| ← Ezra (7/10) → |
| 1. | Emveni kwezo zinto, ebukumkanini buka-Artashashta ukumkani wasePersi, wathi uEzra, unyana kaSeraya, unyana ka-Azariya, unyana kaHilekiya, |
| 2. | unyana ka-Shalum, unyana kaTsadoki, unyana ka-Abhitubhi, |
| 3. | unyana ka-Amariya, unyana ka-Azariya, unyana kaMerayoti, |
| 4. | unyana kaZeraya, unyana kaUzi, unyana kaBhuki, |
| 5. | unyana ka-Abhishuwa, unyana kaPinehasi, unyana kaElazare, unyana ka-Aron umbingeleli oyintloko: |
| 6. | uEzra lowo wenyuka, ephuma eBhabheli. Waye engumbhali oyinkunkqele emyalelweni kaMoses, awawuwisayo uYehova, uThixo kaSirayeli. Ukumkani wamnika konke awakucelayo ngokwesandla sikaYehova, uThixo wakhe, esiphezu kwakhe. |
| 7. | Kwenyuka naye inxenye yoonyana bakaSirayeli, neyababingeleli, nabaLevi, neemvumi, nabamasango, nabakhonzi betempile, besiya eYerusalem, ngomnyaka wesixhenxe ka-Artashashta ukumkani. |
| 8. | Wafika eYerusalem ngenyanga yesihlanu; lowo ke ngumnyaka wesixhenxe wokumkani. |
| 9. | Ngokuba ibe ingumhla wokuqala wenyanga yokuqala, awawumisela ukunyuka ngawo, ephuma eBhabheli; wafika eYerusalem ngomhla wokuqala wenyanga yesihlanu, ngokwesandla esilungileyo sikaThixo wakhe, esibe siphezu kwakhe; |
| 10. | ngokuba uEzra intliziyo yakhe wayeyibhekise ekuwufuneni umyalelo kaYehova, awenze, afundise ummiselo nesiko kwaSirayeli. |
| 11. | Yiyo le incwadi, awathi ukumkani uArtashashta wamnika uEzra umbingeleli, umbhali obhala amazwi emithetho kaYehova, nemimiselo yakhe kumaSirayeli: |
| 12. | UArtashashta, ukumkani wookumkani, kuEzra umbingeleli, umbhali ogqibeleleyo emthethweni kaThixo wamazulu, njalonjalo. |
| 13. | Ndiwise umthetho wokuba bonke ebukumkanini bam, phakathi kwabantu bakwaSirayeli, nababingeleli babo nabaLevi, abaqhutywa yintliziyo ukuya eYerusalem, mabahambe nawe. |
| 14. | Ngokuba wena uthunywa ngukumkani namaphakathi akhe asixhenxe, ukubuzisa ngamaYuda neYerusalem, ngokomthetho kaThixo wakho osesandleni sakho; |
| 15. | uyise isilivere negolide, ayinikelayo ukumkani namaphakathi akhe, ngokuqhutywa yintliziyo, kuThixo kaSirayeli, okhaya liseYerusalem; |
| 16. | nayo yonke isilivere negolide, owoyifumana ezweni lonke laseBhabheli, kunye nomnikelo wokuqhutywa yintliziyo wabantu nababingeleli, abanikela ngokuqhutywa yintliziyo ngenxa yendlu kaThixo wabo, eseYerusalem. |
| 17. | Ngoko ke uya kuthenga ngenyameko ngale mali iinkunzi ezintsha zeenkomo, neenkunzi zeegusha, neemvana, neminikelo yazo yokudla, nethululwayo; uyisondeze esibingelelweni sendlu kaThixo wenu eseYerusalem. |
| 18. | Nento ethe yalunga kuwe, nakubazalwana bakho, ukwenziwa ngesilivere nangegolide eseleyo, noyenza ngokokuthanda kukaThixo wenu. |
| 19. | Ke iimpahla ozinikiweyo ngenxa yombuso wendlu kaThixo wakho, zinikele ziphelele phambi koThixo eYerusalem. |
| 20. | Nezinye izinto ezifunekayo zendlu kaThixo wakho, othi kuyafuneka ukuba zinikelwe, wozirhola endlwini yendyebo yokumkani. |
| 21. | Mna Artashashta, kumkani, ndiwisa umthetho kubo bonke abagcini-ndyebo abaphesheya koMlambo, wokuba konke aya kukubiza kuni uEzra, umbingeleli, umbhali womthetho kaThixo wamazulu, makwenziwe ngenyameko, |
| 22. | kuse ekhulwini leetalente zesilivere, nekhulu leekore zengqolowa, nekhulu leebhate zewayini, nekhulu leebhate zeoli, netyuwa ingalinganiselwa. |
| 23. | Yonke into engomthetho kaThixo wamazulu mayenzelwe indlu kaThixo wamazulu ngokuthe nqo; kuba kungani na ukuba bufikelwe buburhalarhume ubukumkani bokumkani noonyana bakhe? |
| 24. | Makwazeke kuni, ukuba bonke ababingeleli, nabaLevi, neemvumi, nabamasango, nabakhonzi betempile, nabalungiseleleli bale ndlu kaThixo, akukho bani unagunya lakubathwesa irhafu, nasithabathaba, nalunikelo. |
| 25. | Wena Ezra, ngokobulumko bukaThixo wakho obusesandleni sakho, misa abagwebi, nabathethi bamatyala, ebantwini bonke abaphesheya koMlambo; ndithi, bonke abayaziyo imithetho kaThixo wakho; nabangayaziyo nobazisa. |
| 26. | Ke bonke abasukuba bengawenzi umthetho kaThixo wakho, nomthetho wokumkani, malithethwe ityala labo ngenyameko, nokuba baya kubulawa, nokuba baya kugxothwa, nokuba baya kudliwa, nokuba baya kukhonkxwa. |
| 27. | Makabongwe uYehova, uThixo woobawo, oyinikeleyo into enjalo entliziyweni yokumkani, ukuba ayihombise indlu kaYehova eseYerusalem; |
| 28. | ondithobele inceba phambi kokumkani, namaphakathi akhe, nabathetheli bonke bokumkani abangamagorha. Mna ndomelezeka ngokwesandla sikaYehova uThixo wam esiphezu kwam; ndazibutha kumaSirayeli iintloko zezindlu zooyise, ukuba zinyuke nam. |
| ← Ezra (7/10) → |