| ← Ezekiel (7/48) → |
| 1. | Kananjalo kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, |
| 2. | Wena, wena ke nyana womntu, itsho iNkosi uYehova kumhlaba wakwaSirayeli ukuthi, Isiphelo, isiphelo siwafikele amasondo omane elizwe. |
| 3. | Kaloku isiphelo sikufikele; ndiya kuwukhuphela umsindo wam kuwe, ndikugwebe ngokweendlela zakho, ndiwabeke phezu kwakho amasikizi akho onke. |
| 4. | Aliyi kuba nanceba kuwe iliso lam, ndingakucongi; ke ndiya kukuzisela iindlela zakho, abe sesazulwini sakho amasikizi akho; nazi ukuba ndinguYehova. |
| 5. | Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ububi, ububi obubodwa; yabonani, buyeza. |
| 6. | Kuza isiphelo, isiphelo sona siyeza, sikuvukele wena; yabona siyeza. |
| 7. | Uyakuzela umjojo, mmi welizwe eli; liyeza ixesha, isondele imini; kusisaqunge, akungamayeyeye emihlali ezintabeni. |
| 8. | Ngoku kwakufuphi nje ndiya kuthulula phezu kwakho ubushushu bam, ndiwuphelelisele kuwe umsindo wam, ndikugwebe ngokweendlela zakho, ndiwabeke phezu kwakho onke amasikizi akho. |
| 9. | Aliyi kuba nanceba kuwe iliso lam, ndingakucongi; ke ndiya kuwabeka phezu kwakho ngokweendlela zakho amasikizi akho phakathi kwakho; nazi ukuba mna Yehova ndingobethayo. |
| 10. | Nantso imini! Nantso, ifikile! Uphuma umjojo, luphuma amathupha uswazi, kuyatyatyamba ukukhukhumala. |
| 11. | Ugonyamelo luphakame lwaba luswazi lokungendawo; akuyi kubakho namnye kubo osalayo, kungabikho nto kwingxokolo yabo, kungabikho nto kwintabalala yabo; kungabikho njuze isalayo kubo. |
| 12. | Lifikile ixesha, isondele imini; othengayo makangavuyi, othengisayo makangenzi sijwili; ngokuba ukuvutha komsindo kuyayizela yonke ingxokolo yakhona. |
| 13. | Ngokuba othengisayo akayi kubuyela entweni abethengise ngayo, nokuba ubesadla ubomi phakathi kwabadla ubomi; ngokuba umbono ongengxokolo yonke yakhona awuyi kubuya umva; kungabikho bani ubomelezayo ubomi bakhe ebugwenxeni bakhe. |
| 14. | Bavuthela isigodlo, balungisa konke; kodwa akukho namnye oya ekulweni; ngokuba ubushushu bam buyizele ingxokolo yabo yonke. |
| 15. | Ngekrele ngaphandle, ngendyikitya yokufa nangendlala ngaphakathi: osendle uya kufa likrele, ophakathi komzi adliwe yindlala nayindyikitya yokufa. |
| 16. | Ke abasindileyo kubo bosinda, babe sezintabeni njengamavukuthu asemifuleni, bedumzela bonke bephela, elowo edumzela ngobugwenxa bakhe. |
| 17. | Zonke izandla ziya kuwa, onke amadolo aye angabi namandla; |
| 18. | babhinqe ezirhwexayo, bagutyungelwe kukududuzela, ebusweni bonke ibe kukudana, iintloko zabo zonke zibe ziinkqayi. |
| 19. | Isilivere yabo baya kuyiphosa ezitratweni, negolide yabo ibe yinto engcolileyo kubo. Isilivere yabo negolide yabo ayiyi kuba nako ukubahlangula ngemini yokuphuphuma komsindo kaYehova; abayi kuwuhluthisa ngayo umphefumlo wabo, nombilini wabo bangawuzalisi ngayo; ngokuba yaba sisikhubekiso sokuba babe gwenxa. |
| 20. | Isivatho sabo esinobukhazikhazi basimisela ikratshi, benza ngaso imifanekiso yabo engamasikizi, enezothe; ngenxa yoko ndiyenze yayinto engcolileyo kubo. |
| 21. | Ndiya kuyinikela esandleni sabasemzini ukuba iphangwe, nakwabangendawo behlabathi ibe lixhoba, bayihlambele; |
| 22. | ndibususe ubuso bam kubo, bayihlambele ingqwebo yam; bafike abatyhobozi, bayihlambele. |
| 23. | Yenza umxokelelwane, ngokuba ilizwe liliphalaza igazi elimsulwa, nomzi uzele lugonyamelo. |
| 24. | Ndozisa abanobubi basezintlangeni, bazihluthe izindlu zabo, ndiliphelise ikratshi labanamandla, zihlanjelwe iingcwele zabo. |
| 25. | Kuyafika ukuxhalaba; bafuna uxolo, alukho. |
| 26. | Kuza umeyeliselo phezu komeyeliselo, kubekho udaba phezu kodaba, bafune umbono kumprofeti, ke umyalelo utshabalale ungabikho kumbingeleli, neqhinga kumadoda amakhulu. |
| 27. | Ukumkani uya kwenza isijwili, nesikhulu sambathe ummangaliso, ziyekelele izandla zabantu belizwe eli. Ndiya kwenza kubo ngokwendlela yabo, ndibagwebe ngokwezigwebo zabo; bazi ukuba ndinguYehova. |
| ← Ezekiel (7/48) → |