| ← Ezekiel (42/48) → |
| 1. | Waphuma nam, waya entendelezweni engaphandle ngendlela esinga ngentla, wandisa emagumbini amalunga nendawo le iqhiwukileyo, amalunga nesakhiwo eso, akhangele entla. |
| 2. | Phambi kwecala elibude buziikubhite ezilikhulu, elimnyango ungasentla, ububanzi baba ziikubhite ezimashumi mahlanu. |
| 3. | Malunga neekubhite ezimashumi mabini zentendelezo engaphakathi, malunga nombekelelo wamatye osentendelezweni engaphandle, yaba yigalari isinge egalarini eludidini lwesithathu. |
| 4. | Phambi kwamagumbi kwakukho indawo yokuhamba, ububanzi bayo buziikubhite ezilishumi; kukho indlela eziikubhite zilikhulu, ebheka phakathi; iminyango yazo ke ibheka ngentla. |
| 5. | Ke amagumbi aphezulu ebemafuphi kunawaphantsi, kunaphakathi esakhiweni; ngokuba iigalari zawadlela. |
| 6. | Ngokuba ebendidi ntathu wona, engenazintsika, njengokuba iintendelezo zineentsika: ngenxa yoko kwarhoxiswa kwala angaphantsi kwanala aphakathi esikhundleni sawo. |
| 7. | Ke udonga olwalungaphandle, lulungelelene namagumbi, lwasinga entendelezweni engaphandle phambi kwamagumbi la; ubude balo babuziikubhite ezimashumi mahlanu. |
| 8. | Ngokuba ubude bamagumbi entendelezo engaphandle baba ziikubhite ezimashumi mahlanu; kodwa ke phambi kwetempile baba ziikubhite ezilikhulu. |
| 9. | Ngaphantsi kwala magumbi, ukungena bekuvelwa ngasempumalanga ekuyiweni kuwo, kuvelwa entendelezweni engaphandle. |
| 10. | Ebubanzini bodonga lwentendelezo, kusingise empumalanga, phambi kwendawo eqhiwukileyo naphambi kwesakhiwo, bekukho amagumbi. |
| 11. | Ayenendlela phambi kwawo, ebonakala enjengamagumbi asingise entla; ngobude bawo, aba njalo nangobubanzi bawo, aba njalo nangokuphuma kwawo konke, aba njalo nangamasiko awo. |
| 12. | Njengoko injalo iminyango yawo lawo, injalo neminyango yamagumbi abe ekhangele ngezantsi; kwakukho umnyango emantloko endlela, endlela emalunga nodonga olulungelelene namagumbi la, endlela evela ngasempumalanga ekuyiweni kuwo. |
| 13. | Wathi kum, Amagumbi angasentla namagumbi angasezantsi, aphambi kwendawo eqhiwukileyo, wona ngamagumbi angcwele, apho ababingeleli abasondelayo kuYehova baya kudlela khona ezona nto zingcwele; apho baya kuzibeka khona ezona nto zingcwele, umnikelo wokudla, nedini lesono, neletyala; ngokuba le ndawo ingcwele. |
| 14. | Bakungena ababingeleli, mabangaphumi engcweleni, baye entendelezweni engaphandle; bozibeka apho iingubo zabo, abalungiselela benazo, ngokuba zingcwele; mabambathe ngubo zimbi, basondele ke kokwabantu. |
| 15. | Wathi ke akugqiba ukuyilinganisa indlu ephakathi, waphuma nam, wasingisa ngendlela yesango elibheke empumalanga, walinganisa khona, wajikeleza ngeenxa zonke. |
| 16. | Walinganisa icala lasempumalanga ngengcongolo yokulinganisa; yaziingcongolo ezimakhulu mahlanu ngengcongolo yokulinganisa, ngeenxa zonke. |
| 17. | Walinganisa icala langasentla; yaziingcongolo ezimakhulu mahlanu ngengcongolo yokulinganisa, ngeenxa zonke. |
| 18. | Kwicala langasezantsi walinganisa amakhulu amahlanu eengcongolo, ngengcongolo yokulinganisa. |
| 19. | Wajikela ecaleni langasentshonalanga, walinganisa amakhulu amahlanu eengcongolo, ngengcongolo yokulinganisa. |
| 20. | Ngamacala omane wayilinganisa. Inodonga olujikelezileyo ngeenxa zonke; ubude bangamakhulu amahlanu, nobubanzi bangamakhulu amahlanu, ukuze kwahlulwe phakathi kokungcwele nokuhlambeleyo. |
| ← Ezekiel (42/48) → |