| ← Ezekiel (35/48) → |
| 1. | Ke kaloku kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, |
| 2. | Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho entabeni yakwaSehire, uprofete ngayo, |
| 3. | uthi kuyo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuchasile, ntaba yakwaSehire. Ndosolulela isandla sam phezu kwakho, ndikwenze kube senkangala yakwankangala. |
| 4. | Imizi yakho ndiya kuyenza amanxuwa, ube senkangala; wazi ukuba ndinguYehova. |
| 5. | Ngenxa enokuba waba nobutshaba obungunaphakade, wabanikela esandleni sekrele oonyana bakaSirayeli ngexesha lokusindeka kwabo, ngexesha lobugwenxa bokuphela: |
| 6. | ngako oko, ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, ndiya kukwenza igazi; lokusukela ke igazi; ngokokuba ungalithiyanga igazi, lokusukela igazi. |
| 7. | Ndoyenza kube senkangala yakwankangala intaba yakwaSehire, ndinqumle kuyo odlulayo nobuyayo. |
| 8. | Ndiya kuzizalisa iintaba zakhe ngababuleweyo bakhe; ezindulini zakho, nasemifuleni yakho, nasezihlanjeni zakho zonke, ababuleweyo ngekrele bawe kuzo. |
| 9. | Ndiya kukwenza kube senkangala kuwe ngonaphakade, imizi yakho ingemiwa mntu; nazi ukuba ndinguYehova. |
| 10. | Ngenxa enokuba usithi, Iintlanga ezi zombini namazwe la omabini ngawam, sowahlutha; ukanti uYehova ukhona; |
| 11. | ngako oko ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, ndiya kwenza kuwe ngokomsindo wakho, nangokobukhwele bakho, obenzileyo kubo ngentiyo yakho; ndizazise kubo, xenikweni ndithe ndakugweba. |
| 12. | Uya kwazi ukuba mna Yehova ndikuvile konke ukugiba kwakho, owakuthethayo ngeentaba zakwaSirayeli, usithi, Kusenkangala kuzo, sizinikiwe ukuba zibe kukudla. |
| 13. | Nizikhulisele ngam ngemilomo yenu, nawafumba phezu kwam amazwi enu; ndivile ke mna. |
| 14. | Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Lakuvuya ihlabathi lonke, ndokwenza kube senkangala kuwe. |
| 15. | Njengoko walivuyelayo ilifa lendlu kaSirayeli, ngenxa yokuba bekusenkangala kulo, ndiya kwenjenjalo kuwe; kuya kuba senkangala kuwe, ntaba yakwaSehire, nelakwaEdom lonke liphela; bazi ukuba ndinguYehova. |
| ← Ezekiel (35/48) → |