| ← Ezekiel (8/48) → |
| 1. | Ke kaloku kwathi ngomnyaka wesithandathu, ngenyanga yesithandathu, ngolwesihlanu enyangeni leyo, ndihleli endlwini yam, namadoda amakhulu akwaYuda ehleli phambi kwam, sawa phezu kwam khona isandla seNkosi uYehova. |
| 2. | Ndabona, nantso into efana nendoda ukubonakala kwayo; kuthabathele esinqeni sayo kwehlisa, kubonakala ingumlilo; kuthabathele esinqeni sayo kunyuse, ngathi kukubonakala kokukhazimla, ngathi yimbonakalo yegolide evuthiweyo. |
| 3. | Wolula into emilise okwesandla, wandibamba ngesihlwitha sentloko yam; umoya wandifunqula ndaba phakathi komhlaba nezulu. Wandisa eYerusalem ngemibono kaThixo, ekungeneni kwesango lentendelezo ephakathi, elibheke ngasentla, apho bekuhleli khona umfanekiso wobukhwele okhweletisayo. |
| 4. | Nabo ke bukhona ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli, bunjengombono endawubonayo entilini leyo. |
| 5. | Wathi kum, Nyana womntu, khawuphakamise amehlo akho, ukhangele ngasentla. Ndawaphakamisa ke amehlo am, ndakhangela ngasentla: nanko ngasentla kwesango lesibingelelo kukho loo mfanekiso wobukhwele usekungeneni kwalo. |
| 6. | Wathi kum, Nyana womntu, uyakubona na abakwenzayo? Ngamasikizi amakhulu la, iwenzayo apha indlu kaSirayeli, ukuze ndikhwelele kude nengcwele yam; usaya kubuya ubone amasikizi amakhulu kunala. |
| 7. | Wandisa ke ekungeneni kwentendelezo; ndabona, nango umngxuma eludongeni. |
| 8. | Wathi kum, Nyana womntu, khawugqobhoze eludongeni. Ndagqobhoza ke eludongeni, nanko kukho umnyango. |
| 9. | Wathi kum, Yiza, ubone amasikizi amabi abawenzayo apha. |
| 10. | Ndangena, ndabona: nanzo zonke izinto ezimilise okwesinambuzane nenkomo, izinto ezinezothe, nezigodo zonke zendlu kaSirayeli, zikroliwe eludongeni ngeenxa zonke. |
| 11. | Kumi phambi kwazo amadoda angamashumi asixhenxe kumadoda amakhulu endlu kaSirayeli, noYazaniya unyana kaShafan emi phakathi kwawo, iyileyo iphethe ngesandla isiqhumiselo, kunyuka ivumba lelifu lokuqhumisela. |
| 12. | Wathi kum, Nyana womntu, ukubonile na akwenzayo emnyameni amadoda amakhulu endlu kaSirayeli, iyileyo ezingontsini zayo ezinemifanekiso? ngokuba esithi, uYehova akasiboni, uYehova ulilahlile ilizwe. |
| 13. | Wathi kum, Usaya kubuya ubone amasikizi awenzayo amakhulu kunala. |
| 14. | Wandisa ekungeneni kwesango lendlu kaYehova elingasentla; nanko kuhleli abafazi apho, belilela uTamuzi. |
| 15. | Wathi kum, Ubonile na, nyana womntu? Usaya kubuya ubone amasikizi awenzayo amakhulu kunala. |
| 16. | Wandisa entendelezweni ephakathi yendlu kaYehova: nanko, ekungeneni etempileni kaYehova, phakathi kwevaranda nesibingelelo, kukho amadoda angathi angamashumi amabini anamahlanu, eyinikele umva itempile kaYehova, ubuso bawo bubheke empumalanga; aqubuda kwilanga, ebheke empumalanga. |
| 17. | Wathi kum, Ubonile na, nyana womntu? Kuncinane na kwindlu kaYuda ukuwenza la masikizi bawenzayo apha, ukuba ke balizalise ilizwe nangogonyamelo, babuye bandiqumbise? Nabo, besisa isebe lomdiliya emathatheni abo. |
| 18. | Nam ndiya kwenza ngobushushu; aliyi kuba nanceba iliso lam, ndibaconge; nokuba badanduluke ezindlebeni zam ngezwi elikhulu, andiyi kubeva. |
| ← Ezekiel (8/48) → |