← Ezekiel (36/48) → |
1. | Wena ke, nyana womntu, profeta ngazo iintaba zakwaSirayeli, uthi, Zintaba zakwaSirayeli, liveni ilizwi likaYehova! |
2. | Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba utshaba lusithi ngani, Tshotsho, imimango engunaphakade ibililifa lethu! |
3. | ngako oko profeta uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba, ewe, ngenxa enokuba benenze kwaba senkangala, baniginya ngeenxa zonke, ukuze nibe lilifa lamasalela eentlanga, naba semilonyeni yabanolwimi nasentlebendwaneni yabantu: |
4. | ngako oko, nina zintaba zakwaSirayeli, liveni ilizwi leNkosi uYehova, lisithi, Itsho iNkosi uYehova kwiintaba nakwiinduli, kwizihlambo nakwimifula, kwiindawo ezibharhileyo ezingamanxuwa nakwimizi eshiyiweyo, eyaba lixhoba nesigculelo samasalela eentlanga ezingeenxa zonke; |
5. | ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Inyaniso, ndithethe ngomlilo wobukhwele bam ngawo amasalela eentlanga, nangamaEdom onke ephela, alenze ilifa lawo ilizwe lam, evuyile ngentliziyo yonke, ecukuceza ngomphefumlo, ukuze alilahle libe lixhoba. |
6. | Ngako oko, profeta ngomhlaba wakwaSirayeli, uthi kwiintaba nakwiinduli, kwizihlambo nakwimifula, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndithethe ndinobukhwele, ndinobushushu, ngenxa enokuba nilithwele ihlazo leentlanga. |
7. | Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Mna ndisiphakamisile isandla sam; inyaniso, iintlanga ezingeenxa zonke kuni, zona ziya kuthwala ihlazo lazo. |
8. | Ke nina, zintaba zakwaSirayeli, niya kuvelisa amasebe, iziqhamo zenu nizixakathele abantu bam amaSirayeli; ngokuba sekukufuphi ukuvela kwazo. |
9. | Ngokuba, niyabona, ndingakuni; ndobuyela kuni, nilinywe, nihlwayelwe. |
10. | Ndiya kwandisela abantu phezu kwenu, yonke indlu kaSirayeli, yonke iphela, imiwe imizi, akhiwe amanxuwa. |
11. | Ndiya kwandisela abantu ke neenkomo phezu kwenu, bande, baqhame; ndinenze nimiwe ngokwangaphambili ke, ndinenzele okulungileyo ngaphezu kokwasekuqaleni kwenu; nazi ukuba ndinguYehova. |
12. | Ndohambisa abantu phezu kwenu, abantu bam amaSirayeli, bakuzuze ube lilifa labo, ungasabuyi ubahluthe abantwana. |
13. | Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba bathi kuwe, Usisidlabantu, uluhluthe abantwana uhlanga lwakho: |
14. | ngako oko akuyi kubuya ube sisidlabantu, ungabuyi ulukhubekise uhlanga lwakho; itsho iNkosi uYehova. |
15. | Andiyi kubuya ndikuvise ihlazo leentlanga, ungabuyi usithwale isingcikivo sezizwe, ungabuyi ulukhubekise uhlanga lwakho; itsho iNkosi uYehova. |
16. | Kwafika ke ilizwi likaYehova kum, lisithi, |
17. | Nyana womntu, xa indlu kaSirayeli yabe ihleli emhlabeni wayo, bawenza inqambi ngeendlela zabo nangeentlondi zabo; iindlela zabo phambi kwam zaba njengobunqambi bomfazi onomzi. |
18. | Ndaphalaza ubushushu bam phezu kwabo ngenxa yegazi, ababeliphalaze ezweni elo, nangenxa yokulenza inqambi kwabo ngezigodo zabo. |
19. | Ndabenza baba lusali ezintlangeni, bachithwachithwa emazweni; ndabagweba ngokweendlela zabo, nangokweentlondi zabo. |
20. | Bafika ezintlangeni ezo babesiya kuzo, balihlambela igama lam elingcwele; ekubeni bekusithiwa ngabo, Ngabantu bakaYehova aba, baphume ezweni lakhe. |
21. | Ndaba nofefe ngenxa yegama lam elingcwele, ebeyilihlambele indlu kaSirayeli ezintlangeni abaya kuzo. |
22. | Ngako oko yithi kwindlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Andenzi ngenxa yenu, ndlu kaSirayeli; ndenza ngenxa yegama lam elingcwele, enilihlambeleyo ezintlangeni ebe niye kuzo. |
23. | Ndiya kulingcwalisa igama lam elikhulu, elihlanjelweyo ezintlangeni, enilihlambeleyo phakathi kwazo; ukuze zazi iintlanga ukuba ndinguYehova, itsho iNkosi uYehova, ndakuzingcwalisa ngokwam kuni emehlweni azo. |
24. | Ndonithabatha ke ezintlangeni, ndinibuthe emazweni onke, ndinise emhlabeni wenu. |
25. | Ndiya kunitshiza ngamanzi amhlophe, nihlambuluke; ndinihlambulule kubunqambi benu bonke, nakwizigodo zenu zonke. |
26. | Ndoninika intliziyo entsha, ndininike umoya omtsha ngaphakathi kwenu; ndiyisuse intliziyo elilitye enyameni yenu, ndininike intliziyo eyinyama. |
27. | Ndofaka uMoya wam ngaphakathi kwenu, ndinenze nihambe ngemimiselo yam, niwagcine amasiko am, niwenze; |
28. | niya kuhlala ezweni endalinika ooyihlo; nibe ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu. |
29. | Ndiya kunisindisa ebunqambini benu bonke, ndibize ingqolowa, ndiyandise, ndinganiziseli indlala. |
30. | Ndosandisa isiqhamo somthi nokuphuma emasimini, ukuze ningabuyi namkeliswe isingcikivo sendlala ezintlangeni. |
31. | Niya kuzikhumbula ke iindlela zenu ezimbi, neentlondi zenu ezingalungileyo, nizikruqukele ngokwenu, ngenxa yobugwenxa benu nangenxa yamasikizi enu. |
32. | Andiyi kukwenza oku ngenxa yenu, itsho iNkosi uYehova; makwazeke oko kuni. Danani, nibe nehlazo ngenxa yeendlela zenu, ndlu kaSirayeli. |
33. | Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngemini endiya kunihlambulula ngayo ebugwenxeni benu bonke, ndiya kuyenza imizi ukuba imiwe, akhiwe amanxuwa. |
34. | Ilizwe ebe kusenkangala kulo liya kulinywa, endaweni yokuba bekusenkangala kulo emehlweni abo bonke abadlulayo. |
35. | Baya kuthi, Eli lizwe, bekusenkangala kulo, lisuke laba njengomyezo wase-Eden; nemizi ebeyibharhile, ebingamanxuwa, ebigungxulwe, imiwe, inqatyisiwe. |
36. | Ziya kwazi ke iintlanga eziseleyo ngeenxa zonke kuni, ukuba mna Yehova ndakha into egungxulweyo, ndiyityale indawo ebe kusenkangala kuyo. Mna Yehova ndithethile, ndiya kwenza. |
37. | Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngale nto ndisaya kuquqelwa yindlu kaSirayeli, ukuba ndibenzele; ndiya kubandisa babe sisintu njengomhlambi; |
38. | njengomhlambi ongamadini angcwele, njengomhlambi waseYerusalem ngamaxesha ayo amisiweyo; ukuzala yimihlambi yabantu, iya kuba njalo imizi engamanxuwa; bazi ukuba ndinguYehova. |
← Ezekiel (36/48) → |