| ← Ezra (5/10) → |
| 1. | Ke kaloku abaprofeti, ooHagayi umprofeti, noZekariya unyana kaIdo, baprofeta kumaYuda abekwaYuda neYerusalem, egameni likaThixo kaSirayeli obekubo. |
| 2. | Baza basuka ooZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, noYeshuwa unyana kaYotsadaki, nabathetheli bakhe, ukuba bayakhe indlu kaThixo eYerusalem, abaprofeti bakaThixo bekubo bencedisana nabo. |
| 3. | Kwangelo xesha, weza kubo uTatenayi, ibamba langaneno koMlambo, noShetar-bhozenayi, nabalingane babo, bathi kubo, Niwiselwe umthetho ngubani na ukuba niyakhe le ndlu, nilwenze olu donga? |
| 4. | Saza senjenje ukuthetha kubo, ngoonantsi noonantsi, amagama amadoda ayakhayo le ndlu. |
| 5. | Ke iliso loThixo wawo libe liphezu kwamadoda amakhulu amaYuda, ukuba bangawabambezeli, ide loo ndawo iye kuDariyo, bakhuphe incwadi ngayo loo ndawo. |
| 6. | Incwadi leyo, ooTatenayi, ibamba langaneno koMlambo, noShetar-bhozenayi, nabalingane bakhe bama-Afarseka banganeno koMlambo, bayithumelayo kuDariyo ukumkani, |
| 7. | bayithumela loo ndawo kuye; kwabhalwa kwathiwa kuyo: KuDariyo ukumkani, uxolo luphelele. |
| 8. | Makwazeke kukumkani, ukuba saya ezweni lakwaYuda, endlwini kaThixo omkhulu. Iyakhiwa ngamatye anzima, nemithi iyafakwa ezindongeni; lo msebenzi usetyenzwa ngenyameko, uyaphumelela ezandleni zabo. |
| 9. | Saza sabuza kumadoda lawo makhulu, sathi kuwo, Niwiselwe umthetho ngubani na ukuba niyakhe le ndlu, nilwenze olu donga? |
| 10. | Sabuza kuwo namagama awo, ukuba sikwazise wena, siwabhale amagama amadoda aziintloko kuwo. |
| 11. | Enjenje ke ukusibuyisela impendulo, athi, Singabakhe, singabakhonzi bakaThixo wamazulu nehlabathi. Sakha le ndlu yakhiwayo iminyaka emininzi eyadlulayo, yakhiwa yafezwa ngukumkani omkhulu wakwaSirayeli. |
| 12. | Ngokokuba oobawo bamqumbisayo uThixo wamazulu, wabanikela esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umKaledi. Yena wayichitha le ndlu, wabafudusela eBhabheli abantu. |
| 13. | Kodwa ngomnyaka wokuqala kaKoreshi ukumkani waseBhabheli, ukumkani uKoreshi wawisa umthetho wokuba yakhiwe le ndlu kaThixo. |
| 14. | Kananjalo iimpahla zendlu kaThixo zegolide nezesilivere, awazirholayo uNebhukadenetsare etempileni eseYerusalem, awazizisayo etempileni yaseBhabheli, ezo wazikhupha uKoreshi ukumkani etempileni yaseBhabheli: zanikelwa kogama linguSheshbhatsare, awammisayo ukuba abe libamba. |
| 15. | Wathi kuye, Thabatha ezi mpahla, hamba, uzise etempileni eseYerusalem, indlu kaThixo yakhelwe endaweni yayo. |
| 16. | Waza weza lo Sheshbhatsare, wazibeka iziseko zendlu kaThixo eseYerusalem; kususela kwelo xesha unangoku iyakhiwa; ayikagqitywa ke. |
| 17. | Kaloku, ukuba kuthe kwalunga kukumkani, makuphicothwe endlwini yendyebo yokumkani, eseBhabheli apho, kukhangelwe ukuba kunjalo na, ukuba wawiswa na umthetho nguKoreshi ukumkani, wokuba yakhiwe le ndlu kaThixo eYerusalem; kananjalo makuthunyelwe kuthi ukuthanda kokumkani ngale nto. |
| ← Ezra (5/10) → |