathi, xenikweni besingabantwana, besingamakhoboka aphantsi kweziqalelo zehlabathi. |
| 4. | Lithe ke lakuzaliseka ixesha, uThixo wamkhupha weza uNyana wakhe, othe wazalwa ngumntu oyinkazana; ethe wazalelwa phantsi komthetho, |
| 5. | ukuze abakhulule ngokubathenga abaphantsi komthetho, ukuze sikuzuze ukwenziwa oonyana. |
| 6. | Ngokuba ke ningoonyana, uThixo wamkhupha uMoya woNyana wakhe, weza ezintliziyweni zenu, edanduluka esithi, Abha, Bawo. |
| 7. | Ngoko ke akusengumkhonzi, ungunyana; ukuba ke ungunyana, ukwayindlalifa kaThixo ngoKristu. |
| 8. | Kanti okunene, oko naningamazi uThixo, nanikhonza kwabo ngemvelo bangethixo; |
| 9. | ngoku ke, nakuba nimazile uThixo, hayi kanye mandithi, nakuba naziwe nguThixo, nenza ntoni na ukubuya niguqukele kwiziqalelo ezingenamandla, ezingenaluncedo, enithanda ukubuya nikhonze zona ngokutsha? |
| 10. | Nimana nigcina imihla, neenyanga, namaxesha, neminyaka. |
| 11. | Ndiyanoyikela, hleze ndibe ndifumane ndabulaleka ngenxa yenu. |
| 12. | Ndiyanikhunga, bazalwana, yibani njengam, ngokuba nam ndaba njengani; anindonanga nganto. |
| 13. | Niyazi ke ukuba bekungenxa yokuswela amandla kwenyama yam, ukunishumayeza kwam iindaba ezilungileyo ngokokuqala. |
| 14. | Ukulingwa kwam okwakusenyameni yam, anikwenzanga into engento, anikucekisanga nina nokukucekisa; nesuka nandamkela njengesithunywa sikaThixo, njengoKristu Yesu ngokwakhe. |
| 15. | Kwabe kuyintoni na ngoko ukuziyolisa kwenu? Kuba ndiyaningqinela, ukuba bekunokwenzeka, ninge nawakrukrayo amehlo enu, nandinika. |
| 16. | Ndisuke ndaba lutshaba lwenu na ke, ngokuthetha inyaniso kuni? |
| 17. | Bayanincekelela ngokungekuhle; basuka bathande ukunivalela phandle, ukuze nibancekelele nani. |
| 18. | Kuhle ke ukuba kuncekelelwe ngamaxesha onke entweni entle, kunganeli ukuba njalo ndakuba ndikho kuni. |
| 19. | Bantwana bam, endibuye ndanenimba ngabo, ade uKristu amiliswe ngaphakathi kwenu, |
| 20. | bendithanda ke ukubakho kuni ngoku, ndilenze libe lilimbi ilizwi lam; ngokuba ndiyathingaza ngani. |
| 21. | Ndixeleleni, nina nithandayo ukuba phantsi komthetho, aniwuva na umthetho? |
| 22. | Kuba kubhaliwe kwathiwa, uAbraham wayenoonyana ababini: omnye engowekhobokazana, omnye engowomfazi okhululekileyo. |
| 23. | Waye okunene lowo wekhobokazana ezelwe ngokwenyama; kodwa lowo womfazi okhululekileyo wayezelwe ngalo idinga. |
| 24. | Eziyintsonkotha zona ezo zinto; kuba aba bayiyo iminqophiso emibini. Omnye uvela entabeni yeSinayi, uzalela ebukhobokeni, onguHagare ke wona lowo; |
| 25. | kuba loo nto inguHagare yiSinayi, intaba ekwelama-Arabhi, elungelelene neYerusalem yakalokunje, esebukhobokeni ke nabantwana bayo. |
| 26. | Ke yona ephezulu iYerusalem ikhululekile, enguma wethu leyo. |
| 27. | Kuba kubhaliwe kwathiwa, Yiba nemihlali, ludlolo lungazaliyo; Gqabhuka umemelele, wena ungenanimba; Ngokuba baninzi abantwana besishiywa, ngaphezu kwabonendoda. |
| 28. | Thina ke, bazalwana, ngokokukaIsake, singabantwana bedinga. |
| 29. | Kusuke, kwanjengokuba wayesithi oko owazalwa ngokwenyama amtshutshise owazalwa ngokoMoya, kwaba njalo nakaloku. |
| 30. | Sithini na ke sona isibhalo? Sithi, Likhuphele phandle ikhobokazana nonyana walo; kuba unyana wekhobokazana akasayi kuba ndlalifa kunye nonyana wokhululekileyo. |
| 31. | Ngoko, bazalwana, asingabantwana bekhobokazana thina; singabowokhululekileyo. |
| ← Galatians (4/6) → |