| ← Ezekiel (34/48) → |
| 1. | Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, |
| 2. | Nyana womntu, profeta ngabalusi bakwaSirayeli; profeta, uthi kubo, ngabalusi abo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha ke abalusi bakwaSirayeli, abaye bezalusa ngokwabo! Abalusi babengafanele ukwalusa umhlambi wabo, yini na? |
| 3. | Amanqatha niyawadla, uboya nizambathise ngabo; ezityetyisiweyo izimvu niyazixhela, umhlambi aniwalusi. |
| 4. | Ezityhafileyo anizomelezi, ezifayo aniziphilisi, ezaphukileyo anizibophi, eziziintsali anizibuyisi, ezidakileyo anizifuni; nizinyathela ngamandla kalukhuni. |
| 5. | Zaba lusali ngokungabi namalusi; zaba kukudla kwamarhamncwa onke asendle, zaba lusali. |
| 6. | Umhlambi wam wadungudela ezintabeni zonke, nasezindulini zonke ezinde, waba lusali umhlambi wam ebusweni bonke belizwe. Akubangakho namnye uwukhathalelayo, akwabakho namnye uwufunayo. |
| 7. | Ngako oko, balusindini, liveni ilizwi likaYehova, lisithi, |
| 8. | Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, inyaniso, ngenxa enokuba umhlambi wam ulixhoba, umhlambi wam udliwa ngamarhamncwa onke asendle, ngokungabi namalusi; abalusi bam bengawukhathaleli umhlambi wam, abalusi bezalusa ngokwabo, bengawalusi umhlambi wam: |
| 9. | ngako oko, balusindini, liveni ilizwi likaYehova, lisithi, |
| 10. | Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndibachasile ibalusi. Ndiya kuwubiza umhlambi wam ezandleni zabo, ndibanqumamise ekwaluseni umhlambi wam, bangabi sazalusa ngokwabo abalusi; ndiwuhlangule umhlambi wam emlonyeni wabo, ungabi saba kukudla kubo. |
| 11. | Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, mna ngokwam ndiya kuwukhathalela umhlambi wam, ndiwuvelele. |
| 12. | Njengoko umalusi awuvelelayo umhlambi wakhe, ngemini yokubakho kwakhe phakathi komhlambi wakhe othiwe saa qhu, ndiya kwenjenjalo ukuwuvelela umhlambi wam; ndiwuhlangule ezindaweni zonke, owaba lusali kuzo ngemini enamafu, enamafu amnyama. |
| 13. | Ndiya kuwukhupha ezizweni, ndiwubuthe emazweni, ndiwuse emhlabeni wawo, ndiwalusele ezintabeni zakwaSirayeli, ezihlanjeni nasezindaweni zonke ezimiweyo zelizwe. |
| 14. | Ndiya kuwalusela ebutyanini obulungileyo, libe sezintabeni ezinde zakwaSirayeli idlelo lawo; edlelweni elilungileyo, uya kubutha khona, udle utyani obutyebileyo ezintabeni zakwaSirayeli. |
| 15. | Mna ndiya kuwalusa umhlambi wam, ndiwenze ubuthe mna; itsho iNkosi uYehova. |
| 16. | Ezilahlekileyo ndiya kuzifuna, ndibuyise eziziintsali, ndibophe ezaphukileyo, ndizomeleze ezifayo; ke ezityebileyo ndozitshabalalisa, nezomeleleyo ndizaluse ngokusesikweni. |
| 17. | Nina ke, mhlambi wam, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndiya kugweba phakathi kweegusha neegusha, naphakathi kweenkunzi zeegusha neenkunzi zeebhokhwe. |
| 18. | Yinto encinane na kuni, ukuthi nibudle utyani obulungileyo, nize okuseleyo kotyani nikunyhashe ngamanqina enu? nisele amanzi angcwengekileyo, niwagxobhe aseleyo ngamanqina enu? |
| 19. | Umhlambi wam udla obunyhashiweyo ngamanquna enu; usela agxojiweyo ngamanqina enu. |
| 20. | Ngako oko itsho iNkosi uYehova kuzo ukuthi, Yabonani, mna ndiya kugweba phakathi kweegusha ezityebileyo neegusha ezinqinileyo. |
| 21. | Ngenxa enokuba nityhala ngehleza nangegxalaba, nizihlabe ngeempondo zenu ezityhafileyo zonke, nide nizenze zibe lusali, zigqibe ilizwe: |
| 22. | ndowusindisa umhlambi wam, ungabi saba lixhoba, ndigwebe phakathi kweegusha neegusha. |
| 23. | Ndomisa phezu kwawo umalusi abe mnye, awaluse, umkhonzi wam uDavide; yena uya kuwalusa, abe ngumalusi wawo yena; |
| 24. | mna Yehova ndibe nguThixo wawo, umkhonzi wam uDavide abe sisikhulu phakathi kwawo; mna Yehova ndithethile. |
| 25. | Ndiya kuwenzela umnqophiso woxolo, ndiwaphelise amarhamncwa amabi elizweni, uhlale entlango ukholosile, ulale emahlathini. |
| 26. | Ndowenza wona, kwaneendawo ezingeenxa zonke endulini yam, ube yintsikelelo; ndihlise imvula ngexesha elililo; iya kuba yimvula yentsikelelo. |
| 27. | Umthi wasendle wonika isiqhamo sawo, ilizwe linike indyebo yalo, banqabe emhlabeni wabo; bazi ukuba ndinguYehova, ekuzaphuleni kwam izikeyi zedyokhwe, ndibahlangule esandleni sabo babebakhonzisa. |
| 28. | Abayi kuba saba lixhoba leentlanga, angabadli amarhamncwa elizwe; bahlale bekholosile, kungabikho ubothusayo. |
| 29. | Ndobavelisela isityalo sokuba ludumo, bangabi sasuswa yindlala ezweni, bangabi sathwala hlazo leentlanga. |
| 30. | Baya kwazi ukuba mna Yehova Thixo wabo ndinabo, bangabantu bam bona, indlu kaSirayeli; itsho iNkosi uYehova. |
| 31. | Nina ke ningumhlambi wam, umhlambi wedlelo lam; nisisintu, ndinguThixo wenu; itsho iNkosi uYehova. |
| ← Ezekiel (34/48) → |